Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:  20181023-7784
5/3/1/4/P
IMIBUZO:   A Betz    IFONI:   021 467 2000  IFEKSI:   021 483 7658

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOLAWULO LOKUTHENGWA KWEEMPAHLA NEENKONZO:  0003/2018


IYA:   

KWINTSUMPA-JIKELELE, KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI), KWIINTLOKO ZAWO ONKE AMACANDELWANA NAMACANDELO KWANDLUNKULU NAKWIZITHILI ZEMFUNDO


 

UKWAMKELWA KWAMALIZO (DONATIONS) EFANITSHALA NEZIXHOBO


1. UmMiselo kaNondyebo kaZwelonke 21.21 opapashwe kwiGazethi kaRhulumente No. 27388 ye-15 Matshi 2005, ucacisa ukuba igosa elimele ukuphendula ngosetyenziso lwemali, linokukuvuma ukwamkelwa kwaso nasiphi na isipho, amalizo okanye inkxaso (any gift, donation or sponsorship) ezinikwa urhulumente, nokuba ngaba izipho, amalizo okanye inkxaso elolu hlobo, ziyimali okanye zilolunye uhlobo. Igunya kule meko lidluliselwe kwigosa elikwisikhundla soMlawuli oyiNtloko – iNgongoma (Item) No. 15.2.1 yoKudluliselwa kwaMagunya liGosa eliMele ukuPhendula ngoSetyenziso lweMali leSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED), eyapapashwa ngokwesiqendu 44(1) (a) soMthetho weMali kaRhulumente (uMthetho 1 ka-1999), imalunga noku.

2. Ngethuba leminyaka-mali yangaphambili, kwaqatshelwa imingeni ethile ngokumalunga nokwamkelwa kwamalizo efanitshala nezixhobo kwaNdlunkulu nakwii-Ofisi zezithili. Le mingeni ibandakanya phakathi kwezinye izinto, ukwamkelwa kwamalizo ngaphandle kwemvume eyimfuneko, ukutenxa kwimigaqo yokwamkelwa kwamalizo alolu hlobo nokutenxa kwimigaqo emayilandelwe emva kokuba kunikwe imvume yokwamkelwa kwamalizo alolu hlobo.

3. Kubaluleke gqitha ukuba abaphathi abajongene nestokhwe (responsibility managers) baqinisekise ukuba akukho malizo efanitshala nezixhobo ezamkelwayo yaye zithathwe phambi kokuba kufumaneke imvume eyimfuneko koku.

4. Ngokumalunga noku ngentla, ayacelwa amagosa ukuba ayilandele ngokuthe ngqo le migaqo ilandelayo imalunga nokufunyanwa kwamalizo efanitshala nezixhobo:
4.1 Emva kokufunyanwa kwesithembiso samalizo, iyunithi yoLawulo lwee-Asethi (Asset Management Unit) kwaNdlunkulu, mayaziswe ngokukhawuleza ukwenzela ukuba iyihlole imeko yefanitshala kunye/okanye nezixhobo yaye inike inkxaso malunga nemigaqo emayilandelwe.
4.2 Makufunyanwe ileta kumnikeli wamalizo (donor) apho:
4.2.1 sicacisiweyo ngokuthe gca isizathu samalizo;
4.2.2 kucacisiwe gca ukuba makungabikho nto ilindelekileyo kutshintshiselwana ngayo ngenjongo yokufumana amalizo; nokuba
4.2.3 ifanitshala kunye/okanye izixhobo, zidweliswe kunye neenkcazo ezicacileyo, inani lazo, umhla wokuthengwa nexabiso lento nganye.
4.3 Emva kwengxelo efanelekileyo emalunga noku efunyenwe kwiYunithi yoLawulo lwee-Asethi, abaphathi abajongene nestokhwe bayacelwa ukuba bangenise isicelo sokwamkelwa kwamalizo kwigosa elikwisikhundla soMlawuli oyiNtloko ubuncinane, phambi kokuba kwamkelwe nawaphi na amalizo efanitshala nezixhobo. Ingxelo yeYunithi yoLawulo lwee-Asethi mayiqhotyoshelwe njengesihlomelo kuxwebhu olungeniswayo.
4.4 Ikopi yoxwebhu oluvunyiweyo mayingeniswe kwiYunithi yoLawulo lwee-Asethi kwaNdlunkulu, yaye mayiqwalaselwe nguMnu A Betz, apha: Room 620, Grand Central Towers, Cape Town, oya kwenza amalungiselelo okubhalwa (marking) nokufakwa kwebhakhowudi kwii-asethi nokuhlaziywa kwerejista yee-asethi.
4.5 Makugcinwe yi-Cost Centre nganye, irejista ekuqhotyoshelwe umzekelo wayo apha njengesiHlomelo A, apho kurekhodwe khona onke amalizo athe amkelwa ngethuba lonyaka-mali. Ingcaciso ekule rejista ibaluleke gqitha njengoko iya kunika ingcaciso eyimfuneko ekuya kunikwa ingxelo ngayo kwiiNgxelo-mali zaQho ngoNyaka (Annual Financial Statements) zeSebe iWCED. Ngokumalunga noku, uyacelwa ukuba uthathele ingqalelo okuqulethwe yi-Ngcaciso eMfutshane Logistical Services Minute 0011/2006, yomhla we-13 Matshi 2006.
4.6 Ukuba ingxelo evele kwiYunithi yoLawulo lwee-Asethi ayikuxhasi ukwamkelwa kwamalizo, makuthunyelwe ileta kumnikeli wamalizo ekhaba ukwamkelwa kwamalizo.

5. Kukho ithemba lokuba le miyalelo iqulethwe kule ngcaciso imfutshane iya kulandelwa mbo ngawo onke amaxesha.

6. Nayiphi na imibuzo emalunga nokuqulethwe kule ngcaciso imfutshane mayibhekiswe kuMnu A Betz kule nombolo yefoni 021 467 2804.

7. Bayacelwa abaphathi abajongene nestokhwe ukuba baqinisekise ukuba bazisiwe bonke abasebenzi ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEENKONZO ZEZIKO
UMHLA: 2018:10:26


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47


La maxwebhu alandelayo abhekisele kule kwingcaciso.
Sebenzisa i-Adobe Acrobat Reader® ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
Klikha kwisihloko esingezantsi:  uxwebu luya kuvula i-Acrobat Reader® apho unokugcina okanye uprinte ikopi.
Ukubuyela kule kwingcaciso, klikha kwi logo ye-WCED Online ephezulu kwesi sikrini.
"Public Finance Management Act, 1999 (Act 1 of 1999)"  (ubukhulu: 487 KB)
IsiHlomelo A  (ubukhulu: 22 KB)
Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe