Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:  20180824-5623
3/3/3/1/1
IMIBUZO:   IZiko leeFoni    IFONI:   021 467 2539  IFEKSI:   021 467 2760

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOLAWULO LWEMICIMBI YABASEBENZI:  0008/2018


IYA:   

KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, KUMASEKELA BALAWULI, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KWIINTLOKO ZOKUPHATHA NOLAWULO LWAMAZIKO, KWIINTLOKO ZOKUNIKA INKXASO KWIKHARITYHULAM, KWIINTLOKO ZOKUNIKA INKXASO KUBAFUNDI KWIZITHILI, KWIINQUNUNU NAKUBO BONKE OOTITSHALA


 

UKUSAYINWA KWEENKCAZO ZOMSEBENZI NGOOTITSHALA ABASEZIKOLWENI


1. NgoMeyi 2017, iBhunga laBaphathiswa leMfundo (Council of Education Ministers) (CEM) lavuma ukuba bonke ootitshala abasezikolweni mabasayine iinkcazo zomsebenzi ezifanelekileyo zabo (relevant job descriptions) (JDs).

2. Imisebenzi engundoqo noxanduva lootitshala abakwinqanaba lesithuba 1–4 ikhankanyiwe ukusuka kumakhasi 18–35 omgaqo-nkqubo ohlaziywe ngokutsha wePersonnel Administrative Measures (PAM) ngokweGazethe kaRhulumente No. 39684, yowe-12 Februwari 2016.

3. Umgaqo-nkqubo iPAM ukhankanya iindima noxanduva lootitshala abasezikolweni ngolu hlobo lulandelayo:

  1. IsiHlomelo A.2: Utitshala
  2. IsiHlomelo A.3: Utitshala oneqhuzu (senior teacher)
  3. IsiHlomelo A.4: Utitshala oyinkokeli (master teacher)
  4. IsiHlomelo A.5: Intloko yecandelo lesifundo (departmental head)
  5. IsiHlomelo A.6: Isekela nqununu
  6. IsiHlomelo A.7: Inqununu
4. Umphathi wesekethe, njengomphathi okufutshane wenqununu, kuya kufuneka asayine iinkcazelo zomsebenzi kunye nazo zonke iinqununu kwiisekethe zazo.

5. Iinqununu kulindeleke ziqinisekise ukuba bonke ootitshala ezikolweni zabo baneenkcazelo zomsebenzi zabo abazisayina kunye neesuphavayiza zabo (iintloko zamacandelo ezifundo namasekela nqununu ngokulandelelanayo).

6. Ukuphunyezwa kokusayinwa kweenkcazelo zomsebenzi kuya kuqaliswa ngezigaba ngezigaba ngolu hlobo lulandelayo:

Isigaba 1: Zonke iinqununu kuya kufuneka zisayine iinkcazelo zomsebenzi zango-2018 kunye neesuphavayiza zazo ungadlulanga owe-30 Novemba 2018.
Isigaba 2: Bonke ootitshala abasezikolweni, kuqukwa neeKomiti zoLawulo zeZikolo (School Management Teams) (SMTs), kufuneka basayine iinkcazelo zomsebenzi zabo zango-2018 kunye neesuphavayiza zazo ungadlulanga owe-14 Disemba 2018.

7. Kwilinge lokukhuthaza ukuphendula ngokwenzayo kwisebe, ukwenjenje kucelwa ukuba aBaphathi beeSekethe neeNqununu baqinisekise ukuba izikolo ziyawuthobela lo myalelo.

8. Fumana apha kuqhotyoshelwe iikopi zeethempleyithi zeenkcazelo zomsebenzi.

9. Iyathakazelelwa kakhulu intsebenziswano nenkxaso yakho ngalo mba.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEENKONZO ZEZIKO
UMHLA: 2018:10:24


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47


La maxwebhu alandelayo abhekisele kule kwingcaciso.
Sebenzisa i-Adobe Acrobat Reader® ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
Klikha kwisihloko esingezantsi:  uxwebu luya kuvula i-Acrobat Reader® apho unokugcina okanye uprinte ikopi.
Ukubuyela kule kwingcaciso, klikha kwi logo ye-WCED Online ephezulu kwesi sikrini.
"Government Gazette No. 39684"  (ubukhulu: 1 150 KB)
"IsiHlomelo A.2"  (ubukhulu: 33 KB)
"IsiHlomelo A.3"  (ubukhulu: 39 KB)
"IsiHlomelo A.4"  (ubukhulu: 36 KB)
"IsiHlomelo A.5"  (ubukhulu: 33 KB)
"IsiHlomelo A.6"  (ubukhulu: 32 KB)
"IsiHlomelo A.7"  (ubukhulu: 39 KB)
Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe