Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:  24903
13/2/8/30/R
IMIBUZO:   DT Pillay    IFONI:   021 467 2000  IFEKSI:   021 467 2996

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOCWANGCISO LOLAWULO NOKUPHATHWA KWAMAZIKO:  0002/2014


IYA:   

KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI ZEMFUNDO), KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KUBAPHATHI BEZE-IMG, KUBAQUQUZELELI BOPHUHLISO LWEZIKOLO NAKWINQUNUNU ZEZIKOLO EZIZIIPRAYIMARI NEZIZISEKONDARI


 

UMNYHADALA WOKHUPHISWANO LWEEKWAYALA ZEZIKOLO ZASEMZANTSI AFRIKA (SOUTH AFRICAN SCHOOLS' CHORAL EISTEDDFOD) KA-2014


1. ISebe leMfundo esiSiseko namasebe emfundo amaphondo olithoba, aya kuba eququzelela umnyhadala wokhuphiswano lweekwayala i-South African Schools’ Choral Eisteddfod (SASCE) wezikolo eziziiprayimari neziziisekondari ngo-2014

2. I-SASCE iya kwenziwa kwinqanana lesithili, lephondo nelikazwelonke yaye kwenziwe amalungiselelo eemvumi ezicula ngazodwa (soloists), ezicula ngamaqela (ensembles) neekwayala zezikolo kula macandelo alandelayo

  1. ISigaba seSiseko;
  2. ISigaba esiPhakathi;
  3. Further Education and Training Band
3. Kucelwa niqaphele ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) aliyi kwenza malungiselelo okuthatha inxaxheba kweekwayala zesigaba sabadala (senior phase)(junior secondary school) kuwo onke amanqanaba nakuwo onke amahlelo ngenxa yokuba liba sezantsi kakhulu izinga lothatho-nxaxheba kukhuphiswano lwephondo kweli candela nangenxa yokuba mbalwa kwezikolo ezizijuniya sekondari kwiphondo.

4. Ukongeza iSebe iWCED aliyi kwenza malungiselelo okuthatha inxaxheba kweekwayala kwiculo lokuzikhethela kwezo zithatha inxaxheba kwicandelo lezikolo elilodwa (special school category)

5. Iikwayala zeSigaba seSiseko ziya kuthatha inxaxheba kumnyhadala wephondo kuphela.

6. Kumiselwe amaculo (music pieces) kuwo onke la macandelo.

7. Amanqaku nemigaqo yothatho-nxaxheba zingakhutshelwa (downloaded) kwiziko lewebhu leSebe iWCED apha www.curriculum-dev.wcape.school.za

  • Klikha ku-"FET: Further Education and Training".
  • Klikha ku-"Arts".
  • Klikha ku-"Music".
  • Khuphela amaculo amiselweyo nemigaqo yothatho-nxaxheba kwi-SASCE Downloads.
8. Imijikelo yokukhetha izikolo ezigqwesileyo iya kubanjwa ngo-Apreli kwisithili semfundo ngomhla ekugqitywe ngawo yikomiti eququzelelayo yephondo. Jonga kwisihlomelo.

9. Iikwayala eziziintshatsheli kwiSigaba esiPhakathi neseFET nabacula ngabodwa (soloists) baya kumenywa ukuba bathathe inxaxheba kumjikelo wokugqibela wephondo (provincial finals), noya kubanjwa ukuqala nge-23 - 25 kaMeyi 2014.

10. Umjikelo wokugqibela kuzwelonke uya kubaseGauteng ukuqala nge-1 - 4 Julayi 2014.

11. Ziyakhuthazwa zonke izikolo ukuba zithathe inxaxheba kulo mnyhadala wokhuphiswano lweekwayala. Ukungenela ukhuphiswano, kucelwa uzalise ifom yobhaliso eqhotyoshelweyo uze uyibuyisele kwigosa elikwi-ofisi yesithili elijongene nophuhliso lwezikolo ngokuyithumela ngefeksi okanye nge-imeyili ungadlulanga owe- 15 Matshi 2014,

Isithili semfundo Iinkcukacha zoqhagamshelwano
Metro Central Ms S Majiet
Tel.: 021 514 6700
Fax: 021 514 6953
e-Mail:
Metro East Ms MJ Swartz
Tel.: 021 900 7253
Fax: 021 903 2149
e-Mail: Mjswartz@westerncape.gov.za
Metro North Mr D Leonard
Tel.: 021 938 3170
Fax: 021 938 3180
e-Mail: Dleonard@westerncape.gov.za
Metro South Mr R Esau
Tel.: 021 370 2000
Fax: 021 372 1856
e-Mail:
West Coast Ms C Beukes
Tel.: 021 860 1210
Fax: 021 860 1231
e-Mail: Cbeukes@westerncape.gov.za
Cape Winelands Mr F Meyer
Tel.: 023 348 4602
Fax: 023 342 4138
e-Mail: Fabian.Meyer@westerncape.gov.za
Overberg Mr K Mike
Tel.: 028 214 7300
Fax: 028 214 7400
e-Mail: Kobus.Mike@westerncape.gov.za
Eden & Central Karoo Mr I Pietersen
Tel.: 044 803 8300
Fax: 044 873 2253
e-Mail:
Head Office Mr D Pillay
UMququzeleli wePhondo: UPhuculo lweZikolo
Ifoni: 021 467 2582
I-imeyili: Dennis.Pillay@westerncape.gov.za

12. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ababhexeshi beekwayala zezikolo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:03:06


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47


La maxwebhu alandelayo abhekisele kule kwingcaciso.
Sebenzisa i-Adobe Acrobat Reader® ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
Klikha kwisihloko esingezantsi:  uxwebu luya kuvula i-Acrobat Reader® apho unokugcina okanye uprinte ikopi.
Ukubuyela kule kwingcaciso, klikha kwi logo ye-WCED Online ephezulu kwesi sikrini.
"Isihlomelo: Participation rules"  (ubukhulu: 759 KB)
"Registration form"  (ubukhulu: 90 KB)
Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe