Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:  41491
13/11/1
IMIBUZO:   A Damon    IFONI:   021 467 2000  IFEKSI:   021 467 2996

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOLAWULO LOCWANGCISO NOKUPHATHWA KWAMAZIKO:  0017/2014


IYA:   

KUBALAWULI BEZITHILI ZEMFUNDO, KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZE-IMG, KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUBAPHATHI BEZE-IMG (AET), KUBAPHATHI BAMAZIKO EMFUNDO OLUNTU NAKOOSIHLALO BAMABHUNGA OLAWULO AMAZIKO


 

IINTLAWULO EZENZIWA NGEKHOMPYUTHA (TRANSFER PAYMENTS) EZIYA KUMAZIKO EMFUNDO OLUNTU


1. Le ngcaciso imfutshane yazisa onke amaZiko eMfundo oLuntu (Community Learning Centres (CLCs)) ukuba iintlawulo ngekhompyutha zeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) eziya kwii-akhawunti zebhanki ze-CLCs, ziza kupheliswa ngowe-31 Matshi 2015.
2. Kungokunje, zonke ii-CLCs zifumana isabelo-mali saqho ngekota nesihlawulwa kwiiakhawunti zeebhanki zazo. Amaziko ayisebenzisela ukuhlawula ootitshala nabalawuli bamaziko le nkxaso-mali.
3. Ngokwemithetho esebenzayo, iCandelo le-Adult Education and Training (AET), liya kutshintshwa (transferred) kwiSebe iWCED, lisiwe kwiSebe leMfundo ePhakamileyo (Department of Higher Education (DHET)) ngowe-1 Apreli 2015.
4. Ngenxa yale ngongoma yesi-3 apha ngentla, akukho zintlawulo zizezinye ziya kwenziwa emva kowe-31 Matshi 2015.
5. Ukususela ngowe-1 Apreli 2015, bonke abalawuli bamaziko nootitshala, baya kuhlawulwa nge-PERSAL liSebe i-DHET.
6. ISebe iWCED liya kuqhubeka ukunika ii-CLCs nabasebenzi bamaziko ingcaciso emalunga nokutshintshelwa kwee-CLCs kwiSebe le-DHET, xa sele ifumaneka.
7. Ukuba ufuna uncedo okanye ingcaciso engaphezulu kucelwa uqhagamshelane noMphathi weze-IMG we-AET wesithili sakho okanye noMnu Andre Damon kule nombolo yefoni 021 467 2606 / 2609 / 2279.


ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2014:12:11


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47

Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe