Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:  35010
13/11/1
IMIBUZO:   B Xotyeni    IFONI:   021 467 2000  IFEKSI:   021 467 2996

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOCWANGCISO LOLAWULO NOKUPHATHWA KWAMAZIKO:  0013/2014


IYA:   

KUBALAWULI BEZITHILI, KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEIMG, KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUBAPHATHI BEZEIMG (AET), KUBAPHATHI BAMAZIKO EMFUNDO OLUNTU KUNYE NAKOOSIHLALO BAMABHUNGA OLAWULO AMAZIKO


 

UQEQESHO LWEBHUNGA ELIMELE ABAFUNDI BAMAZIKO E-AET KARHULUMENTE (PUBLIC AET CENTRE REPRESENTATIVE COUNCIL OF LEARNERS)


1. NgokweSiqendu 19(1) soMthetho weMfundo noQeqesho lwaBadala, (Adult Education and Training (AET) Act, 2000 (uMthetho 52 ka-2000), ngalinye iziko lemfundo likarhulumente kufuneka liseke iBhunga eliMele aBafundi (Representative of Learners (RCL)).
2. Ukongeza koku, uMphathiswa weMfundo wePhondo uthe, ngokweSiqendu 19(2) soMthetho we-AET, 2000 (AET Act, 2000), wamisela isikhokelo sokusekwa, ukunyulwa nemisebenzi yeeRCL (iGazethi yePhondo No. 6984, yomhla we-24 Meyi 2012).
3. ICandelwana le-AET ngoku selenze amalungiselelo okuqeqesha iiRCL ngokumalunga neendima nemisebenzi eluxanduva lwazo.
4. Uqeqesho luya kuqalisa ukususela nge-20 Septemba 2014, kwaye imihla echaphazelekayo neendawo oluya kuqhutyelwa kuzo kwizithili zemfundo zinikwe kwisiHlomelo P esiqhotyoshelwe apha.
5. Ngalinye iziko elikhulu (main centre) malithumele abameli abathathu kuqeqesho, o.k.t. amalungu eRCL amabini kunye nomphathi weziko.
6. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-C FROLICK
USEKELA MLAWULI-JIKELELE OBAMBELEYO WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2014:09:02


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47


La maxwebhu alandelayo abhekisele kule kwingcaciso.
Sebenzisa i-Adobe Acrobat Reader® ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
Klikha kwisihloko esingezantsi:  uxwebu luya kuvula i-Acrobat Reader® apho unokugcina okanye uprinte ikopi.
Ukubuyela kule kwingcaciso, klikha kwi logo ye-WCED Online ephezulu kwesi sikrini.
"Adult Education and Training (AET) Act, 2000 (Act 52 of 2000)"  (ubukhulu: 477 KB)
IsiHlomelo P: "Training Schedule for RCLs 2014"  (ubukhulu: 31 KB)
Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe