1. ISebe leMfundo kuZwelonke (DoE) liqalise inkqubo yophuhliso enjongo ikukuphuhlisa iimfuno zomsebenzi wokufundisa kubaphathi bezikolo.
2. Le nkqubo ibandakanya ukubhalisela ibanga lemfundo elikhutshelwa isatifikethi se-Advanced Certificate in Education: School Leadership ((ACE: SL) elenziwa kumaZiko eMfundo ePhakamileyo (Higher Education Institutions) abhaliswe kwi-Council for Higher Education (CHE). I-CHE ivume iYunivesithi yaseNtshona Koloni(University of the Western Cape (UWC)) ne-Yunivesithi yaseKapa (University of Cape Town (UCT)) eNtshona Koloni njengamaziko aza kwenza le program ethatha iminyaka emibini kufundwa emva komsebenzi(two-year part-time programme).
3. Injongo ye-ACE: SL kukuncedisa izikolo ukuba zibe ngamaziko okufundela apho kuya kufundiswa imfundo esemgangathwen ngokuthi kuphuhliswe iinkokeli kwezemfundo ezinolwazi olubalulekileyo lobunkokeli nolawulo lwesikolo zilandela umbono wenguqu yedemokhrasi.
4. INtshona Koloni ichongwe njengelinye lamaphondo apho kuya kuqhutywa khona uphando lokujonga ukufaneleka (relevance) nokuba ingayimpulelelo na (viability) iprogram ye-ACE. Nakuba le program iya kuthi ekugqibeleni ibe yeyootitshala abanqwenela ukuba ziinqununu, uphando lokujonga luya kujolisa kwiinqununu, ezilelona qela kwenziwa kulo uphando (study group). IsiHlomelo A sinika ingcaciso engaphezulu malunga nale program.
5. Iqela ekuza kwenziwa kulo uphando, iqela lokuqala labafundi abayi-160 bebonke liya kuthathwa ngoJuni/Julayi 2007 lize elesibini nalo elingabafundi abayi-160 lithathwe ngoJanuwari 2008. Kuya kunikwa iibhasari ezipheleleyo kwabo bafundi bakhethiweyo kumatyeli omabini.
6. Ukukhethwa kwabafundi kuya kuxhomekeka kwindawo anokufikelela kuyo kakuhle la maziko i-UWC ne-UCT apha eNtshona Koloni, njengoko inxalenye yezifundo ifuna ukuba abahlohli banike inkxaso abafundi abangaba titshala ezikolweni zabo.
7.

Iinqununu ezisenkonzweni ezinqwenela ukungenela le program ziyacelwa ukuba zizalise isiHlomelo B and no-C, zize zigqithisele izicelo zazo phambi okanye ngoLwesihlanu, we-04 Meyi 2007 kulo:

The Head: Education
Western Cape Education Department
For attention: Mnu G de Bruyn (Room 8-78)
Directorate: Human Resource Development
Grand Central Towers
Lower Parliament Street
CAPE TOWN
8000

8. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo.
9. Siya kuyithakazelela intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-E KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:04:16

IsiHlomelo A  (ubukhulu: 28 KB)
IsiHlomelo B: ISICELO SEBHARSARI YOKUFUNDA  (ubukhulu: 21 KB)
IsiHlomelo C: Agreement on payment of tuition fees from state funds  (ubukhulu: 21 KB)