1. Ukubhalwa koviwo olukumgangatho ofanayo lwephondo i-Adult Education and Training (AET) Level 3, kwapapashwa nguMphathiswa weMfundo ePhakamileyo noQeqesho (Higher Education and Training) uGqirha BE Nzimande, ngowe-11 Apreli 2013 kwesi Saziso sikaRhulumente No. 36463, Regulations on the Assessment Process and Procedures for Adult Education and Training (AET) Qualification at NQF Level 1 sika-2013.
2. Le ngcaciso imfutshane yenzelwe ukungqinisisa imihla yokubhalwa kweemviwo zango-2014 ii-AET Level 3 Common Examination ukususela kwi-4 ukuya kwi-6 Novemba 2014 njengoko kuchaziwe kwisiHlomelo P esiqhotyoshelwe apha.
3. Le mihla ikwaboniswa nakwiKhalenda i-AET Provincial Calendar ka-2014.
4. Ayacelwa amaziko e-AET ukuba alandele kanye ngqo le mihla imisiweyo.
5. Njengoko olu iluviwo lwephondo, ukubekwa esweni kwalo kuya kwenziwa ngamagosa ephondo nawezithili zemfundo.
6. Ukumakishwa nokumodareyithwa kwangaphakathi kweemviwo ezikumgangatho ofanayo kuya kuqhubekela kumaziko phantsi kweliso lekomiti yolawulo lweziko, o.k.t. uMphathi weZiko noMququzeleli weZiko yaye kufanele kugqitywe ungadlulanga owe-13 Novemba 2014.
7. Ukufakwa kwamanqaku amodareyithiweyo amane (4) emisebenzi ii-Site-Based Assessment Tasks kwakunye nawoviwo olukumgangatho ofanayo makugqitywe ungadlulanga owe-20 Novemba 2014.
8. Ayacelwa amagosa ezithili zemfundo nabaphathi bamaziko ukuba bazise ootitshala nabafundi abachaphazelekayo ngokuqulethwe kule ngcaciso imfutshane ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2014:10:08

IsiHlomelo P: "AET Level 3 November 2014 Examination Timetable"  (ubukhulu: 21 KB)