INGCACISO EMFUTSHANE: | IMG/0002/2007 |
IYA: | KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, KUBAPHATHI BEESEKETHE ABAKHULU, KUBAPHATHI BEESEKETHE NAKWIINQUNUNU ZEZIKOLO EZINAMABHUNGA AMELE ABAFUNDI (ii-RCL) [Ukuqalela kwiBakala 8 kubheke phezulu] |
| UKUNYULWA KWEBHUNGA ELIMELE ABAFUNDI NGO-2007 |
1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni [iWCED] lamkela bonke ootitshala nabafundi njengoko bebuyela ezikolweni kwaye libanqwenelela impumelelo nonyaka abaya kuvuna lukhulu kuwo lo ka-2007.
|
2. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) linezicwangciso zokuba libambe inkomfa yeRCL ngo 2007. Izikolo ziya kwaziswa kamva ngomhla wale Nkomfa. Kubalulekile ke ngoko ukuba lugqitywe unyulo lweeRCL ekupheleni kukaMatshi 2007.
|
3. |
Ziyacelwa izikolo ukuba zilugqibe unyulo lonyaka lweeRCL zezikolo ungadlulanga owona mhla wokugqibela ngama-28 Februwari 2007. Oku kwenzelwa ukuba iiRCL zezikolo zithathe inxaxheba kunyulo lweWCRCL.
|
4. |
Ziyacelwa zonke izikolo ukuba zigqithise amagama ebakala ngalinye kubafundi abanyuliweyo beRCL ngo-2007 kwiCandelo le-IMGP kule nombolo yefeksi 021 456 2268. [Iqhotyoshelwe ifom]
|
5. |
Iinqununu maziqinisekise ukuba bonke ootishala abangamagosa oqhagamshelwano noosihlalo beeRCL ezikolweni bafumana ikopi yale ngcaciso imfutshane kunye namaxwebhu aqhotyoshelweyo.
|
ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:07:05
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|