ISALANTHISO: | 24265 13/2/8/30/R |
 | IMIBUZO: | DT Pillay | IFONI: | 021 467 2589 | IFEKSI: | 021 467 2258 |
INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOLAWULO NOKUPHATHWA KWAMAZIKO: 0001/2014 |
IYA: | KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM, KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KUBAPHATHI BEZE-IMG, KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM, KWIINQUNUNU ZEZIKOLO EZIPHAKAMILEYO |
| ISICELO ESIYA KWIZIKOLO ZASEMZANTSI AFRIKA SOKUBA ZITHATHE INXAXHEBA KUKHUPHISWANO LWE-YOUTH CITIZENS ACTION PROGRAMME (YCAP) LWESI-5 NGO-2014 |
1. |
ISebe leMfundo esiSiseko liya kuba liqhuba uKhuphiswano lweYCAP lwesi-5 ngo-2014. Ngolu khuphiswano abafundi beBakala 10 bathatha inxaxheba kwimisebenzi egxininisa kwimiba yezentlalo ebangela inkxalabo esikolweni sabo okanye kwindawo abahlala kuyo. |
2. |
Injongo yolu khuphiswano kukuphucula ulwazi lwabafundi ngokumalunga neemfundiso ezixhasa uMgaqo-siseko ngokuthi bathathe inxaxheba kwimiba yezentlalo enxulumene neCAPS yoLwazi ngezoBomi yeBakala 10. Kulindeleke ukuba abafundi benze utshintsho oluneziphumo ezinika ithemba malunga nomba okhethiweyo. |
3. |
Olu khuphiswano lumisela ukuba iqela labafundi abalishumi beBakala 10 malikhethe iprojekthi lize lilandele isikhokelo kunye nestraksha, njengoko kumiselwe kwikhithi yezixhobo zokufunda eya kusiwa ezikolweni. Kuya kufuneka abafundi babonise ukuba banako ukubhajethela iprojekthi yabo, kwakunye nokulandela indlela abanyusa nabayichitha ngayo imali. Iqela elo kufuneka libonise ukuba lizixhobise lona kangakanani na ngezakhono ngokwenza iphothifoliyo ngobuchule lize linike ingcaciso yomlomo ngokucace gca nangokuzithemba. |
4. |
Amabhaso aya kunikwa izikolo kumanqanaba ephondo nakazwelonke: |
4.1 |
Kwiphondo:
Ibhaso lokuqala yi-R5 000.00 nekufuneka ichithelwe ukwandisa le projekthi yaye isikolo esiphumeleleyo siya kumela iphondo laso kwisiganeko sikazwelonke. Ibhaso lesibini yi-R2 000.00 lize ibhaso lesithathu libe yi-R1 000.00. |
4.2 |
Kuzwelonke:
Ibhaso lokuqala yi-R10 000 nekufuneka ichithelwe ukwandisa le projekthi. Ibhaso lesibini yi-R7 500.00 lize ibhaso lesithathu libe yi-R5 000.00. |
4.3 |
Ngalinye ilungu leqela elithatha inxaxheba liya kufumana i-Platinum Certificate of Performance. |
4.4 |
Zonke iindleko zothutho nezokulala zokuya kukhuphiswano lukazwelonke ziya kuhlawulwa ngumxhasi ngemali (sponsor). |
5. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni linqwenela ukukhuthaza zonke izikolo ukuba zithathe inxaxheba kolu khuphiswano. Ukulungenela, kucelwa uzalise ifom yobhaliso eqhotyoshelwe apha uze uyibuyisele kuMnu DT Pillay ngo- 8 Matshi 2014. Le fom inokuthunyelwa ngefeksi apha 086 620 3900 okanye nge-imeyili kulo Dennis.Pillay@westerncape.gov.za |
6. |
Ukufumana ingcaciso engaphezulu ngokhuphiswano, kucelwa uqhagamshelane noMnu DT Pillay ngale nombolo yefoni 021 467 2582 okanye noMququzeleli woPhuculo lweZikolo (School Enrichment Coordinator) kwi-ofisi yesithili semfundo yakho. |
7. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi beBakala 10 ukwenzela ukuba bayithathele ingqalaelo. |
ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2014:02:25
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano Employment and salary queries: 0861 92 33 22 Safe Schools: 0800 45 46 47

|
 |