Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:  20180212-9189
3/3/3/1/5
IMIBUZO:   IZiko leeFoni    IFONI:   021 467 2539  IFEKSI:   021 467 2760

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOLAWULO LWABASEBENZI NGOBUCHULE:  0002/2018


IYA:   

KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, KUMASEKELA-BALAWULI, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KWIINTLOKO ZOLAWULO NOKUPHATHWA KWAMAZIKO, KWIINTLOKO EZINIKA INKXASO YEKHARITYHULAM KWIZITHILI; KWIINTLOKO EZINIKA INKXASO KUBAFUNDI KWIZITHILI; KWIINQUNUNU NAKUBO BONKE ABASEBENZI BENKONZO KARHULUMENTE


 

ISIGQIBO NOMYALELO ONGENKQUBO YOLAWULO LWENTSEBENZO NOPHUHLISO LWABASEBENZI KUBAQESHWA BENKONZO KARHULUMENTE ABAKWINQANABA LOMVUZO 1 UKUYA KU-12 KUNGABANDAKANYWANGA AMALUNGU ENKONZO YABAPHATHI ABAKHULU (SENIOR MANAGEMENT SERVICE (SMS))


1. ISebe leNkonzo kaRhulumente noLawulo (iSebe DPSA) lakhupha iSetyhula 5 ye-DPSA ka-2017, yomhla we-15 Septemba 2017, ukwazisa onke amasebe ngeenguqu kwiNkqubo yoLawulo lweNtsebenzo noPhuhliso lwaBasebenzi (Performance Management and Development System (PMDS)) kwakunye noxwebhu oluqhotyoshelweyo lweSigqibo i-Determination and Directive on the PMDS for employees other than members of the Senior Management Service (SMS) ukuncedisa amasebe ukuqalisa ezi nguqu.

2. ISigqibo Determination and Directive on the PMDS for employees other than members of the SMS, esakhutshwa ngokweziqendu 3(1), 3(2) no-4(3) soMthetho weNkonzo kaRhulumente, 1994 (uMthetho 103 of 1994), ezifundwa kunye nemimiselo 71 no- 72 kwi-Public Service Regulations (PSR), 2016, eyapapashwa kwiGazethi No. 40167 ye-29 Julayi 2016, siya kuqala ukusebenza ngowe-01 Apreli 2018.

3. Ulawulo lwentsebenzo lumele ukwenziwa ngendlela yothetha-thethwano, enika inkxaso engenacalucalulo ukuphucula ukusebenza ngempumelelo kweziko, ukuba nokuphendula ngokusetyenziswa kwezibonelelo nemithombo yezemali nokufezekisa iinjongo iziko elijolise kuzo. Makuthathelwe ingqalelo ezi nguqu ziphambili zibalulekileyo zilandelayo:
3.1 I-Key Result Area (KRA) nganye imele ukunikwa amanqaku ayipesenti ngokwenqanaba lentsebenzo nefuthe loko kumsebenzi womqeshwa. Amanqaku azo zonke ii-KRAs amele ukuba ngu-100% xa edityanisiwe. Makuqatshelwe: Amanqaku e-KRA nganye awayi kuba ngaphantsi ko-10% yaye awayi kuba ngaphezu ko-30%.
3.2 Abaqeshwa baya kuchonga, baxoxe baze bavumelane ngemiba yohlolo ezi-Generic Assessment Factors (GAFs) eyiyezona ifanelekileyo kwinkalo yomsebenzi wabo. I-GAFs eziqhotyoshelweyo aziyi kunikwa manqaku okanye zihlolwe ngokuzimeleyo, kodwa mazibandakanywe yaye zihlolwe ngendlela ehlangeneyo nee-KRAs. Ii-GAFs zichaza iimfuno zobuchule, zithathela ingqalelo ulwazi, izakhono neempawu zobuchule ezifanelekileyo kumsebenzi womqeshwa oko kukuthi ulwazi ngomsebenzi, izakhono zobugcisa, ukwamkela ukuthwala uxanduva, umgangatho womsebenzi, ukuthembeka, ukubanako ukuqalisa izinto ngokwakhe, unxibelelwano, unxulumano nabantu, ukulungela zonke iimeko, intsebenziswano, ukwenza izicwangciso nokuzifezekisa, ubunkokheli, ukudlulisela igunya kwabanye nokuxhotyiswa nokulawulwa kwabasebenzi nemithombo yezemali.
3.3 Ukwenziwa kweerivyu zentsebenzo zaphakathi enyakeni nokuhlolwa kwentsebenzo kwaqho ngonyaka kunyanzelekile yaye makwenziwe kumaxwebhu abhaliweyo. Ukuhlolwa qho ngonyaka kuya kubonisa intsebenzo yomqeshwa kumjikelo wentsebenzo opheleleyo (ka-Apreli ukuya kuMatshi).
3.4 Isikali sereyithingi esinamaqondo ereyithingi amane (four-point rating scale) siya kusetyenziselwa ukuhlola intsebenzo yabaqeshwa kungabandakanywanga amalungu e-SMS. Ireyithingi engu-"3" kwisikali ithetha "intsebenzo epheleleyo". Ngokwale nkqubo yereyithingi yentsebenzo, umqeshwa oreyithwe" njengonentsebenzo epheleleyo" uzifezekisile ngokupheleleyo iimfuno ezimiselweyo zomsebenzi.

