UMHLA WOKUPHELELWA: 31 Disemba 2014
Isishwankathelo esifutshane: |
Iiprogram zamahala zeSARS zokufunda ngerhafu zabafundi nootitshala bezikolo zamaBakala 10 – 12. |
1. |
ISouth African Revenue Service (SARS), ngokubambisana neSebe leMfundo esiSiseko likazwelonke, ibonelela ngeeprogram zokufunda ngerhafu zamahala kootitshala nakubafundi bamaBakala 10 – 12 kwizikolo eziphakamileyo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni. |
2. |
Iiprogram ezisekelwe kwikharityhulam ziya kufumaneka kwakwenziwa isicelo soko kwaye ziya kuququzelelwa ziingcali ezinamava nezazi ncam zona ngokwazo izihloko ezichaphazelekayo ezichazwe apha ngasezantsi. |
3. |
Izikolo zibonelelwa ngezi program zilandelayo:
Life Orientation Grade 10 – 12 |
1. |
Career and choices |
2. |
Social and environmental responsibility |
Accounting Grade 10 |
3. |
Value Added Tax (VAT) |
4. |
Salaries and wages journals |
5. |
Financial accounting of sole trader |
6. |
Sole trader – interpretation of financial statements |
Accounting Grade 11 |
7. |
Financial accounting of partnerships preparation |
8. |
Financial accounting of partnerships preparation – analysis and interpretation |
9. |
Value Added Tax (VAT) |
Accounting Grade 12 |
10. |
Financial accounting of close corporations |
11. |
Value Added Tax (VAT) |
|
4. |
Iiprogram ziya kucwangciswa ukwenzela ukuba abaququzeleli bakwaSARS babe nako ukuchitha usuku ezikolweni bencedisa ootitshala nabafundi bamaBakala 10 – 12 kwezi zihloko njengoko kufuneka. |
5. |
Le program yenziwa ukuqala ngoSeptemba 2014 ukuya kutsho ngoMatshi 2015 ngeephiriyodi ze-Life Orientation, zezifundo nge-commerce okanye ze-Mathematical Literacy ngeeyure zesikolo. |
6. |
Izikolo ezinqwenela ukubhukisha iinkonzo zabaququzeleli bakwaSARS zingaqhagamshelana nabo ngale i-imeyili engagementct@sars.gov.za ukubhukisha iiseshoni ezichaphazelekayo. Ukubhukisha kuya kusingathwa ngokwenkqubo kamaqal' afike (first come, first served basis) kwaye kuxhomekeke ekufumanekeni kwabaququzeleli bakwaSARS. |
7. |
Kukhuthazwa izikolo ukuba zilisebenzise ngokupheleleyo eli thuba njengoko linika ootitshala nabafundi ithuba elilodwa lokufumana ulwazi ngqo kwiiprakthishina zakwaSARS. |
8. |
Ukuba unayo nayiphi na imibuzo, kucelwa uqhagamshelane no-Edlyn Fortuin, Western Cape Branch Operations: Engagement via e-mail: engagementct@sars.gov.za okanye neNtloko yeKharityhulam kwi-ofisi yesithili semfundo. |
ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2014:08:28
|
|