1. Ngenxa yeengxaki zemali ezikhoyo kwakunye nengxelo efunyenweyo esuka kubasebenzisi esingisele kwinkqubo yasekhompyutheni yangoku, kwathathwa isigqibo sokuba makufuduswe isistim yasekhompyutheni yokugaya abasebenzi bakarhulumente nootitshala abasezi-ofisini isiwe kwisistim yangaphakathi, elawulwa yiCentre for eInnovation (CeI).

2. Abenzi-sicelo mabathathele ingqalelo okulandelayo:
2.1 Abenzi-sicelo abasele bebhalisiwe kwisistim: i-eRecruitment for Educators bona akukho mfuneko yokuba mababhalise kwakhona.
2.2 Yonke ingcaciso mayifakwe kwiprofayili yasekhompyutheni.
2.3 Le sistim iya kukwenzela ikharityhulam vitheyi (iSivi).
2.4 Ukukhutshelwa (downloading) kwamaxwebhu akuyomfuneko.
2.5 Xa kwenziwe uluhlu olufutshane lodliwano-ndlebe, iikopi eziqinisekisiweyo zawo onke amaxwebhu akhaphayo (umz. iziqinisekiso zemfundo, ilayisensi yokuqhuba, isazisi, njl. njl.) mazingeniswe kwikomiti yodliwano-ndlebe.

3. Izicelo zezithuba ezipapashiweyo zinokwenziwa ngesistim yasekhompyutheni kuphela, ukususela nge-01 Novemba 2018.

4. Fumana apha incwadi esetyenziswayo eqhotyoshelweyo njengesiHlomelo A.

5. Kucelwa uqinisekise ukuba le ngcaciso imfutshane yaziswa bonke abasebenzi ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEENKONZO ZAMAZIKO
UMHLA: 2018:10:31

IsiHlomelo A: ISikhokelo soKwenza iZicelo zeZithuba saseKhompyutheni seWCED  (ubukhulu: 78 KB)