1. AmaBhaso okuWonga ooTitshala kaZwelonke (National Teaching Awards) (NTA) athathela ingqalelo ukutshatshela kwezemfundo nemigangatho exhomileyo yokufundisa kwaye anika abo bakwinkonzo yezemfundo ithuba lokubhiyozela impumelelo yootitshala abamsebenzi utshatshele ngokukodwa.

2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED), ngako oko, linebhongo ngokuba liza kubamba yaye liququzelele itheko lamabhaso okuwonga ootitshala bephondo lonyaka we-19, elandulela itheko le-NTA loNyaka we-19.

3. ISikhokelo seNgcaciso noKutyunjwa esikwikhompyutha (electronic version of the Nomination and Information Guide), esineefom zokutyumba amagama neekhrayitheriya zokufaneleka, siyafumaneka kwezi linki zingezantsi. Kucelwa niqaphele ukuba izikolo aziyi kubonelelwa ngeekopi eziprintiweyo. Ziyacelwa izikolo ziwakhuphele (download) la maxwebhu akhankanyiweyo ngokusebenzisa ezi linki zilandelayo:

4. Kucelwa bonke ootitshala, amabhunga olawulo namagosa ezithili ukuba bangenise amagama abatyunjiweyo ngokusekelwe kwiikhrayitheriya ezikwiSikhokelo seNgcaciso noKutyunjwa, kwiinqununu zabo okanye kubaphathi bamaziko abo.

5. Ootitshala abafanele ukuwongwa banokutyunjwa kwezi ndidi zilandelayo:

  • UkuTshatshela ekuFundiseni iBakala R
  • UkuTshatshela ekuFundiseni kwiZikolo eziziiPrayimari (AmaBakala 1 - 7)
  • UkuTshatshela ekuFundiseni kwiZikolo eziziiSekondari (AmaBakala 8 - 12)
  • UkuTshatshela kuBunkokeli kwiZikolo eziziiPrayimari
  • UkuTshatshela kuBunkokeli kwiZikolo eziziiSekondari
  • UkuTshatshela ekuFundiseni kwiMfundo eneeMfuno eziZodwa
  • UkuTshatshela kwiThekhinoloji - iBhaso lokuFunda nokuFundisa okuPhuculweyo
  • UkuTshatshela ekuFundiseni iMathematika (FET)
  • UkuTshatshela ekuFundiseni i-Physical Sciences (FET)
  • IBhaso leMpumelelo kwezeMfundo ngeXesha lonke loKuphila
6. Kucelwa iinqununu nabaphathi bamaziko bathumele iifom ezinamagama abatyunjiweyo ezizaliswe ngokupheleleyo kwii-ofisi zezithili zazo ukulungiselela ukuba ziqwalaselwe ngabaququzeleli bezithili. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, kucelwa uqhagamshelane nomququzeleli wesithili ochaphazelekayo nodweliswe apha ngezantsi:

Isithili Um(aba)ququzeleli weSithili Iinkcukacha zoqhagamshe-lwano Idilesi ye-imeyili
Metropole North Mr Trevor Adams 021 938 3016 Trevor.Adams@westerncape.gov.za
Mr Owen Weeder 021 938 3174 Owen.Weeder@westerncape.gov.za
Metropole Central Ms Lesley Hutchings 021 514 6945 Lesley.Hutchings@westerncape.gov.za
Metropole South Ms Sharon Lewin 021 704 9364 Sharon.Lewin@westerncape.gov.za
Mr Rowan Esau 021 370 2016 Rowan.Esau@westerncape.gov.za
Metropole East Ms Genevieve Rhode 021 900 7035 Genevieve.Rhode@westerncape.gov.za
Mr Keith de Wet 021 900 7036 Keith.DeWet@westerncape.gov.za
West Coast Mr Craig Paulsen 021 860 1208 Craig.Paulsen@westerncape.gov.za
Cape Winelands Mr Alton Koenze 023 348 4673 Alton.Koenze@westerncape.gov.za
Mr Bertram Jacobs 021 348 0633 Bertram.Jacobs@westerncape.gov.za
Overberg Mr Edward Kies 028 214 7367 Edward.Kies@westerncape.gov.za
Eden & Central Karoo Ms Yolande Damon 044 803 8344 Yolande.Damon@westerncape.gov.za
Mr David Sampson 044 803 8341 David.Sampson@westerncape.gov.za
Provincial Office (CTLI) Mr Gavin de Bruyn 021 900 5062/37 Gavin.Debruyn@westerncape.gov.za
Ms Jacqueline Titus 021 900 5035 Jacqueline.Titus@westerncape.gov.za

