1. ISiqendu 33 soMthetho wezeNgqesho yooTitshala, 1998 (uMthetho 76 ka-1998) kunye neSiqendu 30 (b) soMthetho weNkonzo kaRhulumente, 1994, zasisa bonke abaqeshwa ngembopheleleko yabo (their obligation) yokwenza isicelo semvume kwiNtloko yeSebe ukuba banqwenela ukwenza umsebenzi ohlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente.
2. Lo Mgaqo-nkqubo i-Western Cape Government’s Transversal Human Resource Management Policy ulawula ukwenziwa komsebenzi ohlawulelwayo ngabaqeshwa beSebe leMfundo leNtshona Koloni ngaphandle kwenkonzo karhulumente. Lo mgaqonkqubo sele ufakelwe izilungiso, yaye umgaqo-nkqubo ohlaziyiweyo owaphunyezwa ukususela nge-1 Septemba 2012, uyafumaneka kweli ziko lewebhu www.westerncape.gov.za.
3. Abaqeshwa abangekayifuni imvume yokwenza umsebenzi ohlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente, kwakunye nabo banenjongo yokuqalisa ukwenza umsebenzi ohlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente, mabangenise ngokukhawuleza izicelo zabo zokwenza umsebenzi ololu hlobo. Izicelo zivunywa ngonyaka-mali ngamnye (1 Apreli ukuya kwi-31 Matshi yonyaka olandelayo) yaye ke ngoko abaqeshwa mabafake izicelo kwangaphambili qho ngonyaka.
4. Ukufumana imvume, makuzaliswe le fom iqhotyoshelweyo ize ingeniswe kule dilesi ilandelayo:

  Head: Education
For attention: Director: Human Resource Management
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
Cape Town
8000
5. Ukungaphumeleli ukufumana imvume elolu hlobo kuya kukhokelela kwiziphumo zokohlwaywa komqeshwa ochaphazelekayo.
6. Bayacelwa abaqeshwa abankcukacha zabo buqu (personal particulars) ziqhotyoshelwe kwinkampani yabucala kwi-Companies and Intellectual Property Commission’s register nabangasenzi msebenzi ohlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente, ukuba baqinisekise ukuba abagama abo akhutshiwe kwirejista ngokufanelekileyo (are duly deregistered).
7. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abaphantsi kweliso lakho ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:07:09

"Employment of Educators Act, 1998"  (ubukhulu: 160 KB)
"Public Service Act, 1994"  (ubukhulu: 183 KB)