INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO IDC/0001/2008 |
IYA: | KUBALAWULI BEZITHILI ZEMFUNDO, KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KUBAQUQUZELELI BE-NSLA, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM, KWIIKOMITI EZENZA IMISEBENZI NGEMISEBENZI ENGEMIBA YEZEMFUNDO, KWIINQUNUNU ZEZIKOLO NAKOOTITSHALA BAMABAKALA 12 |
| UMSEBENZI WOBUKHADETHI WAKWA-MAKRO NEPROGRAM YOKUFUNDA |
1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni linqwenela ukwazisa izikolo ngoMsebenzi wobuKhadethi wakwaMAKRO nePhulo lokuFunda (MAKRO Cadetship Work & Study initiative). Eli phulo lentsebenziswano lincomekayo lijoliswe ekutyaleni imali kwakhona kuluntu ngokusebenzisa imfundo, lo gama kwangaxeshanye, kusenziwa iinzame zokudala amathuba engqesho kubafundi beBakala 12.
|
2. |
Le nkampani ibonelela abafundi beBakala 12 abaphumeleleyo (ngo-2007 nango-2008) ngeprogram yoqeqesho, ehamba kunye namathuba okufumana ibhasari epheleleyo yokufundela isidanga se-B.Com, (specialising in Management), kwakunye nethuba lokufumana isikhundla sokuphatha kwinkampani emva kokugqiba izifundo zabo ngempumelelo.
|
3. |
Umsebenzi wobuKhadethi neProgram yokuFunda zilungiswe ngolu hlobo:
Isigaba 1
Iqela labenzi-sicelo abaphumeleleyo abangama-20 - 25 liya kuqala ukusebenza kwiivenkile ezimbini zakwaMakro eNtshona Koloni (Western Cape MAKRO stores) njengabangxungxi, behlawulwa kanye ngeveki. (Kuya kuzanywa ukuba iqwalaselwe mpela into yokuncitshiswa kangongoko ukuchaphazeleka kwamalungiselelo eemviwo zokuphela konyaka ngo-2008.)
Ixesha ekujongwe ukuba oku kwenziwe ngalo: Agasti-Disemba 2008
Isigaba 2
Ekupheleni kuka-2008, zakuba nje zisaziwa iziphumo zaba bagqatswa, kuya kulandela enye inkqubo yokhetho eya kuphelela ekubeni abagqatswa abali-10, banikwe imvumelwano yonyaka omnye yokusebenza kwaMAKRO, lo gama bebhalise e-UNISA ukuba bafunde isidanga seB.Com (Management).
Abenzi-sicelo abaphumeleleyo
- baya kuya kwizifundo ezingesosigxina (part-time UNISA lectures) kwiindawo ezikwingingqi yaseKapa;
- baya kufumana uqeqesho neengcebiso lo gama basebenza kwaMakro;
- baya kufumana amava axabisekileyo okufunda usebenza apha evenkileni; baze
- banikwe amathuba okuthatha inxaxheba kolunye uqeqesho olunxulumene nokuphatha kwalapha kwinkampani.
Emva kwesi sigaba, abafundi abanezidanga ze-B. Com banako ukufumana isikhundla sokuphatha apha kwinkampani. |
4. |
Xa kukhethwa aba bagqatswa, kuya kugxininiswa kule miba ilandelayo:
- KUPHELA ngabantu ababefudula behlelelekile ngaphambili ngokwembali yeli
- Abafundi abanezifundo ezikhethwe ngendlela eyiyo eyenza babe nako ukwamkelwa eyunivesithi
- Abafundi abaqhuba kakuhle esikolweni
- Abafundi abathatha isiNgesi, iMathematika okanye uLwazi lweMathematika kwinqanaba eliyimfuneko ekuphumeleleni kwabo
- Abafundi abangaphantsi kweminyaka eyi-23
|
5. |
Baya kucelwa abagqatswa ukuba bangenise ezi zinto zilandelayo:
|
6. |
Imvulophu mayithunyelwe kule dilesi ibhalwe ngolu hlobo lulandelayo:
Igama lomgqatswa nefani: ............................
Igama lesikolo: ............................
Igama lesithili semfundo: ............................
To:Mr L R Abrahams
Western Cape Education Department
Room 909 9th Floor
Grand Central Towers
Lower Parliament Street
Cape Town |
7. |
Umhla wokungena kwezicelo nguMvulo, we-21 Julayi 2008. |
8. |
Oku kulandelayo yinkqubo yokhetho:
IMIHLA | IZINTO EZENZIWAYO | ABENZA UMSEBENZI |
21 Julayi 2008 | Ukungeniswa kwezicelo kwaNdlunkulu | Inqununu yesikolo & nomenzi-sicelo |
23 - 28 Julayi 2008 | Ukuhluzwa nokukhethwa kwabenzi-sicelo | MAKRO |
28 Julayi 2008 | Ukwaziswa kwabenzi-sicelo abaphumeleleyo | MAKRO |
|
9. |
Ukuba unayo nayiphi na imibuzo ungaqhagamshelana nomnye waba balandelayo abangaBacebisi ngezeKharityhulam kwisifundo soLwazi ngezoBomi beSebe i-WCED:
Okanye aba:
|
ISAYINWE: NGU-M CAROLINE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:06:23
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|