IMibuzo: V. MINNAAR
IFoni: 021 467 2605
IFeksi: 021 467 2268
ISalanthiso: 13/1/R
20071011-0111

Wes-Kaap Onderwysdepartement
Western Cape Education Department
ISebe IeMfundo IeNtshona Koloni

INGCACISO EMFUTSHANE:  

IMG/0008/2007


IYA:   

KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-EMDC), KUBAPHATHI BEESEKETHE ABAKHULU, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM ABAZIINTLOKO, KUBACWANGCISI BEKHARITYHULAM ABAKHULU NAKUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM (BE-ECD/BESIGABA SESISEKO) NAKWIINQUNUNU ZAWO ONKE AMAZIKO EMFUNDO ESEBE I-WCED


 

UKUBHALISELA IBAKALA R: UKUSASAZWA KWEEPHOWUSTA


1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lizibophelele ekuqinisekiseni ukuba bonke abantwana abangena kwiBakala R babhaliswa kwangethuba ukwenzela ukuqalisa iBakala R ekuqaleni konyaka omtsha wokufunda ka-2008.
2. Kuveliswe iphowusta yokwazisa ngokubaluleka kobhaliso kwangethuba kumaziko emfundo abhaliswe kwi-WCED.
3. Ezi phowusta ziya kusasazwa kuzo zonke izikolo eziziiprayimari nakumaziko emfundo oluntu abhaliswe kwi-WCED, kwakunye nakwiilayibrari zephondo nakwiindawo ezibonelela ngeenkonzo zeSebe lezeMpilo kwiphondo ukususela nge-1 Oktobha 2007.
4. Kucelwa ukuba iiphowusta zixhonywe kwindawo esemboniselweni apho bonke abazali nabalondolozi babantwana baya kuba nako ukuzibona, ekukhethwa ukuba mazibe kwifoya.
5. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beBakala R nabeSigaba seSiseko (Foundation Phase) ukuze bakuthathele ingqalelo.
6. Iinkcukacha zoqhagamshelwano zamaziko olawulo nophuhliso lwemfundo (ii-EMDC) nabacebisi ngezekharityhulam abachaphazelekayo zimi ngolu hlobo lulandelayo:
EMDC Metropole Central:
   Nks S. Pillay spillay@pgwc.gov.za 021 659 4300

EMDC Metropole East:
   Nks E. Solomon ebsolomons@pgwc.gov.za 021 900 7185

EMDC Metropole North:
   Nks S de Villiers sdvillie@pgwc.gov.za 021 938 3013

EMDC Breede River & Overberg:
   Nks M. Siddle msiddle@pgwc.gov.za 023 348 4633

EMDC West Coast & Winelands:
   Nks N. Meyer nmeyer@pgwc.gov.za 021 860 1568

EMDC South Cape & Karoo:
   Nks L. Roux lroux@pgwc.gov.za 044 803 8325

EMDC Metropole South:
   Nks L. Pearson admin@rainbow.wcape.school.za 021 372 4521


ISAYINWE: NGU-DR SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:10:11


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano
Safe Schools: 0800 45 46 47
CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22