1. Umba wokuphuncukwa kwabafundi zizimilo ezikolweni uchaphazela ngqo indlela abaqhuba ngayo nabapasa ngayo izifundo zabo. Kufuneka kubekho ukuqondwa ngendlela efanayo kokuthethwa kukuziphatha kakuhle kwabafundi kunye nezo zinto zinokwenziwa ukukhuthaza ukuziphatha kakuhle ezikolweni zethu. ICandelo loCwangciso loLawulo nokuPhathwa kwamaZiko (IMGP) liya kubamba iinkomfa ezimbini ngo-Agasti 2014 ukuxoxa ngokuziphatha kwabafundi ezikolweni.

2. Ziyacelwa zonke iinqununu zezikolo, noosihlalo bamabhunga olawulo ezikolo (SGBs) kwakunye nosihlalo webhunga elimele abafundi (RCL) okanye unobhala, baye kwenye yezi Nkomfa zimbini kwezi ndawo ziboniswe apha ngezantsi.

3. Injongo yeNkomfa kukukhuthaza inkqubo yokulungisa umonakalo nokubuyisela kwimeko efanelekileyo (reclaiming and restorative approach) kwezimilo eziphuncukileyo ngokunika ii-SGBs ithuba lokufumana ulwazi ngeendlela, amaphulo ongenelelo ngoncedo, neeprogram zokuqhubeka nokwakha (developmental programmes) xa kusingethwe imiba yezimilo eziphuncukileyo ezikolweni zazo. INkomfa iya:
3.1 kunika ithuba ii-SGBs neRCLs lokuba zabelane ngezona ndlela zibhetele emazisetyenziswe nangeengcebiso zokunika inkxaso izikolo ukulungelelanisa iindlela neemfundiso zokuziphatha ezivunyiweyo nemithetho esebenzayo; kunye
3.2 nokuzincedisa ekubeni zifumane ezinye iindlela ezinokusetyenziswa nokuba wenziwe ngubani umsebenzi wokudala indawo engqonge isikolo ibe yekhuthaza ngamandla ukuziphatha kakuhle kwabafundi.

4. Iindawo nemihla yenkomfa ukulungiselela izikolo kwizithili zazo zezi zilandelayo:

  Izithili Indawo Imihla namaxesha
1 Eden & Central Kaaroo, Cape Winelands and Overberg Gerrit du Plessis Secondary School Hall, Panorama-Meent in Riverdale 23 Agasti 2014
Ixesha: 08:00 - 16:00
2 Metro Central, East, North, South and West Coast Main Hall of the College of Cape Town, Kromboom Road in Crawford 30 Agasti 2014
Ixesha: 08:00 - 16:00

5. Amalungiselelo okuya kwinkomfa
5.1 Ziyacelwa iinqununu zezikolo, oosihlalo beeSGBs nabeRCLs, ukuba bakhwelisane xa besiya kule Nkomfa. Ziya kubuyiselwa iinqununu iindleko zazo zokuhamba, apho umgama ohanjiweyo ungaphezulu kwe-100 km kuhambo lokuya kuphela. Ukwenzela ukulungiselela ibango leendleko zohambo, ezi fom ziqhotyoshelweyo mazingeniswe kule Nkomfa. Amabango afunyenwe engazaliswanga ngokupheleleyo okanye azaliswe ngokungachanekanga akayi kuhlawulwa.
5.2 Kwimeko apho inqununu yesikolo ingenako ukubakho kule Nkomfa, kodwa yena usihlalo weSGB noweRCL babekho, kucelwa isikolo sihlawule iindleko zohambo size sinike iCandelo leze-IMGP ubungqina bentlawulo ukwenzela ukuba isikolo sibuyiselwe iindleko zaso ngokukhawuleza emva kweNkomfa.
5.3 Apho usihlalo weSGB noweRCL ahamba yedwa ukuya kwiNkomfa yaye umgama ohanjiweyo ungaphezu kwe-100 km kuhambo lokuya kuphela, iCandelo leze-IMGP liya kubuyisela isikolo iindleko zaso lakuba lifumene la maxwebhu alandelayo angqiniweyo:

  • Ileta yentsusa (original letter) kungabi yikopi)) ebonisa iletahedi yesikolo yaza yasayinwa ngabo bobabini, inqununu nonondyebo, neyazisa iSebe iWCED ngazo zonke iindleko zohambo ezenziwe sisikolo kunye

  • netshekhi ekheshiweyo yentsusa enikwe uSihlalo weSGB (yaza yafakwa istampu yibhanki),

    OKANYE

  • ivawutsha yekheshi yentsusa (original cash voucher) yentlawulo-mali eyenzelwe usihlalo yaza yasayinwa ngabantu abagunyaziselwe oko kunye nerisithi (neerisithi) yentsusa ebhalwe igama lesikolo yemali efunyenwe ngusihlalo waza yayisayinela.

QAPHELA: Kufuneka izikolo zigcine iikopi zawo onke amaxwebhu ukulungiselela iinjongo zokuba afumaneke xa efuneka kunye nophicotho lweencwadi zemali.

5.4 Indawo yokulala iya kunikwa kuphela iinqununu noosihlalo beeSGBs nabeRCLs abahambe umgama ongaphezu kwe-200 km kuhambo olusinga calanye. Iinqununu noosihlalo abaya kufuna indawo yokulala, kuya kufuneka bazalise iCandelo B lale fom eqhotyoshelweyo. Le ngcaciso yendawo yokulala icelwa kwangaphambili ukwenzela ukuqinisekisa ukufumaneka kwayo. Izicelo zendawo yokulala mazifunyanwe phambi okanye ngowe-14 Agasti 2014. Zingathunyelwa ngefeksi kuNks Zoliswa Lonja kule nombolo yefeksi 086 547 8758. I-imeyili yokungqinisisa ukufumaneka kwendawo yokulala iya kuthunyelwa kumthunywa ngamnye ofuna indawo yokulala.
5.5 Abantu/izikolo ezinenjongo yokuya kwinkomfa engokuZiphatha kwaBafundi mazizalise iCandelo A lefom eqhotyoshelweyo zize ziyithumele kuNks Zoliswa Lonja apha 0865478758, phambi okanye ungadlulanga owe-14 Agasti 2014. Le ngcaciso ifunwa kwangaphambili ukwenzela ukuba iSebe iWCED lenze izicwangciso yaye lilawule kakuhle amalungiselela esi siganeko kwaye licwangcisele ukuba iNkomfa ibe yimpumelelo enkulu.
5.6 Ukuba ufuna nayiphi na ingcaciso eyenye engaphezu koku kunye neempendulo zemibuzo, kucelwa uqhagamshelane noNks Zoliswa Lonja kule nombolo yefoni 021 467 2070.

6. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba le ngcaciso ikule ngcaciso imfutshane yaziswa oosihlalo beeSGBs nabeeRCLs kwaye kuyaxoxwa ngayo kwiintsuku ezi-4 zomsebenzi yakuba ifikile ukwenzela ukuba izikolo zibuyise iimpendulo ngemihla ezilindeleke ngayo.

7. Iya kuthakazelelwa kakhulu impendulo yenu ekhawulezileyo.


ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2014:08:06

"Event Schedule"  (ubukhulu: 79 KB)
"Subsistence and Transport form"  (ubukhulu: 23 KB)
"Z34 form 1"  (ubukhulu: 18 KB)
"Z34 form 2"  (ubukhulu: 15 KB)
"Reply slip for accommodation"  (ubukhulu: 60 KB)
"Detailed claim information form"  (ubukhulu: 12 KB)