 | IMIBUZO: | L Ngondo P Smit | IFONI: | 021 467 2588 / 2244 | IFEKSI: | 021 467 2258 |
INGCACISO EMFUTSHANE YEKHARITYHULAM YEGET: DCG 0011/2014 |
IYA: | KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, KUMASEKELA BALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI ZEMFUNDO), KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEKHARITYHULAM, KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KUBAPHATHI BEZEIMG, KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KWIINTLOKO ZAWO ONKE AMAZIKO ANABAFUNDI ABAKUMABAKALA 7 – 9, KWIINTLOKO ZEZIFUNDO ZEELWIMI KUNYE NAKOOTITSHALA |
| ULUHLU LWEENCWADI EZIMISELWEYO ZOKUFUNDA UNCWADI ZAMABAKALA 7 – 9 NGO-2015 |
1. |
NgokweNkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy (CAPS)) weeLwimi kwiSigaba esiPhakamileyo (amaBakala 7 – 9), abafundi kufuneka benze "ukufunda okuqingqiweyo kweetekisi zokufunda" ("formal study of literary texts"), kubandakanywa amabalana amafutshane, iinoveli, isihobe nedrama. |
3. |
Olu luhlu lwenziwe ngenjongo yokunciphisa imfuneko yokuthenga iincwadi ezintsha, kodwa kuye kwangezwa izihloko ezitsha kuluhlu. |
4. |
IKomiti ethweswe uXanduva lweeNcwadi eZimiselweyo (Prescribed Book Committee) iqwalasele zonke iingcebiso neekhomenti, kwafakelwa nezilungiso kuluhlu lwephondo. |
5. |
Kucetyiswa izikolo ngoko ke ukuba zisebenzise uluhlu loncwadi lokugqibela luka-2015 ukuthenga uncwadi apho kuyimfuneko. |
6. |
Izikolo maziqaphele ukuba injongo yolu luhlu kukunceda ootitshala beelwimi bamaBakala 7 – 9 ekukhetheni iitekisi zokufunda. Iitekisi zokufunda ezininzi zibandakanya imibuzo, ukwenza izicelo (applications) namanqaku aziingongoma eziphambili (notes) ukunika inkxaso abafundi. Malunga nezihloko ezithile kukho uncedo olufumanekayo kwi-intanethi. |
7. |
Ukufundwa kweentlobo zoncwadi kubandakanywa isihobe, iinoveli, amabalana amafutshane, idrama namavo (kwiiLwimi zesiNtu) kuya kunika isiseko sohlalutyo lweetekisi kwinqanaba leFET. Ukufakwa kwamavo (essays) kwiiLwimi zesiNtu kujoliswe ekunikeni umzekelo kuze ngaloo ndlela kunikwe inkxaso ngokufanelekileyo izakhono zokubhala ngobuchule (creative writing skills). |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2014:11:25
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano Employment and salary queries: 0861 92 33 22 Safe Schools: 0800 45 46 47

|
 |