INGCACISO EMFUTSHANE: | HRD/0015/2007 |
IYA: | KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-EMDC), KUBAPHATHI BEESEKETHE ABAKHULU, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KWIINQUNUNU ZEZIKOLO ZIKARHULUMENTE NAKOOSIHLALO BAMABHUNGA OLAWULO EZIKOLO |
| I-ADVANCED CERTIFICATE IN EDUCATION (ACE): SCHOOL LEADERSHIP (SL) |
1. |
Njengoko kubhaliweyo kwiNgcaciso eMfutshane yoPhuhliso lwaBasebenzi 0003/2007 (Human Resource Development Minute 0003/2007), iSebe leMfundo likazwelonke (DoE) liqalise inkqubo yokuphuhlisa iimfuno zoqeqesho lweenqununu zezikolo. Le nkqubo ibandakanye ukubhaliswa kwesiqinisekiso, i-Advanced Certificate in Education: School Leadership (ACE: SL), ngaMaziko eMfundo ePhakamileyo (Higher Education Institutions) (HEIs) neBhunga leMfundo ePhakamileyo (Council for Higher Education) (CHE)).
|
2. |
IYunivesithi yaseNtshona Koloni (UWC, iYunivesithi yaseKapa (UCT) neYunivesithi yaseStellenbosch (US) zivunywe okwethutyana (provisional accreditation) yi-CHE ukuba ziqhube le khosi kwaye ziya kufundisa iprogram yeminyaka emibini ekungenziwa zonke izifundo ngaxeshanye (two-year part-time programme) eNtshona Koloni.
|
3. |
Injongo ye-ACE: SL kukuncedisa izikolo zibe ngamaziko emfundo apho kunikwa khona imfundo esemgangathweni, ngokuphuhlisa iinkokeli zemfundo ezinolwazi olubaluleke kakhulu ngobunkokeli besikolo nolawulo ngethuba lenguqu eze nedemokhrasi.
|
4. |
Nangona le program iya kuthi ekugqibeleni yenzelwe ootitshala abanqwenela ukuba ziinqununu, iinqununu ezisenkonzweni ngoku, ngokukodwa iinqununu ezisandula kuqeshwa, ziyakhuthazwa ngokunjalo ukuba zingenele le program. IsiHlomelo A sinika ingcaciso engaphezulu ngokunxulumene nale program.
|
5. |
Iqela lokuqala labafundi liqalise izifundo zalo kulo nyaka. Kwisigaba sesibini sale program ye-ACE, ngabafundi abali-190 bebonke abaya kuthathwa kubhaliso lwesigaba sesibini ngoJanuwari 2008. Iibhasari ezihlawula zonke iindleko ziya kunikwa abo bafundi bakhethelwe ukuba babhalise kwisigaba sesibini.
|
6. |
Ukukhethwa kwabafundi kuya kuxhomekeka kwiindawo ezinokufikeleleka kuzo iinkonzo zezi ii-HEI zintathu (i-UWC, i-UCT ne-US) eNtshona Koloni, kuba inxenye yeprogram ifuna ukuba abahlohli banike inkxaso kubafundi ezikolweni zabo.
|
7. |
Iinqununu ezisenkonzweni, amasekela nqununu nootitshala abaziintloko zezifundo abanqwenela ukuba bangenele le khosi bonke bayacelwa ukuba bazalise iziHlomelo B no-C eziqhotyoshelwe apha baze bathumele izicelo zabo ungadlulanga uleSihlanu, we-2 Novemba 2007 kulo:
The Head: Education
(For attention: Mr GC de Bruyn)
Directorate: Human Capital Development
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
CAPE TOWN
8000
|
8. |
Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo.
|
ISAYINWE: NGU-E. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:10:23
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|