Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:  20181024-7834
3/3/3/1/1
IMIBUZO:   IZiko leeFoni    IFONI:   021 467 2539  IFEKSI:   021 467 2760

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOLAWULO LWEZABASEBENZI NGOBUCHULE:  0009/2018


IYA:   

KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, KUMASEKELA BALAWULI, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KWIINTLOKO ZOLAWULO NOKUPHATHWA KWAMAZIKO, KWIINTLOKO EZINIKA INKXASO YEKHARITYHULAM KWIZITHILI; KWIINTLOKO EZINIKA INKXASO KUBAFUNDI KWIZITHILI; KWIINQUNUNU NAKUBO BONKE OOTITSHALA


 

UKUBALULEKA KOLAWULO LWENTSEBENZO ESEMGANGATHWENI


1. Apha kuqhotyoshelwe ikhalenda ye-Integrated Quality Management System (IQMS) ka-2019 emalunga nokuqulethwe kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo lwezaBasebenzi ngoBuchule 0003/2018 yange-27 Februwari 2018.

2. Le khalenda inika isikhokelo seenkqubo eziyimfuneko kunye nemihla esikiweyo echaphazelekayo. Kucelwa izikolo ziyithobele ngqo imihla yokungeniswa kwamaxwebhu enikiweyo zii-ofisi zezithili ukwenzela ukuba ziyibambe ngqo imihla esikiweyo ebhalwe kwikhalenda.

3. Ulawulo lwentsebenzo yinkqubo enxibelelanisa izicwangciso zeziko neenjongo kwiinjongo zeeyunithi ezincinane (subunit goals) nakwisikhundla somntu ngamnye. Ijolise ekunikeni isikhokelo nasekuphuculeni intsebenzo yomntu ngamnye, ukuze kuphuculwe ukusebenza ngokuyimpumelelo kwesebe namaziko emfundo. Le nkqubo ke ngoko yinkqubo engokuphuhliswa kwezakhono nobuchule ukulungiselela umntu ngamnye/iziko/nesebe ngokubanzi.

4. Ulawulo lwentsebenzo oluqhubeka okokoko lunceda:

  • ekumiseleni umoya wentsebenzo egqwesileyo;
  • ekuphuculeni ulwazi nokuqonda ngezo zinto uzilindeleyo;
  • ekuphuculeni unxibelelwano;
  • ekukhuthazeni uvavanyo olunobulungisa nolungakhethi cala;
  • ekunikeni amathuba abhekiselele kwiimfuno zophuhliso;
  • ekulawuleni intsebenzo enganelisiyo ngokuthatha amanyathelo okuthintela ingxaki kwangoko;
  • ekukhokeleni nasekunikeni inkxaso abasebenzi; kunye
  • nokubonelela ngesiseko sezigqibo zethuba elizayo.
5. Kunyanzelekile ukuba zonke iinqununu nabasebenzi baqinisekise ukuba ukuhlolwa kwentsebenzo kwenziwa rhoqo. Bonke ootitshala, nokuba baqeshwe isigxina okanye baqeshwe njengabalingwa okanye ngokwemvumelwano, mayihlolwe intsebenzo yabo, yaye ireyithingi nganye ebonisa intsebenzo mayisekelwe kubungqina. Ukubekwa esweni nokunikwa inkxaso kwentsebenzo yinkqubo eqhubekeka okoko.

6. Kuluxanduva lwazo zonke iinqununu nootitshala ukuqinisekisa ukuba iirivyu nokuhlolwa kokugqibela kwentsebenzo yabo kuqhutywa ngokwemigqaliselo emiselwe kwiMvumelwano i-IQMS Collective Agreement 8 of 2003. Kubalulekile ukuba ithotyelwe ngqo imihla esikiweyo yokungeniswa kwamaxwebhu ayimfuneko.

7. Iinqununu ziya kuphendula ngokungeniswa kwamaxwebhu ayimfuneko. Ukungangeniswa kwala maxwebhu ayimfuneko kunokubangela ukuba utitshala angawunikwa uchatha kumvuzo wakhe.

8. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo abaphantsi kweliso lakho ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEENKONZO ZEZIKO
UMHLA: 2018:11:21


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47


La maxwebhu alandelayo abhekisele kule kwingcaciso.
Sebenzisa i-Adobe Acrobat ReaderĀ® ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
Klikha kwisihloko esingezantsi:  uxwebu luya kuvula i-Acrobat ReaderĀ® apho unokugcina okanye uprinte ikopi.
Ukubuyela kule kwingcaciso, klikha kwi logo ye-WCED Online ephezulu kwesi sikrini.
Ikhalenda ye-Integrated Quality Management System (IQMS) yamaziko emfundo ngo-2019  (ubukhulu: 34 KB)
Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe