1. UMphathiswa wePhondo woLawulo looMasipala noLwakhiwo lweZindlu, uMnu. R.Q. Dyantyi, ekunye neSebe leNkulumbuso, uza kuqalisa iphulo lokwazisa ngokuthatha inxaxheba koluntu kwisicwangciso sophuhliso esibanzi (isicwangciso sophuhliso esibanzi esibonisa iimfuno zabahlali). Eli phulo lakuqalisa ngomhla we-21 Februwari kude kube ngowe-31 Matshi 2007.
2. Njengenxalenye yephulo lokwazisa uluntu, kuza kucelwa abahlali ukuba bazalise iikhweshine baze bazifake kwiibhokisi zokuziqokelela eziya kubekwa kwiikliniki, ezikolweni, ezindaweni zeenkonzo zoluntu nasezikhululweni zamapolisa kwezo ndawo bahlala kuzo.
3. Eli phulo lijolise ekukhuthazeni uthatho-nxaxheba kwidemokhrasi kwiindawo zalapha ngokukhuthaza abahlali noluntu ngokubanzi ukuba bathathe inxaxheba kwinkqubo yesicwangciso sophuhliso esibanzi. Ngenxa yoku, kuya kukhuthazwa abafundi bezikolo, njengendima yemfundo yabo ngezobumi, ukuba bacenge abazali babo nezizalwana zabo ukuba bathathe inxaxheba kweli phulo .
4. ISebe loLawulo looMasipala noLwakhiwo lweZindlu lifuna intsebenziswano nezikolo kunye nabafundi ukuze komelezwe ulwazi lwabahlali yaye kuthwaliswane ngakumbi ngoxanduva lokwenza oomasipala babe nobutyala bokuphendula malunga nokubonelelwa koluntu ngeenkonzo ezikumgangatho ophezulu nezenziwa ngokukhawuleza. Okunye okuza kuzuzwa kweli phulo kukuba abafundi baza kufumana ithuba lokuvakalisa izimvo zabo njengabemi abaneemfuno ezizodwa nekufuneka zithathelwe ingqalelo mpela ngoomasipala.
5. Ukususela kumhla we-21 Februwari 2007 abasebenzi bophuhliso lwabahlali baza kuqhagamshelana neenqununu zezikolo bahambise iikhweshine eziza kunikwa abafundi bagoduke nazo bazinike abazali babo ukuze bazizalise baze bazibuyisele kwibhokisi yokuziqokelela esesikolweni.
6. Sibhenela ezikolweni ukuba zincede zikhuthaze abafundi ukuba babuyise iikhweshine ezininzi kangangoko banako. Isikolo esiqokelele ezona khweshine zininzi siya kuthathelwa ingqalelo eyodwa size sifumane kwakunye nebhaso kwiSebe loLawulo looMasipala noLwakhiwo lweZindlu.
7. Umntu emakuqhagamshelwane naye malunga neli phulo nguMnu Heinrich Magerman onguSekela-mlawuli kwezoThatho-nxaxheba luLuntu kwaye inombolo yakhe yefoni yile 021 483 2865/ 082 301 2884. Ukuba ufuna enye ingcaciso malunga nale projekti, musa ukuthandabuza, mfonele.
8. ISebe i-WCED liya lixhasa eli phulo yaye lithembele kwintsebenziswano yeziko nebhunga lolawulo zikolo (SGB's) ukuze eliphulo libeyimpumelelo.


ISAYINWE: NGU-J.H. LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:02:27