1. Iyunithi ye-HIV/AIDS yeSebe leMfundo eNtshona Koloni inqwenela ukwazisa bonke abaqeshwa, abazali nabafundi ukuba uSeptemba yiNyanga ye-AIDS eZikolweni kuZwelonkwe (National School AIDS Month).
2. Izikolo nabahlali abathatha inxaxheba kwimicimbi eqhubekayo kuluntu (community events) neeprogram ezicwangcisisweyo ngethuba leNyanga ye-AIDS eZikolweni ngo-2006 bonke baqhwatyelwa izandla ngempumelelo yabo nokuzimisela kwabo.
3. Onke amabhunga olawulo ezikolo, ootitshala nabafundi bayakhuthazwa kwakhona ukuba bajolise kwi-HIV/AIDS ngethuba lenyanga kaSeptemba kwangokufanayo ngomdla omkhulu, ngokuzimisela, nangengqondo ezimisele ukuvelisa izinto ezintsha (creativity) xa besenza iiprogram nezinto eziza kwenziwa ezikhokelela kuSuku lwe-AIDS kwiHlabathi Jikelele nge-1 Disemba.
4. Izikolo namahlakani azo kubahlali (abazali, uluntu nemibutho yezenkolo norhulumente wengingqi), kufuneka bajolise ekuhlangabezeni le miba ilandelayo imalunga nezakhono zobomi ze-HIV/AIDS nemfundo ngezesini:
  • Ukwenza kwaziwe ngakumbi, ukwazi ukunika impendulo kwizinto ezithethwayo ekungekho ngqiniseko ngazo abantu abakholelwa kuzo (myths) nokunika ingcaciso echanekileyo yokuncedisa ekuthinteleni ukunwenwa nokwaphula iimpondo amandla e-AIDS
  • Ukukhuthaza imeko ebonisa ukubahoya nokubanika inkathalo abo bosulelekileyo nabachatshazelwa sesi sifo
  • Ukujongana nobandlululo, iziyobisi, ulwaphulo-mthetho, ukukhulelwa kolutsha olufikisayo, ukuthengisa ngemizimba nesimo sokuhlukumeza abanye esenza iqhubele phambili ngamandla imeko yokunwenwa kwentsholongwane kuluntu
  • Ukukhuthaza ukuziphatha kakuhle nangenkathalo nokuphuhlisa iinkokeli ezilulutsha ukulungiselela ingomso
  • Ukuxoxa ngemiba ebangela impikiswano enkulu efana nokusetyenziswa kwekhondom, ukufumana iNgcebiso nokuXilongwa ngokuZithandela (Voluntary Counselling and Testing (VCT) nezinye iintlobo zonyango namayeza
  • Ukukhuthaza ukuzigcina kwabantu bephilile belandele iindlela zokuhlala bephile qete nokulwela ukuba uluntu lubuyele kwiindlela zokuziphatha nakwiimfundiso ezisisiseko sentlalo yalo.
5. Izikolo zingafikelela kwezi njongo ngokwenza iiprogram ezizicingela ngokwazo ezifanele abafundi, abazali, ootitshala nabahlali besikolo. Ezi program mazingapheleli ekubeni zibe yimisebenzi esekelwe kwikharityhulam kuphela, koko mazinatyiswe zibe yimisebenzi nezinto zokongeza kwikharityhulam.
6. Ukuba izikolo zifuna ingcaciso engaphezulu noncedo, zingaqhagamshelana naba baququzeleli balandelayo beHIV/AIDS kwii-EMDC:
Metropole Central:       Lynne Herrmann  Ifoni 021 659 4300
Metropole South:         Nceba Jalamba   Ifoni 021 370 2072
Metropole North:         Labeqa Abrahams Ifoni 021 938 3065
Metropole East:          Esmé Kleinveldt Ifoni 021 900 7024
West Coast & Winelands:  Janine Kearns   Ifoni 021 860 1200
Breede River & Overberg: Alister Adonis  Ifoni 023 348 4687
South Cape & Karoo:      Lionel Pedro    Ifoni 044 874 3130
7. Kuya kuthakazelelwa kakhulu ukuthatha kwenu inxaxheba ngolangazelelo nangokuzimisela kwezi program ngethuba leNyanga ye-AIDS eZikolweni kuZwelonke.


ISAYINWE: NGU-M.J. THERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:02:23