1. Injongo yale ngcaciso imfutshane kukukukhumbuza ngamagalelo acelwa kuwe okulungiselela ukwenziwa kweengxelo-mali liSebe leMfundo leNtshona Koloni zonyaka-mali ka-2017/18. Le ngcaciso imfutshane mayifundwe neNgcaciso eMfutshane yoLawulo lweMicimbi yezeMali 0001/2018 (Financial Accounting Minute 0001/2018) engeenkqubo zokuvalwa kweBAS zonyaka-mali ka-2017/18.
2. Ngokwesiqendu (40)(1)(c) soMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente, uMthetho 1 ka-1999, (Public Finance Management Act (PFMA), 1999, (Act 1 of 1999)), njengoko ufakelwe izilungiso nguMthetho 29 ka-1999, iGosa eliMele ukuPhendula ngoSetyenziso lweMali (Accounting Officer) kufuneka lilungise iingxelo-mali zonyaka-mali ngamnye lize lizingenise ukuba ziphicothwe, zingadlulanga iinyanga ezimbini zokuphela konyaka-mali, kuMphicothi-zincwadi Jikelele (Auditor-General) (AG) nakuNondyebo wePhondo (Provincial Treasury), oya kulungisa iingxelo-mali ezidityanisiweyo (consolidated financial statements). Oku kuthetha ukuba iingxelo-mali zeSebe iWCED ezigqityiweyo zaza zasayinwa mazingeniswe ungadlulanga owe-31 Meyi 2018.
3. Ukwenzela ukuba iCandelo leMicimbi yezeMali lingqinelane ngqo neemfuno ezingummiselo zePFMA, kubaluleke gqitha ukuba abantu abakolu luhlu luqhotyoshelwe apha, bangenise amagalelo abo kweli candelo ungadlulanga owe-25 Apreli 2018, ukuba akaxhomekekanga ekuvalweni konyaka-mali yaye ungadlulanga owe-04 Meyi ukuba axhomekeke ekuvalweni konyaka-mali. Kucelwa niziqaphele iimfuno ezingummiselo zikaNondyebo zokuba onke amagalelo namaxwebhu axhasayo, makangeniswe eziikopi ezingamaphepha (hard copies) nangokuthunyelwa ngekhompyutha (electronic format). Kuseyimfuno engummiselo nokuba onke amagalelo, makangqinisiswe njengachanekileyo (certified as correct) aze asayinelwe ngumlawuli okanye yisuphavayiza echaphazelekayo. Onke amagalelo makahanjiswe kunye namaxwebhu axhasayo apho kufanelekileyo. Kukwacetyiswa nokuba iphepha elineesignitsha zabantu abenza lo msebenzi maliskenwe yaye lingeniswe ngekhompyutha kunye namanye amaxwebhu, likwifomathi engu-Excel okanye engu-Word format.
4. Ukwenza kube lula ukujonga isalathiso (reference), kuza kuthunyelwa nge-imeyili kwicandelo ngalinye iikopi ezisekhompyutheni zeethempleyithi emazisetyenziswe xa kulungiswa iingxelo-mali ezifanele icandelo elo, kwakunye nesikhokelo esifanelekileyo sokunceda xa kulungiswa ezi ngxelo-mali kubantu abakuluhlu oluqhotyoshelweyo.
5. Nayiphi na imibuzo emalunga noku inokubhekiswa kuMnu MJ Comer kule nombolo yefoni 021 467 2736 okanye kuMnu Z Mpisi kule nombolo yefoni 021 467 2511.
6. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEENKONZO ZEZIKO
UMHLA: 2018:04:16

"Public Finance Management Act, 1999 (Act 1 of 1999)"  (ubukhulu: 487 KB)
"Control list of inputs received for annual financial statements"  (ubukhulu: 68 KB)