1. |
Ukwenzela ukulungiselela u-2016, izikolo zifanele ukugqiba i-SIP eyiDrafti (Draft SIP) ungadlulanga umhla we-2 Oktobha 2015. Oku kuquka ukuzivavanya kwezikolo
ngokwazo okwandulelayo (preliminary school self-evaluation) nesiCwangciso soMsebenzi (Action Plan) sango-2016, nezo zinto zeProfayili yeSikolo (School Profile) ezingabhekisi kwiithagethi zezifundo (I). Okona kubalulekileyo kukuba le drafti iya kubandakanya izicwangciso zamanani obhaliso ango-2016. |
2. |
Ukuzaliswa kwee-Draft SIP ngalo mhla kwenza ukuba:
- izikolo ziqalise ukucwangcisela u-2016;
- izithili zenze iziCwangciso zoPhuculo lweZithili (District Improvement Plan) eziza nempendulo kwiimfuno nezicelo zezikolo; nokuba
- iphondo licwangcisele ukulungiselela imibandela enxulumene namanani obhaliso (iiklasi nezixhobo, ootitshala neZibonelelo eziNcedisa ukuFunda nokuFundisa (LTSM).
|
3. |
IsiCwangciso i-Academic Performance Improvement Plan nazo zonke iithagethi zezifundo ezinxulumene nazo, ezifana neethagethi zeMvavanyo zoNyaka zikaZwelonke (Annual National Assessments (ANA)) neeMvavanyo zeNkqubo yeMfundo yeSebe iWCED, ziya kugqitywa ngo-2016, zakuba iimvavanyo neziphumo zokuphela konyaka zifumaneka. Ngokufanayo, iithagethi zokungabikho ezikolweni kwabafundi ziya kubonelelwa akuba efumaneka amanani ango-2015. |
4. |
Isikolo sifanele ukuzisayinela iithagethi ungadlulanga owe-02 Oktobha 2015 kwi-DRAFT PLAN. Oku kukusayinelwa kokuthobela imigaqo yaye kubonisa ukuqala kwethuba lokusingathwa kwezicwangciso eziyidrafti. UMphathi weze-IMG naye uya kuyisayinela ukungqinisisa ukungeniswa kwayo idrafti ngomhla omisiweyo. Eli iya kuba lixesha lohlalutyo lwezicwangciso eziyidrafti, iingqikelelo zamanani obhaliso nezicelo zoncedo. ABaphathi beze-IMG baya kunika inkxaso neengcebiso, apho kuyimfuneko, ekuhambeni kwethuba lekota yesine. Isistim iya kuhlala ivuliwe okoko ukunika izikolo ithuba lokuhlaziya nokulungisa izicwangciso zazo njengoko kuyimfuneko. |
5. |
Ukusayinelwa okwesibini kwazo izicwangciso zizo zonke izikolo kuya kwenziwa ungadlulanga owe-29 Januwari 2016. Kwesi sigaba isicwangciso kubandakanywa neethagethi zokuphucula izifundo, zifanele ukuba sele zivunyiwe libhunga lolawulo (GB). Isistim iya kuhlala ivuliwe ukunika ithuba ukwenziwa kotshintsho lokugqibela ngokucebisana naBaphathi beze-IMG yaye iya kutshixwa (lock) ngowe-17 Februwari 2016, ongumhla wokusayinelwa kwayo kokugqibela. |
6. |
Isishwankathelo semihla:
I-ayithem |
Okwenziwayo |
Umhla |
Ukusayinelwa kweDraft SIP equka
- Ukuzivavanya kwesikolo ngokwaso
- Izicelo zenkxaso ukwenzela u-2016
- Ingqikelelo zamanani obhaliso
- IsiCwangciso soMsebenzi
|
Isikolo sicebisana nebhunga lolawulo (GB). |
02 Oktobha 2015 |
Ukusayinelwa kweDraft SIP ukungqinisisa ukuba zigqityiwe ii-Draft SIP ngomhla omisiweyo |
UMphathi weze-IMG |
05 Oktobha 2015 |
Uhlaziyo kwikhontenti njengoko kuyimfuneko |
Izikolo zicebisana noMphathi weze-IMG neGB |
Lusaqhubeka |
Ukusayinelwa kwe-SIP |
Isikolo neGB zigqiba ukusayinelwa okumiselweyo kwi-SIP yephondo |
29 Januwari 2016 |
Uhlaziyo kwithagethi njengoko kuyimfuneko |
Izikolo zithethana nabaphathi beze-IMG neGB |
29 Januwari - 16 Februwari 2016 |
Ukusayinelwa kokugqibela kweSIP (kuphela xa kufunwa kwenziwe utshintsho ukususela ekusayinelwa kwazo ngowe-29 Januwari 2016) |
Isikolo, sixhaswa yi-GB |
16 Februwari 2016 |
Ukusayinelwa kwi-SIP egqityiweyo |
UMphathi weze-IMG |
17 Februwari 2016 |
|
7. |
Iinkcukacha zokuqhubekayo zezi zilandelayo:
- Amanani obhaliso kwi-SIP ahlala e-"live" de isikolo sizisayinele iithagethi zazo ekupheleni koJanuwari 2016.
- Ekuqaleni kuka-2016, iziphumo kwiimvavanyo zenkqubo yemfundo yeSebe iWCED zamaBakala 3, 6 no-9, neziphumo zeSatifkethi seMatriki sikaZwelonke ziya kongezwa zakuba zifumaneka.
- Kubalulekile ukuba iithagethi zezifundo zisekelwe kwinani labafundi kungekuko kwiipesenti kuphela. Ukwenzela ukuncedisa le nkqubo, i-SIP ekwikhompyutha (online SIP) yango-2016 yenziwe ukuba isebenze (set up) ukwenzela ukuba xa izikolo zifaka ii-PERCENTAGE PASS ezithagethiweyo, liya kuvela ngokuzenzelekayo INANI labafundi elingqinelana nazo, kwikholam efanelekileyo.
|
8. |
Inguqulelo eyi-EXCEL version yesi sicwangciso iqhotyoshelwe apha; attached ukuncedisa wena kumalungiselelo e-SIP ka-2016. |
9. |
Inkqubo emiselweyo yoKubeka eSweni uPhuculo lweSikolo yaqho ngekota (School Improvement Monitoring), iya kuqhutywa ezikolweni ngo-2016 ngamagosa ezithili. |
10. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane kubo bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:07:20
|
|