INGCACISO EMFUTSHANE: | HRD/0004/2007 |
IYA: | KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-EMDC), KWIINTLOKO ZAMACANDELWANA AKWANDLUNKULU, KUBAPHATHI BEESEKETHE ABAKHULU, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM ABAZIINTLOKO, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM NAKWIINTLOKO ZAZO ZONKE IZIKOLO ZIKARHULUMENTE EZIQHELEKILEYO EZIZIIPRAYIMARI, EZIDITYANISIWEYO NEZIPHAKAMILEYO |
| INKOMFA YEZISOMBULULO ZEMATHEMATIKA |
Umhla: | 5 nowe-6 Oktobha 2007 |
Indawo: | Cape Teaching Institute, Nooiensfontein Road, Kuils River |
Amaxesha: | 5 Oktobha: 15:00 - 19:00 6 Oktobha: 08:30 - 13:30 |
Ngubani omakaye: | Ngootitshala beMathematika bamaBakala R - 9 |
|
1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (i-WCED) licela ootitshala beMathematika bamaBakala R - 9 ukuba bathathe inxaxheba kwiNkomfa yeziSombululo zeMathematika (Mathematics Solutions Conference) nokuba badlale indima njengabenzi benkcazo-ntetho (presenters) okanye njengabathathi-nxaxheba (participants).
|
2. |
Injongo
Injongo yale nkomfa yeMathematika kukunika imizekelo yeendlela ekungafundiswa ngayo iMathematika ngempumelelo.
|
3. |
Iinkcukacha zaBenzi beNkcazo-ntetho (Presenters)
|
3.1 |
Ootitshala abanomdla ekunikeni isifundo seMathematika okanye ekuthatheni inxaxheba kulo masifundisane "a best practice" ("eyona ndlela ibhetele yokufundisa") oza kuqhutywa kule nkomfa kufuneka bakhokelwe zezi zinto zilandelayo:
Isifundo okanye umasifundisane othi "How I teach it" ("Indlela endiyifundisa ngayo") makasekelwe kwiMathematika yamaBakala R - 9 yeNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke (Grades R to 9 Mathematics National Curriculum Statement).
Isifundo sifanele ukufundisa umba othile wesilabhasi yeMathematika kwibakala elithile.
Abathathi-nxaxheba kufuneka bathathe inxaxheba kwisifundo okanye kumasifundisane.
Ubude bexesha: ngama-40 emizuzu. Nika imizuzu emi-5 - 10 ukulungiselela ingxoxo yamaqela okanye imibuzo.
Iindawo zendibano ziya kuba neetafile nezitulo, i-ovahedi projektha kunye nebhodi.
Zonke iiwekhishithi (worksheets) zenkomfa ziya kuqokelelwa ziprintwe zenziwe incwadana. Oku kuthetha ukuba akukho mfuneko yokuba abenzi nkcazo-ntetho beze nezinye iikopi eziprintiweyo, ngaphandle kokuba abathathi-nxaxheba bacelwa ukuba basike okanye basonge amaphepha eewekhishithi.
Zonke izinto zokufunda ezingamaphepha kufuneka zitayishwe zize ziprintwe kwiprinta yeleyiza (laser), ukuba unako. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuzidyuplikheyitha izinto zokufunda.
|
3.2 |
Ukuba unomdla wokwenza intetho ngomba othile nge-5 okanye nge-6 Oktobha, kucelwa uzalise isiHlomelo A esiqhotyoshelweyo ube sele usithumela ngefeksi kuMnu A. Lamprecht ngale nombolo yefeksi 021 900 5175 okanye usithumele kuye nge-imeyili apha alamprec@pgwc.gov.za, ungadlulanga owe-31 Julayi 2007.
|
4. |
Ingcaciso yaBathathi-nxaxheba
|
4.1 |
Ootitshala abanganqweneli kwenza nkcazo-ntetho ngomsebenzi wabo, kodwa benqwenela ukuya kwinkomfa, kucelwa bazalise iinkcukacha zabo kuluhlu lwesikolo kwisiHlomelo B.
|
4.2 |
IsiHlomelo B esizalisiweyo masibuyiselwe kuMnu A. Lamprecht ngale dilesi ye-imeyili alamprec@pgwc.gov.za, okanye kuGaynore Matthews ngale dilesi ye-imeyili gmatthew@pgwc.gov.za okanye sifekselwe apha 021 900 5175, ungekadluli owe-31 Agasti 2007.
|
4.3 |
Iprogram yenkomfa iya kubandakanya iingxoxo zephaneli yeplinari kunye neeseshoni eziqhubeka ngaxeshanye (parallel sessions) ezenziwa ngabathathi-nxaxheba. Izikolo ezibhalisela inkomfa ziya kufumana iinkcukacha zeprogram yenkomfa ungekadluli owe-14 Septemba 2007.
|
4.4 |
Imali ehlawulelwa inkomfa yi-R30 ngomthunywa ngamnye (yeyokuhlawula iindleko zezinto ezisetyenziswa kwinkomfa).
|
5. |
Amalungiselelo
Abathathi-nxaxheba okanye abenzi nkcazo-ntetho abasuka kwii-EMDC ezisemaphandleni abahamba umgama ongaphezu kwe-120 km ngohambo lokuya nokubuya bangalala kwihostele yaseCape Teaching Institute ngoLwesihlanu, nge-5 Oktobha. Indawo yokuhlala iya kuhlawulwa liSebe i-WCED. Iindleko zokuhamba aziyi kuhlawulwa liSebe i-WCED.
|
6. |
ISebe i-WCED linethemba lokuba kuya kuvunwa lukhulu kule nkomfa ngabo bonke ootitshala beMathematika abaya kuza kuyo.
|
ISAYINWE: NGU-E. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:04:22
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|