Home | Media Releases Index page


Intetho yamajelo eendaba

30 Disemba 2003


WIPhondo leNtshona Koloni liphinda okwesithathu ukufaka inqaku (hat-trick) ngeziphumo zematriki zika-2003

Intetho nguAndré Gaum, UMphathiswa weSebe leMfundo leNtshona Koloni

Iphondo leNtshona Koloni lizuze iqondo lokupasa elikumyinge wama-87,1% kwiimviwo zeMatriki zowe-2003 – eli lirekhodi elitsha kweli phondo.

Sizuze iqondo lokupasa elingaphezu komyinge wama-80% kangangeminyaka emithathu ilandelelana – amanqaku amathathu – ukuzuza awona manqaku aphakamileyo angazange akhe azuzwa ngaphambili liPhondo leNtshona Koloni.

Siye sagqitha kananjalo kumda wama-87% okokuqala. Ezi ziziphumo ezisemagqabini kwiphondo lethu.

Lo gama sibhiyozela ukunyuka kweqondo lokupasa lematriki, sikwabhiyozela kananjalo ukuba siye salikhulisa inani labaviwa abapasa iimviwo zematriki, kunye nomgangatho weziphumo. Ezi zizalathisi zenkqubela yenene.

Kubalulekile ukuqaphela ukuba ama-56% ezikolo eziphakamileyo ezikwiphondo laseNtshona Koloni – izikolo ezikuma-216 kwezingama-383 zizonke – zizuze iqondo lokupasa imatriki lama-90% okanye ngaphezulu ngowe-2003. Oku kananjalo kubonisa umgangatho ophakamileyo wemfundo eNtshona Koloni.

Ndichulumancile kananjalo ukwazisa ukuba inani ncakasana labaviwa abapase kulo nyaka likhulile, ukususela kuma-32 985 ngowe-2002 ukuya kuma-33 769 ngowe-2003, loo nto ithethe ukwanda ngama-784 abaviwa abaphumeleleyo.

Ndichulumancile kananjalo ukwazisa ukuba inani ncakasana labaviwa abapase kulo nyaka linyukile, ukususela kuma-32 985 ngowe-2002 ukuya kuma-33 769 ngowe-2003, loo nto ithethe ukwanda ngama-784 abaviwa abaphumeleleyo.

IPhondo leNtshona Koloni liye lafumana ukukhula okuzinzileyo kwenani labaviwa abaphumelela imatriki kule minyaka mithathu igqithileyo.

Oku kukhula ngenene kubonisa igalelo elikhulu elithe lenziwa kwezophuhliso lwemithombo yoluntu kwelaseNtshona Koloni.

Sithe chu ngokukhulisa inani lolutsha lweli phondo abanokujonga phambili kumathuba angcono ebomini, kunaxa kuthelekiswa nezizukulwanza zangaphambili, ngakumbi kwezo ndawo zoluntu oluhlwempuzekileyo.

Sisoloko sithetha ngokunyuka okubonakalayo kuhlahlo lwabiwo-mali. Ngoku sibona imali-nkunzi (capital) yohlobo oluthile, imali-nkunzi eluphuhliso lwemithombo yoluntu esiyidingayo ukuqinisekisa ukuba kukho uphuhliso oluzinzileyo kwelaseNtshona Koloni.

Ukwaleka umsundulo, ndinovuyo ukwazisa ukuba umgangatho wokupasa nawo unyukile.

  • Inani labaviwa abapase nge-endosimenti likhule ngama-205 olutsha, ukususela kuma-10 118 ngowe-2002 ukuya kuma-10 323 ngowe-2003.

  • Inani labaviwa abapase emagqabini linyukile ukususela kuma-6 736 ukuya kuma-7 005, ukukhula kungama-269.

  • Inani labaviwa abapase ezinkwenkwezini likhulile ukususela kuma-2 120 ukuya kuma-2 170, loo nto ithethe ukukhula ngama-50.

Iziphumo zeMatriki zowe-2003 zibonisa ukuba abantu baseNtshona Koloni banezizathu ezibambekayo zokuba bazive benethemba malunga nekamva.

Ikamva leli phondo liqala ngabantwana bethu ekufuneka bafumane ulwazi, izakhono neemfundiso zesiseko (values) abazidingayo ukuze babe nokuphila ubomi obufezekileyo kunye nokuba negalelo kuphuhliso lwephondo nolwelizwe lethu.

Umsebenzi wethu singuRhulumente wePhondo leNtshona Koloni kukudala “iKapa eliHlumayo”, nekufuneka liqale ngesiseko esiyimfundo, ukwakha imithombo yoluntu esiyidingayo ukuqinisekisa ukukhula nendyebo kumntu wonke.

Zininzi iindlela zokubulela isenzo sokugqwesa. Iqondo lokupasa lematriki liyenye yezo ndlela. Nanjengokuba ebalulekile namanani ubuqu abo bapasileyo, nomgangatho weziphumo ukwabalulekile kananjalo.

Okubaluleke ngokulinganayo yindlela ezithi izikolo zigcine ngayo iziphumo ezincumisayo kangangethuba elivisayo. Iziphumo ezincumisayo ezithe rhoqo zibonisa ulawulo olusemgangathweni, ukufundisa okusemgangathweni, ukuziphatha kakuhle, kunye namandla okuphuhlisa uvakalelo lokunxanelwa imfundo.

Iziphumo ezincumisayo ngokuthe rhoqo zibonisa ukuzimisela okuqhubelekayo ekugqweseni, yaye oko kufuneka kubulelwe.

