INGCACISO EMFUTSHANE: | HRD/0001/2007 |
IYA: | KUBALAWULI ABAZIINTLOKO NAKUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-EMDC) |
| UKUKHETHWA KWABAQUQUZELELI BAMALUNGELO EZESINI (GENDER FOCAL PERSONS) |
1. |
ICandelo leeNgxoxo ngezeNtlalo kunye namaLungelo oLuntu (leSebe le-Ofisi yeNkulumbuso) elidlala indima ephambili kwisicwangciso sokuququzelela amalungelo ezesini kwiinkalo zonke (gender mainstreaming) kuRhulumente wePhondo laseNtshona Koloni, liqaphele izinto ezintathu ezibalulekileyo zokuqhubela phambili isicwangciso sokulingana kwamalungelo oluntu ukuya kwinqanaba elilandelayo. Imiba ephambili yile
ukuvelisa ulwazi olutsha lokuqonda ukuququzelelwa kwamalungelo oluntu kwiinkalo zonke,
ukwenza uvavanyo olupheleleyo lokusebenza kwamalungelo oluntu kunye nokuququzelela amalungelo oluntu kuwo onke amasebe ukwenzela ukubonisa indlela emayilandelwe kwixesha elizayo kunye
nokuqulunqa umgaqo-nkqubo wephondo wokuququzelelwa kwamalungelo oluntu kwiinkalo zonke.
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) linethemba lokuba ngumthathi-nxaxheba ngokupheleleyo kuwo onke amanqanaba ale nkqubo. Kungoko ke kuyimfuneko ukuba onke amagosa ethu okuququzelela amalungelo ezesini athathe inxaxheba ngamandla kwimiba yezesini ngo-2007.
|
2. |
Bayakhunjuzwa bonke abalawuli ukuba bafake amagama abaququzeleli babo bamalungelo ezesini kuCarmelita Lee Shong kule dilesi ye-imeyili: clees@pgwc.gov.za phambi kwe-2 Aprili 2007.
|
3. |
Icandelo/i-EMDC nganye ifanele ukuba nommeli. Okufakwe apha ngaphakathi nguMgaqo-nkqubo wezeSini (Gender Policy), oya kukhokela abalawuli ekukhethweni komququzeleli wabo wamalungelo ezesini.
|
4. |
Bayakhunjuzwa abalawuli ukuba abaququzeleli bamalungelo ezesini (gender focal persons) badlala indima ebalulekileyo ekuziseni umoya okhuthaza ukuhlonitshwa kwamalungelo oluntu kunye nomoya wentloniphano ngaphakathi kwiSebe i-WCED. Abaququzeleli bamalungelo ezesini bakwanika ulwazi ngakumbi ngokwenziwa licandelo ne-EMDC nganye ukuseka umoya okhuthaza ukulingana kumacandelo abo.
|
5. |
Umoya okhuthaza intloniphano nokwamkelana unokudalwa kuphela ngokuthatha inxaxheba ngokupheleleyo kwabo bonke abasebenzi beSebe i-WCED.
|
ISAYINWE: NGU-E. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:03:14
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|