Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:  39245
13/2/8/23
IMIBUZO:   LN Sopotela    IFONI:   021 467 2029  IFEKSI:   021 467 2996

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOKUNIKA INKXASO KWIMFUNDO ENEEMFUNO EZIZODWA:  0002/2014


IYA:   

KUMLAWULI OYINTLOKO WEZITHILI, KUBALAWULI BEZITHILI, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO ZESLES, KUBAPHATHI BEZEIMG, KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KWIINQUNUNU ZEZIKOLO ZIKARHULUMENTE EZIQHELEKILEYO EZIPHANTSI KWEPROGRAM YENSNP, NAKOOSIHLALO BAMABHUNGA OLAWULO EZIKOLO EZINABAFUNDI BAZO ABAXHAMLAYO KULE PROGRAM


 

UKUBEKWA ESWENI KWEZIKOLO ZENSNP NGAMAGOSA EZITHILI KUNYE NAWEPHONDO


1. I-National School Nutrition Programme (NSNP) yiprogram karhulumente yokunciphisa intlupheko (poverty alleviation), neyathi yaqaliswa ngokukodwa ukuxhasa amalungelo abantwana okufumana ukutya okusisiseko nemfundo.
2. I-NSNP ixhaswa ngemali yigranti ekhutshwa phantsi kwemiqathango evela kwiSebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (Department of Basic Education) (DBE).
3. Umgaqo-sikhokelo wezomthetho osebenzayo wale granti ucaciswe gca kuMthetho woKwahlulwa kweNgeniso (Division of Revenue Act) (DoRA), iGazethi No. 36581 yomhla we-24 Juni 2013.
4. Kulindeleke ukuba abakulawulo lwesikolo abasingethe iNSNP kunye noMququzeleli weNSNP weSithili baqinisekise ukuba iinkqubo zokubeka esweni ukusiwa kweNSNP ezikolweni zenziwa ngempumelelo. Ezi nkqubo zibandakanya, phakathi kwezinye izinto, ukungqinelaniswa kwemicimbi (reconciling transcations) okwenziwa qho ngenyanga.
5. Kufuneka amagosa eNSNP esithili abeke esweni ukuthotyelwa kwezona mfuno zisezantsi zisebenzayo ekuphunyezweni kweNSNP njengoko kucacisiwe kwiSetyhula 0015/2014.
6. Injongo yale ngcaciso imfutshane kukuqinisekisa ukuba amagosa eNSNP esithili nawephondo agunyazisiwe ukuba enze utyelelo ezikolweni engazazisanga kuqala izikolo ngokuza kwawo ukwenzela ukuba enze imisebenzi yawo, ebandakanya inkqubo yokubeka esweni.
7. Inqununu yesikolo, njengegosa elimele ukuphendula ngokusetyenziswa kwemali (accounting officer), inoxanduva lokulawula ngokupheleleyo iprogram esikolweni (iSetyhula 0015/2014, 2.3).


ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2014:11:04


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47

Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe