INGCACISO EMFUTSHANE: | HRD/0002/2007 |
IYA: | KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-EMDC), KUBAPHATHI BEESEKETHE ABAKHULU, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KWIINTLOKO ZAMAZIKO EMFUNDO NAKOOSIHLALO BAMABHUNGA OLAWULO EZIKOLO |
| UKUTHATHWA KWABO BAZA KWENZA IDIPLOMA KAZWELONKE YOQEQESHO KWEZEMFUNDO (NATIONAL PROFESSIONAL DIPLOMA IN EDUCATION) |
1. |
Iqela elikhulu lootitshala abaqeshwe isigxina kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) linemfundo esezantsi nengazanelisiyo ezona mfuno zisezantsi zemfundo yoqeqesho lootitshala efunwayo ukuze babe nokubhaliswa kwiBhunga looTitshala laseMzantsi Afrika (South African Council for Educators).
|
2. |
IDiploma kaZwelonke yoQeqesho kwezeMfundo (National Professional Diploma in Education) (NPDE) inika ootitshala abanemfundo exabiso leziqinisekiso zemfundo yabo, o.k.t. i-Relative Education Qualification Value (REQV) lingu-12 okanye lingaphantsi koko ithuba lokuba bafumane isiqinisekiso esixabiso lingu-REQV 13, nekuyeyona mfuno isezantsi (minimum requirement). Ubude bexesha obuqhelekileyo bale khosi yediploma yiminyaka emibini yokufunda emva kweeyure zomsebenzi (part-time study).
|
3. |
Le khosi yediploma iya kwenziwa yiYunivesithi yaseNtshona Koloni (University of the Western Cape) nayi-Cape Peninsula University of Technology.
|
4. |
Bayacelwa ootitshala abanemfundo esezantsi nababekwa ngoku kuhlelo lwe-REQV 11 no-12 ukuba benze isicelo sebhasari ukwenzela ukuba babe nokufunda i-NPDE. Lilonke inani labafundi eliya kwamkelwa ngo-2007 ngama-60 yaye liya kukhethwa ngolu hlobo lulandelayo:
20 ootitshala besiGaba sesiSeko
20 ootitshala besiGaba esiPhakathi
20 ootitshala besiGaba sabaDala (kwiBakala 7 kuphela)
QAPHELA: Kwimeko apho kwenziwe amalungiselelo eeseshoni zokudibana nootitshala abasuka kwizithili zee-EMDC ezisemaphandleni, kuya kufuneka aba titshala bazihlawulele ngokwabo iindleko zabo zokuhamba nokulala.
|
5. |
Iikhosi ziya kuqala ekuqaleni kuka-Apreli 2007.
|
7. |
Iifom ezizalisiweyo mazingeniswe, zidlule kwiinqununu, phambi koLwesihlanu we-30 Matshi 2007 kulo:
The Head: Education
For attention: Mr G de Bruyn (Room 8-78)
Western Cape Education Department
Directorate: Human Resource Development
Grand Central Towers
Lower Parliament Street
CAPE TOWN
8000
|
8. |
Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane bonke abachaphazelekayo.
|
ISAYINWE: NGU-E. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:03:12
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|