Le theyibhile ingezantsi icacisa esi sikali sereyithingi sinamaqondo amane, iindidi zentsebenzo neenkcazo ezihamba kunye nazo:

Ireyithingi Iindidi namamnqaku Inkcazo
1 Ayibonakali intsebenzo
(ingaphantsi okanye ilingana no-66%)
Intsebenzo ayifikeleli kumgangatho olindelekileyo kulo msebenzi. Irivyu/ukuhlolwa kubonisa ukuba umqeshwa ufumene ngaphantsi kweziphumo zentsebenzo epheleleyo xa kuthelekiswa nazo zonke okanye phantse zonke iikhrayitheriya zentsebenzo nezalathi njengoko zicacisiwe kwiMvumelwano (PA) yeNtsebenzo nesiCwangciso soMsebenzi.
2 Intsebenzo engaphelelanga ncam
(67%–99%)
Intsebenzo iyayifikelela eminye imigangatho elindelekileyo kulo msebenzi. Irivyu/ukuhlolwa kubonisa ukuba umqeshwa ufumene ngaphantsi kweziphumo zentsebenzo epheleleyo (intsebenzo engaphelelanga ncam) xa kuthelekiswa ngaphezu kwehafu yeekhrayitheriya zentsebenzo nezalathi njengoko zicacisiwe kwiMvumelwano (PA) yeNtsebenzo nesiCwangciso soMsebenzi.
3 Intsebenzo epheleleyo
(100%–119%)
Intsebenzo iyafikelela ngokupheleleyo kwimigangatho elindelekileyo kuzo zonke iinkalo zomsebenzi. Irivyu/ukuhlolwa kubonisa ukuba umqeshwa ufumene iziphumo zentsebenzo epheleleyo ezizezona zincinane xa kuthelekiswa nazo zonke iikhrayitheriya zentsebenzo nezalathi njengoko zicacisiwe kwiMvumelwano (PA) yeNtsebenzo nesiCwangciso soMsebenzi.
4 Intsebenzo egqwesileyo
(120%–133%)
Intsebenzo iyawogqitha ngokungaphezulu umgangatho olindelekileyo kumqeshwa kweli nqanaba. Irivyu/ukuhlolwa kubonisa ukuba umqeshwa ufumene bhetele kuneziphumo zentsebenzo epheleleyo xa kuthelekiswa ngaphezu kwehafu/okanye kwazo zonke iinkalo zekhrayitheriya yeziphumo zentsebenzo nezalathi njengoko zicacisiwe kwiMvumelwano yeNtsebenzo (PA) nesiCwangciso soMsebenzi yaye ugciniwe lo mgangatho kuzo zonke iinkalo zomsebenzi kumjikelo wentsebenzo uwonke.
3.5 Kuphela ngamanani apheleleyo amakasetyenziswe ukunika amanqaku (akavumelekanga amaqhezu edesimali (decimals numbers), umz. 3,5)

4. Kubalulekile ukuba kuhanjwe ngayo ngokungqongqo imihla emisiweyo ngokwekhalenda yeSPMDS nekhalenda yokucwangcisela izikolo ngakumbi xa kufuneka kungeniswe iimvumelwano zentsebenzo (PA) neerivyu zaqho kwiinyanga ezintandathu. Abaqeshwa abayi kufumana zibonelelo njengezikhuthazi zentsebenzo xa ngaba amaxwebhu awangeniswanga ngexesha.

Imihla emisiweyo kumjikelo ka-2018/2019 yile ilandelayo:

Umsebenzi Umhla omisiweyo
Makugqitywe iimvumelwano zentsebenzo 30 Apreli 2018
Kungeniswe izafikethi 31 Meyi 2018
Makugqitywe iimfuno zoqeqesho yaye kungeniswe izatifikethi 31 Meyi 2018
Makugqitywe iirivyu zaqho ngeenyanga ezintandathu yaye kungeniswe izatifikethi 28 Septemba 2018
Makugqitywe yaye kungeniswe amanqaku okuhlolwa okugqibela 19 Apreli 2019