7. Kucelwa ootitshala abatyunjiweyo bazazi iikhrayitheriya nenkqubo yokugweba (adjudication) ukukhetha abafanelekileyo.

8. Ukulungiselela ukukhetha abaphumeleleyo kwinqanaba lezikolo ezisebenzisanayo, kwelephondo nakumaqaanaba kazwelonke, kuya kufuneka abo batyunjiweyo benze inkcazo-ntetho (ngoPowerPoint okanye ngephowusta) ngeekhrayitheriya eziqhelekileyo nangezo zikhethekileyo, beqaqambisa umsebenzi wabo omawuthathelwe ingqalelo ukulungiselela eli bhaso linqwenelekayo. Oku kuya kuthathwa njengodliwano-ndlebe lokugqibela lokukhetha abaphumeleleyo kwizikolo ezisebenzisanayo, kwiphondo nakuzwelonke.

9. Kuphela ngootitshala, o.k.t. iinqununu, amasekela-nqununu, ootitshala, iitherapisti nesayikholojisti kwizikolo zikarhulumente zabafundi abaneemfuno ezizodwa abanako ukungenela udidi lokuTshatshela eKufundiseni kwiMfundo eneeMfuno eziZodwa (Excellence in Special Needs Teaching category). Makufundwe umhlathi 7.1 (Iphepha 71) leSikhokelo seNgcaciso noKutyunjwa ukufumana ingcaciso engaphezulu.

10. Ngootitshala abahlanu abona baninzi abanokwenza ikomiti yodidi ngalunye.

11. Umhla wokuvalwa kokungeniswa kwazo zonke iifom zamagama abatyunjiweyo athunyelwa kubaququzeleli bezithili ngowe-27 Julayi 2018.

12. Abo baphume isibini nabo baphume phambili (winners) kwizikolo ezisebenzisanayo nakwiphondo (abaphume phambili baya kufumana umntu ngamnye iivawutsha ze-Information and Communication Technology (ICT) zamaxabiso ahlukeneyo emakuthengwe ngazo izinto kumboneleli-nkonzo ze-ICT owaziwayo (reputable ICT service provider), o.k.t.:

Inqanaba Ixabiso le-ICT voucher
Abaphume phambili kwizikolo ezisebenzisanayo R4 000
Abaphume kwindawo yesibini neyesithathu (Abaphume kwindawo yesi-2 neyesi-3) R2 000
Abaphume phambili kwiphondo R12 000
Abaphume kwindawo yesibini kwiphondo R7 000

13. Ukongeza apho, izikolo eziphumeleleyo ziya kufumana ibhaso eliyimali eyi-R5 000 (kwizikolo ezisebenzisanayo) ne-R7 500 (kwiphondo) isikolo ngasinye ngalowo uphume phambili, nemayisetyenziselwe ukuphucula umgangatho womsebenzi wokufundisa kootitshala abafundisayo nokuphucula indlela yokufundisa eklasini.

14. Kwakhona, sinqwenela nokupapasha ukuba abaphumeleleyo kuwo omabini amanqanaba, elezikolo ezisebenzisanayo nelephondo kudidi lokuTshatshela ekuFundiseni i-Physical Sciences (FET), baya kufumana ibhaso elivela kwi-CapeNature leholide yempela-veki kwiindawo zokutyelela zayo ezikwiphondo ngokubanzi. Ukufumana ingcaciso engaphezulu unokuqhagamshelana nomququzeleli (nabaququzeleli) wesithili wakho okanye neCandelo le-Cape Teaching and Leadership Institute.

15. AmaBhaso okuWonga ooTitshala kaZwelonke (NTA) axhaswa yiNtloko yeSebe leMfundo, yimibutho yabasebenzi, yimibutho yamabhunga olawulo nanguMphathiswa wePhondo ojongene nezeMfundo.

16. Kukhuthazwa bonke abahlali abayinxalenye yesikolo (school community) ukuba bathathe inxaxheba ekutyumbeni ootitshala abafanele ukungenela amaBhaso okuWonga ooTitshala kaZwelonke (NTA).

17. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abafundisayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:05:29