1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) licela bonke abaqeshwa benkonzo karhulumente abanqwenela ukwenza izifundo ngokungesosigxina ngo-2019 ukuba benze isicelo seebhasari zokufunda ngokungesosigxina. |
2. |
Ukungqinelana nomthetho i-National Qualifications Framework Act, ka-2008 (uMthetho 67 ka-2008), njengoko ufakelwe izilungiso, kwaneemfuno ezimiselweyo zokungena kwizithuba zabaphathi abaphakathi nabaphathi abakhulu (middle management and senior management), iWCED iya kuqala ikhethe abaqeshwa benkonzo karhulumente abanqwenela ukuphucula isiqinisekiso semfundo yabo iyokufika kwinqanaba lesidanga (degree-level) (NQF 7) okanye abanqwenela ukwenza izifundo ezibakhokelela kwinqanaba lesidanga sokuqala (NQF 7). |
3. |
Iibhasari ziya kunikwa abenzi-sicelo kuphela ukuba:
|
3.1 |
bangabemi baseMzantsi Afrika; |
3.2 |
bangabaqeshwa beWCED abaqeshwe isigxina ngokoMthetho weNkonzo kaRhulumente, ka-1994 (uMthetho 103 ka-1994); |
3.3 |
bayazifezekisa iimfuno zokwamkelwa zeZiko leMfundo ePhakamileyo (Higher Education Institution) (HEI) elichaphazelekayo; |
3.4 |
banobungqina bokuba basenzile isicelo okanye banekopi yerisithi yentlawulo evela kwi-HEI yonyaka wokufunda ka-2019; |
3.5 |
bazimisele ukwenza izifundo ngokungesosigxina ngo-2019; |
3.6 |
bafundela ukuzuza isiqinisekiso semfundo i-undergraduate qualification okanye i-post graduate qualification; yaye |
3.7 |
abafumani enye ibhasari karhulumente okanye nayiphi na enye ibhasari. |
4. |
Zonke izicelo ziya kuphononongwa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo: |
4.1 |
Ukufaneleka kwenkalo yesifundo ekujoliswe kuyo ngokunxulumene neemfuno zobuchule zexesha langoku nezexesha elizayo zeWCED |
4.2 |
Imfuno yecandelo elichaphazelekayo yezakhono ezithile okanye ezinqabileyo |
4.3 |
Ubulungisa kwezengqesho (ngokohlanga, isini, ukhubazeko) |
4.4 |
Ukuba ngaba abenzi-sicelo basuka kwiindawo zasemaphandleni na okanye kwezasezidolophini |
4.5 |
Ukufaneleka kwezifundo kwinkcazo yomsebenzi othile |
4.6 |
Amanqanaba omvuzo nokufumaneka kwemali |
4.7 |
Iziqinisekiso zemfundo zokuqala zithelekiswa neziqinisekiso zemfundo zesibini |
5. |
La maxwebhu alandelayo makahambe kunye nesicelo: |
5.1 |
Ifom yesicelo sebhasari ezaliswe ngokupheleleyo (eqhotyoshelwe kule Ngcaciso iMfutshane). |
5.2 |
Inkcazo ebhaliweyo yoqikelelo lweendleko zokufunda (ezokubhalisa nezezifundo) evela kwi-HEI yonyaka wokufunda ka-2019 (le ngcaciso iyafumaneka kwi-HEI) |
5.3 |
Ingcebiso yesuphavayiza nencwadi enezizathu ezithethelela isicelo |
5.4 |
Ubungqina besicelo okanye ikopi yerisithi yentlawulo evela kwi-HEI |
6. |
Azisayi kuqwalaselwa izicelo ezifike emva kwexesha elimiselweyo, ezingazaliswanga ngokupheleleyo nezithunyelwe ngefeksi okanye apho ingabonakaliyo into ebhaliweyo kuzo. |
7. |
Kuya kuqwalaselwa kuqala izicelo zezi nkalo zezifundo zilandelayo, apho kukho ukunqongophala kwabasebenzi abaqeqeshiweyo kunye/okanye imfuno ezingileyo yeWCED:
NO. |
UHLOBO LWESIQINISEKISO SEMFUNDO |
INKALO/ICANDELO LESIFUNDO |
1. |
Degree/Diploma |
Financial Management Systems; Financial Management; Accounting and Auditing |
2. |
Degree/Diploma |
Human Resource Management/Development |
3. |
Degree/Diploma |
Public Management |
4. |
Degree/Diploma |
Office Management and Technology |
5. |
Degree |
Project Management |
6. |
Degree |
LLB/Labour Relations/Labour Law |
|
8. |
Zonke izicelo mazingeniswe engadlulanga uLwesihlanu, we-31 Agasti 2018, kwiCandelo loLawulo lwaBasebenzi ngoBuchule, ukuze ziqwalaselwe nguMnu L Ndzongo e-Room 9, e-8th Floor, e-Golden Acre Building, eKapa, okanye ziposelwe ku- Private Bag X9114 Cape Town, 8000. |
9. |
IKomiti yeBhasari iya kuqwalasela zonke izicelo yenze iingcebiso zokukhutshwa kweebhasari. Inani lezicelo ezifunyenweyo nemali efumanekayo liya kumisela inani leebhasari ezinikiweyo.
|
10. |
Ngamnye umenzi-sicelo ophumeleleyo kuya kulindeleka ukuba angene kwimvumelwano eqingqiweyo (imvumelwano yebhasari) neWCED yokwenza inkonzo yonyaka ngomnyaka ngamnye anikwe ngawo ibhasari yaye ayithobele yonke eminye imigqaliselo ekhankanywe kwimvumelwano. |
12. |
Kucelwa uqinisekise ukuba bonke abasebenzi benkonzo karhulumente abakwicandelo lakho bakuxelelwe okukule ngcaciso imfutshane ukwenzela ukuba bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
IBAMBELA LENTLOKO YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2018:07:04
|
 |