5. Akuvumelekanga ukuba abaqeshwa bafakele izilungiso kwiimvumelwano zentsebenzo (PA) kwikota yokugqibela yomjikelo wentsebenzo (oko kukuthi ngoJanuwari ukuya kwi-31 Matshi), ngaphandle kokuba iinguqu kwinkcazo yengqesho yomqeshwa, kwinqanaba lokuhlelwa komsebenzi (job grade), kwimeko-bume yeziko (organisational structure) leSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) okanye kwimisebenzi okanye kwizilungiso kwinjongo nakwiziphumo zeeprayorithi kwiziphumo ezibalulekileyo kwikhontenti yomsebenzi womqeshwa. Kwiimeko ezifana nezi iimvumelwano zentsebenzo (PA) ezifakelwe izilungiso mazihanjiswe nenkcazo ebhaliweyo enezizathu ezixhasa oku esayinwe yisuphavayiza nentloko yecandelo.

6. Ukuba umqeshwa akakho ngemvume okanye ngenxa yokuba enqunyanyisiwe okwethutyana ngokwemiqathango yezolawulo kangangethuba eliqhubeka okoko leenyanga ezintathu okanye ezingaphezu koko, umqeshwa ochaphazelakayo uya kuthathwa njengobenentsebenzo eyanelisayo ngelo thuba lokungabikho kwakhe lalo mjikelo wentsebenzo uchaphazelekayo (UMmiselo 72 (12)). Amathuba okungabikho emsebenzini ongeziweyo ngemvume, abandakanya zonke iindidi zekhefu elivunyiweyo.

7. Iindlela zokusonjululwa kwembambano mazibandakanye nawuphi na umahluko onokubakho ngenxa yeemvumelwano zentsebenzo, iirivyu zentsebenzo nokuhlolwa kwentsebenzo. Nakuphi na ukungavumelani makuqale kusonjululwe ngaphakathi kwelo ziko/yunithi/khomponethi/sebe. Ukuba kuvela imbambano njengoko kuchatshazelwe kummiselo 72(4) we-PSR, iGunya leSigqeba (Executive Authority) okanye elo gosa kudluliselwe kulo amagunya, liya kunyula umlamli (mediator), oya kuba ngumqeshwa, oya kuyiqwalasela imbambano ingadlulanga inyanga enye emva kokuphela komhla omisiweyo wokusayinwa kweMvumelwano yeNtsebenzo (Performance Agreement (PA)).

8. Abaqeshwa abaqeshwe njengabalingwa banyanzelekile bagqibe iirivyu ezine zaqho ngekota (four quarterly reviews) yaye kuya kusetyenziselwa ukuhlolwa kokugqibela ukungqinisisa ukuqeshwa kwabo njengabalingwa.

9. Umgaqo-nkqubo we-PMDS kaRhulumente weNtshona Koloni ufakelwa izilungiso ngokungqinelana neSigqibo noMyalelo onge-PMDS.
9.1 Abaqeshwa bakwaNdlunkulu nabakwii-ofisi zezithili abasebenzisa i-Performance Management Information System (PERMIS) ukurekhoda ii-PAs nokugqiba iirivyu kuyo, sebeyiqalile inkqubo yolungelelwaniso. Kuya kubonelelwa ngoqeqesho oluyimfuneko olumalunga noku.
9.2 Abasebenzi abanika inkxaso ezikolweni baya kuqhubeka ngokulandela ii-PA eyingcaciso ebhalwe emaphepheni nenkqubo yerivyu. Iifom ezikhoyo ze-PA nezicwangciso zophuhliso zomqeshwa ngamnye, oko kukuthi isiHlomelo A no-B, kumele zibe zisasetyenziswa kumjikelo ka-2018/2019 Kuya kubonelelwa ngoqeqesho olufanelekileyo nemathiriyeli yalo yaye iya kulandela imbalelwano engaphezulu emalunga nezi nguqu kwiirivyu zaqho ngeenyanga ezintandathu nakwiirivyu zentsebenzo zaqho ngonyaka.

10. Kucelwa wazise ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane kubo bonke abasebenzi abaphantsi kolawulo lwakho ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEENKONZO ZEZIKO
UMHLA: 2018:03:07


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47


La maxwebhu alandelayo abhekisele kule kwingcaciso.
Sebenzisa i-Adobe Acrobat Reader® ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
Klikha kwisihloko esingezantsi:  uxwebu luya kuvula i-Acrobat Reader® apho unokugcina okanye uprinte ikopi.
Ukubuyela kule kwingcaciso, klikha kwi logo ye-WCED Online ephezulu kwesi sikrini.
"Public Service Act, 1994 (Act 103 of 1994)"  (ubukhulu: 183 KB)
"Determination and directive"  (ubukhulu: 414 KB)
"GAFS"  (ubukhulu: 188 KB)
Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe