1. ISiqendu 11(1) soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika, (SASA),1996 (uMthetho 84 ka-1996) sicacisa ukuba ibhunga elimele abafundi (representative council of learners (RCL)) malisekwe kuzo zonke izikolo zikarhulumente ezibhalisa abafundi beBakala 8 nangaphezulu.

2. Lo Mthetho ukwabeka i-RCL njengesona straksha simele abafundi sisemthethweni kwisikolo ngasinye sikarhulumente esinabafundi abaqala kwiBakala 8 nangaphezulu. Ziyabongozwa izikolo ukuba mazikhuthaze i-RCL njengestraksha esisemthethweni ekufuneka isikolo ngasinye sibe naso.

3. I-RCL sistraksha esibalulekileyo ekwakheni izakhono zabafundi nokuphuhlisa izakhono zobunkokeli kulutsha ezikolweni. Bayacelwa ke ngoko ootitshala abangamagosa oqhagamshelwano (TLOs) ukuba baqinisekise ukuba baphucula izakhono zamalungu e-RCL ngamaphulo oqeqesho kubunkokeli nangeeprogram zophuhliso lolutsha ezifanelekileyo.

4. Uqeqesho lwee-RCLs ezisandula kunyulwa luqala nge-01 Februwari 2015. Ziyakhunjuzwa izikolo ukuba amalungu e-RCL akwi-SGB kufuneka nawo aye kuqeqesho lokuqhelaniswa nomsebenzi wawo nokumiselwa ngokusesikweni kwamalungu e-SGB onyuliweyo amatsha oluya kuqhubeka phakathi kuka-Apreli noJuni 2015.

5. Ithuba lonyulo
5.1 Ukwenzela ukuqinisekisa ukuba ii-RCLs ziqala ukusebenza kwangoko kangangoko kunokwenzeka ngo-2015, kucetyiswa ukuba unyulo lwee-RCLs zika-2015 luqale ukususela nge-01 Oktobha 2014 kuye kwi-31 Januwari 2015.
5.2 Kucelwa iinqununu ziqaphele ukuba ithuba lokubasesikhundleni lihamba kunye nonyaka wezifundo. Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zibalungise kakuhle ngendlela eyiyo abafundi abatsha beBakala 8 phambi kokuba bathathe inxaxheba kunyulo lukaJanuwari wonyaka othile.

6. Ikomiti yonyulo yesikolo
6.1 Makwenziwe ikomiti yonyulo yesikolo ukuqinisekisa ukuba kwenziwa amalungiselelo kwangoko onyulo lwe-RCL oluyimpumelelo.
6.2 Ziyakhuthazwa iikomiti zonyulo zezikolo ukuba zenze izicwangciso zazo zokunika inkxaso ngamandla ukukhuthaza abafundi ukuba bathathe inxaxheba kunyulo nokuqinisekisa ukuba kunyulwa abagqatswa abanako ukwenza umsebenzi. Izicwangciso zokunika inkxaso zibandakanya ukusasazwa kweekhrayitheriya zokukhetha amalungu angabafundi afanelekileyo.
7. Emva konyulo lwe-RCL entsha
7.1 Kufuneka iinqununu ziqinisekise ukuba inkqubo yokunikezela iintambo zolawulo ilandelwa ngokuchanekileyo ukusuka kwi-RCL ephumayo ukuya kwi-RCL engenayo.
7.2 Njengenxalenye yokuxhotyiswa kwamalungu ngezakhono, amalungu e-RCL asandula kunyulwa makaye kwinkqubo yokuqhelaniswa nomsebenzi wawo ngokusesikweni eya kuququzelelwa ngumququzeleli we-RCL wesithili semfundo.
7.3 Ziyakhuthazwa iinqununu ukuba zilungiselele amatheko okwamkelwa ngokusesikweni kwamalungu amatsha (inauguration ceremonies). Oku kungenziwa ngeendlela eziliqela, umz. kwiindibano zabafundi zesikolo okanye kwitheko elilodwa ekukho nabazali kulo.
7.4 Ziyakhuthazwa ngamandla kwakhona izikolo ukuba zithathe inxaxheba kwimisebenzi eququzelelwe sisithili yokuqhelaniswa nomsebenzi kwamalungu amatsha.
7.5 Iinqununu maziqinisekise ukuba, ukungqinelana ne-SASA, amalungu e-RCL amabini anyulelwa ukuba abe kwibhunga lolawulo lesikolo.
7.6 IsiHlomelo A likhasi elisisishwankathelo ekufuneka iinkcukacha zee-RCL ezisandula kunyulwa zifakwe kulo. Ziyacelwa izikolo ukuba zisizalise esi sihlomelo zize zisithumele kumququzeli wazo wee-RCLs wesithili.

8. Ukuba izikolo zinayo nayiphi na imibuzo malunga nonyulo lwe-RCL, zingaqhagamshelana nabaququzeleli bee-RCLs bezithili abafanelekileyo abalapha ngezantsi:

  • I-Metro East District: Nks Mary Joan-Swartz, ifoni 021 900 7000/7253
  • I-Metro South District: Nks Akeda Isaacs, ifoni 021 374 4107
  • I-Metro North District: Nks Graze Ziegler, ifoni 021 938 3191
  • I-Metro Central District: Nks Anusha Naidoo, ifoni 021 514 6700/67176
  • I-Cape Winelands District: Mnu Alton Koenze, ifoni 028 348 4600/4673
  • I-West Coast District: Nks Maryke Cupido, ifoni 021 860 1200/12
  • I-Overberg District: Mnu Mike Kobus, ifoni 028 214 7368
  • I-Eden & Central Karoo District: Nks Sinovuyo Stofile, ifoni 044 803 8300/8315
9. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2014:09:22

"South African Schools Act (SASA), 1996 (Act 84 of 1996)"  (ubukhulu: 255 KB)
IsiHlomelo A: "Representative Council of Learners (RCLs) for the year 2015"  (ubukhulu: 45 KB)