Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:  40673
13/12/45
IMIBUZO:   O Apollis    IFONI:   021 467 2000  IFEKSI:   021 467 2996

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOLAWULO LOCWANGCISO NOKUPHATHWA KWAMAZIKO:  0016/2014


IYA:   

KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, KUMASEKELA-BALAWULI, (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI ZEMFUNDO), KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM, KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZE-IMG, KUBAPHATHI BEZE-IMG, KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUBAQUQUZELELI BOVAVANYO, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM, KWIINQUNUNU ZEZIKOLO, KUMABHUNGA OLAWULO EZIKOLO, NAKOOTITSHALA BEZIKOLO ZIKARHULUMENTE EZIZIIPRAYIMARI NEZIKOLO EZIZIISEKONDARI


 

ULUHLU LOKUTSHEKISHA UKWENZIWA KWEMIMISELO YOKHUSELEKO PHAMBI KWEEHOLIDE


1. Le ngcaciso imfutshane yazisa zonke izikolo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuba zizalise olu luhlu lokutshekisha ukwenziwa kwemimiselo yokhuseleko luqhotyoshelweyo phambi kokuqala kweholide yesikolo.
2. NgokoMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika (SASA), 1996 (uMthetho 84 ka-1996), inqununu njengegosa elimele ukuphendula ngokwenzeka esikolweni (accounting officer), kufuneka iqinisekise ukuba kusetyenziswe iindlela ezaneleyo zokunciphisa ukuqhekezwa nokonakaliswa okunokwenzeka kwizakhiwo zesikolo.
3. Ziyacelwa izikolo ukuba lwakugqitywa ukuzaliswa nokusayinelwa uluhlu lokutshekisha ukwenziwa kwemimiselo, malungeniswe uluhlu oluzaliswe ngokupheleleyo kuMququzeleli weZikolo eZikhuselekileyo weSithili seMfundo ungadlulanga owe-10 Disemba 2014.
4. Ukuba ufuna uncedo malunga noku, kucelwa uqhagamshalane noMququzeleli weZikolo eZikhuselekileyo weSithili seMfundo okanye noMnu Oscar Apollis kule nombolo yefoni 021 467 9367 / 2597 / 2207.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2014:12:02


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47


La maxwebhu alandelayo abhekisele kule kwingcaciso.
Sebenzisa i-Adobe Acrobat Reader® ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
Klikha kwisihloko esingezantsi:  uxwebu luya kuvula i-Acrobat Reader® apho unokugcina okanye uprinte ikopi.
Ukubuyela kule kwingcaciso, klikha kwi logo ye-WCED Online ephezulu kwesi sikrini.
ULUHLU LOKUTSHEKISHA NEENKQUBO  (ubukhulu: 43 KB)
"South African Schools Act (SASA),1996 (Act 84 of 1996)"  (ubukhulu: 255 KB)
Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe