INGCACISO EMFUTSHANE: | HRD/0014/2007 |
IYA: | KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWIZITHILI), KWIINTLOKO ZAMACANDELO KWANDLUNKULU, KUBAPHATHI BEESEKETHE ABAKHULU, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM ABAZIINTLOKO, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM NAKWIINTLOKO ZAZO ZONKE IZIKOLO ZIKARHULUMENTE EZIQHELEKILEYO EZIZIPRAYIMARI, EZIDIBENEYO NEZIPHAKAMULEYO |
| IIKHOSI ZOQEQSHO EZENZELWA OOTITITSHALA YI-CAPE TEACHING INSTITUTE NGO- 2008 |
1. |
I-Cape Teaching Institute (CTI) iyakuqhuba iikhosi, njengoko ziboniswe kwiziHlomelo A, B, C no-D, zootitshala nabaphathi bezikolo (school managers) ngethuba lokuqhubeka kweekota zesikolo ngo-2008.
|
2. |
Ootitshala abanomdla wokuza kwezikhosi bacetyiswa ukuba babhalise ngokudlula kuqala kumagosa e-Zithili, njengoko kubonisiwe kwisiHlomelo E.
|
3. |
Ikhosi enye iyaphinda-phindwa amaxesha ngamaxesha ukwenzela ukuba ootitshala bezikolo ezahlukeneyo abantanganye bakwazi ukuza.
|
4. |
Kuphela ngootitshala abangamashumi amahlanu anesithandathu abanokubhaliswa ngekhosi nganye. Aba titshala baya kuthathwa kuzo zosibhozo iZithili zeli phondo. Oku kuthethe ukuba linani elincinane lootitshala elinako ukuza ekhosini ngexesha ngalinye.
|
5. |
Iikhosi zeeveki ezine zahlulwe phakathi zaziibloko ezimbini ukwenzela ukunika ithuba ootitshala lokubuyela ezikolweni zabo baphumeze oko bebeqeqeshwa kuko.
|
5.1 |
Ikhosi yeeveki ezine ineebloko ezimbini (iBloko yokuqala neBloko yesibini), ezibude buziiveki ezimbini ibloko nganye.
|
6. |
Kufuneka utitshala aye kuzo zombini iibloko, eyokuqala neyesibini, zekhosi enye ukwenzela ukugqiba yonke ikhosi ngokupheleleyo: umz. Ukuba utitshala ukhetha ukuya kule khosi yesi-3, iFoundation Phase Numeracy, loo titshala makaye kwibloko yokuqala yale khosi eqala nge-5 Meyi kuye kwi-16 Meyi 2008 aze abuye aze kugqibezela ikhosi ngokuza kwibloko yesibini eqala nge-21 July kuye kwi-1 Agasti 2008.
|
7. |
Akuyi kuvunyelwa ukutshintshinisa (swapping) iibloko zeekhosi ezahlukileyo.
|
8. |
Ngako oko ke ootitshala mabakhethe iikhosi eziya kuqhubeka ngexesha befumaneka ngalo ukuba baye kwikhosi yonke ngokupheleleyo.
|
9. |
Amagama atyunjwe ngamagosa eZithili abo baza kuya ezikhosini eziqhubeka ngethuba lekota yokuqala ka-2008 kufuneka afike eCape Teaching Institute ngaphambi kwe-20 Novemba 2007 ukulungiselela ukuba kuqhutywe inkqubo yokubhalisela ikota 1 ka-2008 ngaphandle kwamagingxi-gingxi.
|
10. |
Ukufumana ingcaciso engaphezulu musa ukuthandabuza qhagamshelana noNobantu Pasiya apha 021 900 5022 okanye ngale dilesi ye-imeyili: npasiya@pgwc.gov.za.
|
11. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso emfutshane bonke ootitshala.
|
ISAYINWE: NGU-E. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:10:01
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|