Okubaluleke kakhulu ziimeko ezo ezithi izikolo zizifumanise zikuzo. Siyazibulela zonke izikolo ezizuze iziphumo ezigqwesileyo.

Nakubeni kunjalo, kufuneka sizigcinele indawo eyodwa ezo zikolo zigqwesayo, nangona zikwimeko yokuhlwempuzeka kwezoqoqosho nezentlalo.

Iziphumo zazo zibonisa ukuzimisela okukhulu kokuphumelela kuzo zonke iinzima ebezijongene nazo. Siyakhahlela kwezi zikolo yaye siya kuliwonga uninzi lwazo namhlanje.

Kunyaka odlulileyo, sithethile ngomba weqondo lokugqiba ukufunda (throughput rate) kwabafundi kwizikolo zethu eziphakamileyo. Amanani ethu obhaliso abonisa ukuba inani elininzi kakhulu labafundi lithi liyeke kwizikolo zethu eziphakamileyo phambi kokuba lugqibe imatriki.

Ngethamsanqa, uninzi lwezikolo zethu luye lwawusingatha ngezandla ezingenamkhinkqi lo mba yaye ziyaphumelela ukujongana nawo. Ndinovuyo nochulumanco ukwazisa ibhaso lokuwonga elitsha elibulela imizamo yezo zikolo ukuphucula amaqondo okugqiba kwabafundi ukufunda kwizikolo zabo. UMnu. Swartz uya kunikezela ingcombolo ngalo mba kungekudala.

ISebe leMfundo leNtshona Koloni alixhalabanga nje kuphela kukuphucula iqondo lokugqiba kwabafundi ukufunda nokukhulisa inani labaviwa abapasa imatriki. Likwaxhalatyiswa ngumba wokufikelela kumathuba engqesho kunye namathuba okuqhubela phambili ngemfundo, ngokukodwa kule meko igqubayo yentswela-misebenzi kwiindawo zokufuna imisebenzi.

Ngenxa yesi sizathu, siya kuqhubela phambili sisebenza nabalingane bethu baseburhulumenteni, kwezabasebenzi nakwabezoshishino, ukwandisa amathuba emisebenzi kunye nokufikeleleka kwemali yokuncedisa kwizifundo zokuqhubela phambili.

Singathanda ukuthatha eli thuba sivuyisane nabasencotsheni abangama-20 bematriki ngowe-2003, kunye nazo zonke izikolo zethu nabanye ngabanye abaya kuthi bahlomle kwezi mbasa namhlanje.

Nisebenze nzima kakhulu ukuza kufikelela kweli nqanaba, yaye siyakubulela oku. Sikwabulela bonke abo bathe banixhasa ekuzeni kufikelela kweli nqanaba.

Sibulela kananjalo amawaka ngamawaka abafundi, abazali, ootitshala kwanezikolo ezingamelwanga apha namhlanje, neziye zaphumelela ngendlela yazo ekhethekileyo, oko zikwenza ngamandla azo onke ebezinawo. Siyanikhahlela sinibulela ngemizamo yenu.

Ndingathanda ukuvakalisa ilizwi lombulelo kootitshala bethu ngokuzimisela kwabo ukuqinisekisa impumelelo yeklasi yematriki yowe-2003. Lo gama sivuyisana nabafundi bematriki babo bangowe-2003 ngempumelelo yabo, asingekhe silibale ukuba le mpumelelo ikwabonisa ukuzinikela kootitshala bethu nabaye bahamba le ndlela inde nani kule minyaka ili-12 igqithileyo ubuncinane.

Sijonge phambili ekusebenzisaneni neekomiti zethu zolawulo lwezikolo, amabhunga olawulo ezikolo, imibutho kunye nootitshala ngokumandla nangaphezulu ngowe-2004 ukugcina umgangatho wemfundo uphucuka njalo kweli phondo. Masiqinisekise ukuba sisoloko sigcina imigangatho ephakamileyo elaziwayo ngayo eli phondo.

Elokuvalelisa, ndingathanda ukubulela amagosa akulawulo oluphezulu neekomiti zawo ngomsebenzi obalaseleyo ekulawuleni inkqubo yeemviwo zematriki kulo nyaka.

Abo bantu babandakanya iNtloko yeSebe leMfundo kwiPhondo leNtshona Koloni, uMnu Ron Swartz; uSekela Mlawuli-Jikelele: KuCwangciso noPhuhliso lweMfundo, uMnu Brian Schreuder; owethu uMlawuli oyiNtloko: KwezoCwangciso lweMfundo, uNks Penny Vinjevold; uMlawuli wezoPhuhliso lweKharityhulam, uNks Jenny Rault-Smith, kunye noMlawuli weeMviwo, uMnu André Clausen.

Sikwabulela onke amahlakani ethu kwezemfundo, kuburhulumente nakwicandelo lezamashishini abucala, ngako konke abakwenzileyo ukuxhasa umsebenzi wethu ekuqinisekiseni ngemfundo esemgangathweni yabantu bonke.

Ngoku sesakhe isiseko esisidingayo ukuqinisekisa ngempumelelo yezemfundo kwiPhondo laseNtshona Koloni. Ngoku masisebenzeni kunye ukugqibezela lo msebenzi, wokukhulisa iKapa, kunye nokubonelela ngekamva eliqaqambileyo lethu sonke.

Jonga inthetho


Inquiries: Rudi Buys  082 577 6551

Issued by:
The Communication Directorate
Western Cape Education Department
Tel: (021) 467-2531
Fax: (021) 461-3694
Email: pattwell@pgwc.gov.za


 return to: Home | Media Releases Index page
©2003 WCED