1. Le ngcaciso imfutshane mayifundwe kunye neNgcaciso eMfutshane IMGP 0002/2008.

2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liyayivuma indima ebalulekileyo edlalwa ngamabhunga olawulo amaziko (CGBs) eMfundo noQeqesho lwaBadala (Adult Education and Training (AET)) kwinkqubo yokuqesha ootitshala abanamabanga emfundo nabaqeqeshwe ngokufanelekileyo.

3. Nakuba kunjalo, iSebe iWCED liqaphela oku kulandelayo:
3.1 Kwiimeko ezithile, ii-CGBs ze-AET ziyaqhubeka ukuqesha ootitshala abangenawo amabanga emfundo efanelekileyo.
3.2 Abanye ootitshala ababhaliswanga kwiBhunga looTitshala laseMzantsi Afrika (South African Council for Educators (SACE)) njengoko kumiselwe kwi-SACE Act, 2000 (Act 31 of 2000) nakwi-AET ACT, 2000 (Act 52 of 2000).
3.3 NgokoMthetho we-AET ACT, 2000 (Act 52 of 2000) kuphela ngootitshala ababhalise kwiSACE abanokuqeshwa kwiziko loluntu (public centre).

4. Ii-CGBs ke ngoko ziyacetyiswa ukuba ziwulandele ngqo lo mgaqo-nkqubo ukhoyo umalunga nokuqeshwa kootitshala kumaziko oluntu nobhaliso lwabo kwi-SACE.

5. Ezi mfuno zimiselweyo zilandelayo zisebenza kubhaliso lootitshala kwi-SACE:
5.1 Ubhaliso olupheleleyo (Full registration)
5.1.1 Utitshala owenza isicelo sobhaliso kwiBhunga:

  • makayanelise imigangatho yendlela yokuziphatha ngokuchubekileyo emiselweyo i-ethical standards echaphazelekayo kumgaqo wokuziphatha i-Code of Professional Ethics for Educators; yaye
  • makabe ufumene:
    • ubuncinane isiqinisekiso semfundo yobutitshala esivunyiweyo sasemva kweMatriki seminyaka emithathu (3) (M+3 okanye REQV 13);
    • isatifikethi seminyaka emibini (2) kwimfundo yobutitshala kwisigaba sepri-prayimari (M+2 okanye REQV 12); okanye
    • naluphi na amanye amabanga emfundo avunywayo liBhunga looTitshala laseMzantsi Afrika ukulungiselela iinjongo zobhaliso.
5.1.2 I-SACE inokumbhalisa umntu ongekabinawo amabanga emfundo achaphazelekayo ku-5.1 ukuba oku kulandelayo bekusebenza kubo phambi komhla wokusekwa kweBhunga:

  • babengabahlali baseMzantsi Afrika;
  • bayayanelisile ingcaciso-gama echaza utitshala njengoko echaziwe kuMthetho wezeNgqesho yooTitshala, 1998 (uMthetho 76 ka-1998) (Employment of Educators Act 1998) (Act No. 76 of 1998);
  • babeqeshwe njengotitshala ligunya lezemfundo eMzantsi Afrika, ngamazwana oomaziphathe (self-governing territories) okanye ngamazwe azimeleyo (independent states) phambi kokuphunyezwa koMgaqo-siseko weRiphabliki yoMzantsi Afrika, 1993 (uMthetho 200 ka-1993) (Constitution of the Republic of South Africa Act 1993 (Act No. 200 of 1993)) okanye babezanelisile iimfuno ezingummiselo zokuqeshwa ezilolu hlobo zawo nawaphi na amagunya alolu hlobo, xa bebefuna ukuqeshwa;
  • bayigqiba ikhosi yezifundo zobutitshala (course of teacher education) kwiziko elaziwayo ukulungiselela loo njongo, yaye babenokuthathwa njengabafanelekileyo ligunya lezemfundo eMzantsi Afrika; okanye
  • babebhaliswe ligunya lezifundo zobutitshala (professional teacher authority) eMzantsi Afrika.
5.1.3 Ngaphezu koko i-SACE inokumbhalisa umntu ongekabinawo amabanga emfundo achaphazelekayo ku-5.1 ukuba, kwakamsinya phambi kokuqalisa koMthetho weBhunga looTitshala laseMzantsi Afrika, 2000 (uMthetho 31 ka-2000) (SACE Act 2000), loo mntu wayeqeshwe ngokusemthethweni kwiziko elalibhaliswe ngokusemthethweni kwaye wayengekho phantsi koMthetho wezeNgqesho yooTitshala, 1998 (uMthetho 76 ka-1998) kodwa ngoku kufuneka abhalise phantsi kwalo Mthetho.
5.2 Ubhaliso lwethutyana
5.2.1 IBhunga linokumbhalisa okwethutyana umntu ongafanelekanga phantsi ko-5.1 ukuba:

