1. Isiqendu 33 soMthetho wezeNgqesho yooTitshala, ka-1998 (uMthetho 76 ka-1998), isiqendu 30(b) soMthetho weNkonzo kaRhulumente, ka-1994, (uMthetho 103 ka-1994) nesiqendu 13(c) seMimiselo yeNkonzo kaRhulumente (Public Service Regulations) (PSR), ka-2016, ezipapashwe kwiGazethi kaRhulumente No. 40167 ye-29 Julayi 2016, zazisa bonke abaqeshwa ngembopheleleko yabo yokwenza isicelo semvume esuka kwiNtloko yeSebe (HoD) ukuba banqwenela ukwenza umsebenzi ohlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente.
2. Abaqeshwa abangekayifuni nangoku imvume yokwenza umsebenzi ohlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente, kwakunye nabo banenjongo yokwenza umsebenzi ohlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente, mabangenise ngokukhawuleza izicelo zabo zokwenza umsebenzi ololu hlobo. Izicelo zivunywa ngonyaka-mali ngamnye (nge-01 Apreli ukuya kwi-31 Matshi yonyaka olandelayo) yaye ke ngoko abaqeshwa mabafake izicelo kwangaphambili qho ngonyaka.
3. Ukufumana imvume, makuzaliswe le fom yesicelo iqhotyoshelweyo (ihlaziyiweyo) ingeniswe kule dilesi ilandelayo:

Head: Education
For attention: Director: Strategic People Management
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
Cape Town
8000

OKANYE
Ithunyelwe nge-imeyili apha: RWOPS.Applications@westerncape.gov.za

4. Umhlathi 13(c) weCandelo 1, kwiSahluko 2 seMimiselo yeNkonzo kaRhulumente, ka-2016 (Public Service Regulations, 2016), eqale ukusebenza ukususela nge-01 Agasti 2016 ucacisa ukuba umqeshwa:
"akayi kuqhuba ushishino nequmrhu likarhulumente nokuba leliphi na okanye abe ngumlawuli wenkampani karhulumente okanye eyabucala eqhuba ushishino nequmrhu likarhulumente, ngaphandle kokuba umqeshwa ololu hlobo ungumlawuli osesikhundleni wenkampani ekuluhlu lweshedyuli 2 no-3 zoMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente (Public Finance Management Act)". Lo mqathando unokuguqulwa apho kuyimfuneko (mutatis mutandis), usebenze kubaqeshwa abaqeshwe ngokoMthetho weNgqesho yooTitshala, ka-1998 (uMthetho 76 ka-1998).
5. Okusisiphumo kubasebenzi abaqhuba ushishino nequmrhu likarhulumente abangabalawuli benkampani karhulumente okanye inkampani yabucala kwakucacisiwe kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo lwaBasebenzi ngoBuchule (Strategic People Management) 1/2017 yowe-21 Januwari 2017.
6. Abaqeshwa abaneenkcukacha zabo zobuqu ezikwinkampani yabucala kwiCompanies and Intellectual Property Commission’s Register nabangasathathi nxaxheba kumsebenzi ohlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente, bayacelwa baqinisekise ukuba amagama abo akhutshiwe kwirejista ngokufanelekileyo.
7. Abaqeshwa abanyanzelekileyo ukuchaza uchaphazeleko lwezemali lwabo nababefake isicelo semvume yokuqhuba umsebenzi ohlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente mabaqinisekise ukuba bayifaka ekhompyutheni (upload) ileta leyo ibanika imvume yokwenza umsebenzi ngaphandle kwenkonzo karhulumente kwinkqubo yokuchaza uchaphazeleko lwezemali lwangaphandle kwenkonzo karhulumente besebenzisa isistim yasekhompyutheni eyi-eDisclosure system.
8. Abaqeshwa abanikwa intlawulo eyongezelelweyo liSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED), abanxulumene, phakathi kwezinye izinto, nabamakishi beemviwo zematriki, abaqeqeshi/abaququzeleli kunye nootitshala abenza imisebenzi yokusuphavayiza ezihostele, akukho mfuneko yokuba bawuthobele umyalelo okumhlathi 5 njengoko iintlawulo ezongezelelweyo zigunyaziswa ngokwemigqaliselo yowiso-mthetho esebenzayo.
9. Ukungayithobeli le mimiselo icaciswe kule ngcaciso imfutshane kungakhokelela ekubeni athathelwe amanyathelo oluleko umqeshwa.
10. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abaphantsi kolawulo lwakho ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEENKONZO ZESEBE
UMHLA: 2018:01:30

"Employment of Educators Act, 1998 (Act 76 of 1998)"  (ubukhulu: 160 KB)
"Public Service Act, 1994 (Act 103 of 1994)"  (ubukhulu: 183 KB)
"RWOPS Application form"  (ubukhulu: 175 KB)