1. Oko kulandela okuqulethwe yiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo lwezaBasebenzi ngoBuchule 0002/2017 yange-07 Apreli 2017, siqhoboshele apha le khalenda ye-Integrated Quality Management System (IQMS) ka-2018.

2. Le khalenda inika isikhokelo seenkqubo eziyimfuneko kunye nemihla esikiweyo echaphazelekayo. Kucelwa izikolo ziyithobele ngqo imihla yokungeniswa kwamaxwebhu enikiweyo zii-ofisi zezithili ukwenzela ukuba ziyibambe ngqo imihla esikiweyo ebhalwe kwikhalenda.

3. Ulawulo lwentsebenzo yinkqubo enxibelelanisa izicwangciso zeziko neenjongo kwiinjongo zeeyunithi ezincinane (subunit goals) nakwisikhundla somntu ngamnye. Ijolise ekunikeni isikhokelo nasekuphuculeni intsebenzo yomntu ngamnye, ukuze kuphuculwe ukusebenza ngokuyimpumelelo kwesebe namaziko emfundo. Le nkqubo ke ngoko yinkqubo engokuphuhliswa kwezakhono nobuchule ukulungiselela umntu ngamnye/iziko/nesebe ngokubanzi.

4. Ulawulo lwentsebenzo oluqhubeka okokoko lunceda:

  • ekumiseleni umoya wentsebenzo egqwesileyo;
  • ekuphuculeni ulwazi nokuqonda ngezo zinto uzilindeleyo;
  • ekuphuculeni unxibelelwano;
  • ekukhuthazeni uvavanyo olunobulungisa nolungakhethi cala;
  • ekunikeni amathuba abhekiselele kwiimfuno zophuhliso;
  • ekulawuleni intsebenzo enganelisiyo ngokuthatha amanyathelo okuthintela ingxaki kwangoko;
  • ekukhokeleni nasekunikeni inkxaso abasebenzi; kunye
  • nokubonelela ngesiseko sezigqibo zethuba elizayo.
5. Kunyanzelekile ukuba zonke iinqununu nabasebenzi baqinisekise ukuba ukuhlolwa kwentsebenzo kwenziwa rhoqo. Bonke ootitshala, nokuba baqeshwe isigxina okanye baqeshwe njengabalingwa okanye ngokwemvumelwano, mayihlolwe intsebenzo yabo, yaye ireyithingi nganye ebonisa intsebenzo mayisekelwe kubungqina.

6. Kuluxanduva lwazo zonke iinqununu nootitshala ukuqinisekisa ukuba iirivyu nokuhlolwa kokugqibela kwentsebenzo yabo kuqhutywa ngokwemigqaliselo emiselwe kwiMvumelwano i-IQMS Collective Agreement 8 of 2003. Kubalulekile ukuba ithotyelwe ngqo imihla esikiweyo yokungeniswa kwamaxwebhu ayimfuneko.

7. Ukungangeniswa kwala maxwebhu kunokubangela ukuba utitshala angawunikwa uchatha kumvuzo wakhe. Iinqununu maziqaphele ukuba ziya kuphendula ngamaxwebhu ayimfuneko amele ukungeniswa ukuba zifunyaniswe zingenankathalo.

8. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo abaphantsi kweliso lakho ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEENKONZO ZEZIKO
UMHLA: 2018:02:27

Ikhalenda ye-Integrated Quality Management System (IQMS) yamaziko emfundo ngo-2018  (ubukhulu: 34 KB)