1. La maxwebhu The National Policy on Assessment and Qualifications for Schools in the General Education and Training Band (Gazette 29626 of 12 February 2007) ne-National Protocol on Recording and Reporting (Gazette 29467 of 11 December 2006) anika imizekelo yeeshedyuli yaye akwachaza ezona mfuno zisezantsi zezinto emazibekho kwishedyuli.
2. Okuqhotyoshelwe kule setyhula zezi shedyuli zaseburhulumenteni zilandelayo ezimele ukusetyenziswa zizikolo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni ukususela ngoJanuwari 2008. Kuvumelekile ukuba izikolo zizisebenzise ezi shedyuli ngo-2007 ukuba zifuna ngolo hlobo.
2.1 Schedule Grades R-3 WCED/WKOD097
2.2 Schedule Grades 4-6 WCED/WKOD098
2.3 Schedule Grades 7-8 WCED/WKOD099
2.4 Schedule Grades 9 WCED/WKOD100
2.5 Schedule Grades 10-12 WCED/WKOD101
3. Ishedyuli yirekhodi yekota, ezaliswa kane ngonyaka ekupheleni kwekota yesikolo nganye. Inika isishwankathelo senkqubela sabo bonke abafundi abakwibakala elithile esikolweni. Ishedyuli iyimfuneko ukugunyazisa inkqubela (progression), ukupasa (promotion) okanye ukugcinwa komfundi kwibakala akulo. Ishedyuli yokuphela konyaka mayisayinwe yinqununu negosa lesebe lemfundo elabelwe loo msebenzi. Yakuba nje ishedyuli isayinwe yinqununu naligosa lesebe lemfundo, iba luxwebhu olusemthethweni.
4. KumaBakala R - 12 kuya kuzaliswa iishedyuli zokuphela kwekota ekupheleni kwekota yokuqala ukuya kweyesithathu. Ishedyuli yokuphela konyaka yamaBakala R - 11 idibanisa intsebenzo yabafundi yazo zone iikota zesikolo.
4.1 Iziphumo zokuphela konyaka zabafundi beBakala 9 ziya kususela kwi-CASS (75%) nakwimiSebenzi eFanayo yeeMvavanyo (Common Task for Assessment) (25%)). Ishedyuli yeBakala 9 ikwafumaneka nayo kwi-CD yokugcina idatha yeBakala 9 ka-2007.
4.2 Akukho shedyuli yokuphela konyaka iya kuzaliswa kubafundi beBakala 12, njengoko baya kubhala uviwo lweMatriki lwangaphandle.
5. Akukho mfuneko yokuprinta iishedyuli zezi kota 1 - 3.
6. Iishedyuli eziprintiweyo zokuphela-konyaka mazigcinwe kwindawo enqatyisiweyo sisikolo ngalo lonke ixesha sisekho isikolo eso kwaye mazifikeleleke kubo bonke abathathi-nxaxheba abachaphazelekayo. Mazingaze zitshatyalaliswe. Kucetyiswa izikolo ukuba ziziprinte ezi shedyuli kwiphepha elingu-A3.
7. Iikopi ezimbini, zika - 2007, eziprintiweyo zeeshedyuli ezivunyiweyo zasayinwa mazingeniswe kumphathi wesekethe.
8. Ukususela ngo-2008, emva kokuba iishedyuli zokuphela konyaka zawo onke amabakala zisayiniwe, iikopi ezikwikhompyutha mazithunyelwe nge-imeyili ku-EMIS okanye zifakwe kwi-CD zinikwe u-EMIS ukulungiselela ukuba zigcinwe kwikhompyutha.
9. Izikolo zivumelekile ukusebenzisa iikopi zekhompyutha (electronic versions) zezi shedyuli, ngokuxhomekeka ekubeni kufakwe ingcaciso efanayo (jonga kumhlathi 1). Ukuba kugcinwe iikopi zekhompyutha, izikolo maziqinisekise ukuba i-software isoloko ifikeleleka. Ziyafumaneka iikopi zekhompyutha zezi shedyuli kubaququzeleli bovavanyo kwi-EMDC, okanye zingakotshwa ngekhompyutha kweli ziko lewebhu leemvavanyo: http://curriculum.wcape.school.za/site/21/page/view
10. Ukuzaliswa kweeshedyuli:
10.1 Iinqununu zinokunxibelelana nabaququzeleli bovavanyo be-EMDC ukufumana ingcaciso nesikhokelo.
10.2 Ikhasi lokuqala lazo zonke iishedyuli linemiyalelo emalunga nokuzaliswa kweshedyuli.
10.3 Kule setyhula uya kufumana kuqhotyoshelwe isiHlomelo A esinengcaciso engaphezulu ngendlela eya kufumaneka ngayo ikhowudi yenkqubela nokupasa kwabafundi ukuphela konyaka (final progression and promotion code).
11. Ziyabulelwa iinqununu ngentsebenziswano nenkxaso yazo.


ISAYINWE: NGU-S.M. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:09:14


The following documents relate to this circular:
  Acrobat documents require the Adobe ReaderŽ to view / print / save.
  Excel documents require Microsoft ExcelŽ to view / print / save - open in a separate window.
  The ".zip" versions are for saving to your hard drive and will need to be "unzipped" before using.

The Schedules:
Schedule Grades R-3  (Excel file: size 165 KB)  or  Schedule Grades R-3  (".zip" file: size 109 KB)
Schedule Grades 4-6  (Excel file: size 185 KB)  or  Schedule Grades 4-6  (".zip" file: size 113 KB)
Schedule Grades 7-8  (Excel file: size 223 KB)  or  Schedule Grades 7-8  (".zip" file: size 120 KB)
Schedule Grade 9  (Excel file: size 199 KB)  or  Schedule Grade 9  (".zip" file: size 117 KB)
Schedule Grades 10-12  (Excel file: size 190 KB)  or  Schedule Grades 10-12  (".zip" file: size 114 KB)

isiHlomelo A: UKUZALISWA KWEESHEDYULI  (Acrobat document: size 12 KB)

The Policy documents:
National Policy on Assessment and Qualifications for schools in the General Education and Training Band (GET) (Gazette 29626)  (Acrobat document: size 947 KB)
Annexure A: National Policy on Assessment and Qualifications for schools in the General Education and Training Band (GET) (Gazette 29650)  (Acrobat document: size 125 KB)

National Protocol for Recording and Reporting (Gazette 29467) (complete)  (Acrobat document: size 1078 KB)
National Protocol for Recording and Reporting (Gazette 29467) (less annexures)  (Acrobat document: size 761 KB)
National Protocol for Recording and Reporting (Gazette 29467) (annexures only)  (Acrobat document: size 358 KB)