  • iBhunga likuvumile ukuba umntu aqeshwe kwisithuba sobutitshala ngezizathu zokuba abafumaneki ootitshala abanamabanga emfundo noqeqesho olufanelekileyo;
  • iBhunga linoluvo lokuba loo mntu uya kuwafumana loo mabanga emfundo afunekayo kungadlulanga xesha lingakanani; okanye
  • iBhunga linoluvo lokuba oku kulungiselela ngeyona ndlela ibhetele abafundi abakwelo ziko lemfundo.
5.2.2 Abafundi abenza unyaka wokugqibela kumabanga emfundo achaphazelekayo ku-5.1 banokufaka isicelo sobhaliso lwethutyana kwiBhunga.
5.2.3 IBhunga linokumbhalisa okwethutyana umntu othi ngandlela yimbi afaneleke kubhaliso ukuba, ngelo xesha lokufaka isicelo sobhaliso, loo mntu ukwiingxoxo zoluleko zomqeshi okanye ukwiingxoxo zolwaphulo-mthetho ezichaphazela indlela yokuziphatha engafanelekanga ngokwemigangatho yokuziphatha ngokuchubekileyo emiselweyo i-ethical standards echaphazelekayo kumgaqo wokuziphatha i-Code of Professional Ethics for Educators.
5.2.4 Ootitshala abasenkonzweni kodwa bengaqeshwanga phantsi koMthetho wezeNgqesho yooTitshala, 1998 (uMthetho 76 ka-1998) kodwa kufuneka babhalise ngokwalo Mthetho, bathathwa njengababhalise okwethutyana kwiBhunga de kube ngumhla omiselwe nguMphathiswa weSebe leMfundo esiSiseko ngokwesiqendu 25 (8) salo Mthetho uchaphazelekayo.
5.2.5 IBhunga linokumbhalisa okwethutyana umntu oqeshwe ephantsi koqeqeshelo-msebenzi (learnership) njengeko kuchatshazelwe kwi-Skills Development Act, 1998 (Act No. 97 of 1998).
5.2.6 IBhunga linokumisela ithuba lokuba semthethweni kobhaliso lwethutyana ngalunye yaye linokumisela nayiphi na imiqathango efanelekileyo kubhaliso lwethutyana.

6. Yonke ingcaciso emalunga nobhaliso lootitshala kwi-SACE neefizi zobhaliso neenkqubo zobhaliso zinokufunyanwa kwiziko lewebhu le-SACE apha: http://www.sace.org.za

7. Iqhotyoshwelwe apha ifom yesicelo ye-SACE kunye nefom yokunika izizathu zokuxhasa ukuba umntu abhaliswe okwethutyana. Ezi fom zikwafumaneka nakwiziko lewebhu leSACE yaye, zakuba zizalisiwe, mazithunyelwe kule dilesi ilandelayo:

South African Council for Educators
Private Bag X127
Centurion
0046


8. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2014:05:02

"Adult Basic Education and Training Act (Act 52 of 2000)"  (ubukhulu: 477 KB)
"Employment of Educators Act (Act 76 of 1998)"  (ubukhulu: 160 KB)
"Skills Development Act (Act 97 of 1998)"  (ubukhulu: 282 KB)
"SACE Application form"  (ubukhulu: 88 KB)
"Provisional registration form"  (ubukhulu: 23 KB)