1. Le ngcaciso imfutshane isisongezo yaye mayifundwe neSetyhula 0040/2017, yomhla we-30 Septemba 2017.
2. Ukunyuka kwe-VAT nge-1% kubangele ukuba atshintshe amaxabiso xa ku-odolwa izinto zokubhala nezokucoca, ezokusebenza egadini nezinto zombane nguNdlunkulu, zii-ofisi zezithili nazizikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21.
3. Niyacetyiswa ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liyibandakanyile i-1% yokunyuka kweVAT kwiimvumelwano (contracts) B/WCED 2381/16 (ukuthengwa nokusiwa kwezinto zokubhala) no-B/WCED 2382/16 (ukuthengwa nokusiwa kwezinto zokucoca, ezokusebenza egadini nezinto zombane). Oku kunyuka kuqala ukusebenza ngowe-01 Apreli 2018 yaye zombini iimvumelwano ziphelelwa ngowe-30 Septemba 2020.
4. Iikhathalogu ezintsha ezibonisa amaxabiso alungisiweyo kuzo zonke ii-ayithem ezifumanekayo kwezi mvumelwano zikhankanywe apha ngentla ziqhotyoshelwe apha. La maxabiso abandakanya ukusiwa kwazo ii-odolo kwii-ofisi ezichaphazelekayo nasezikolweni.
5. Mabaqinisekise xa besenza ii-odolo abasebenzisi ukuba bakhetha ixabiso (amaxabiso) elichanekileyo ngokwezithili zabo ezichaphazelekayo.
6. Kucelwa wazise okuqulethwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEENKONZO ZEZIKO
UMHLA: 2018:05:31

"Addendum A: Stationery"  (ubukhulu: 124 KB)
"Addendum A: Cleaning"  (ubukhulu: 42 KB)