IMibuzo: Gavin de Bruyn
IFoni: 021 467 2575
IFeksi: 021 467 2562
ISalanthiso: 7/2/13
20070921-0016

Wes-Kaap Onderwysdepartement
Western Cape Education Department
ISebe IeMfundo IeNtshona Koloni

INGCACISO EMFUTSHANE:  

HRD/0013/2007


IYA:   

KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-EMDC), KUBAPHATHI BEESEKETHE ABAKHULU, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM ABAZIINTLOKO, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM NAKWIINTLOKO ZAMAZIKO EMFUNDO


 

ISKIM SEEBHASARI SOOTITSHALA ABANGAFUNDI ZONKE IZIFUNDO NGAXESHANYE (PART- TIME) ZE-B ED HONS


1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) likuxabisile ukuzinikela kootitshala bethu ekuzixhobiseni ngokwabo, ekwandiseni ulwazi lwabo ngezinto eziqhubekayo ngoku kwezemfundo nasekuphuhliseni izakhono zabo kwinkalo yemfundo.
2. Ngako oko ke eli Sebe iWCED linovuyo ukubhengeza ukuba kusekwe iskim seebhasari zokunceda ootitshala abafunda izifundo zesidanga, i-B Ed Hons, emva kwesidanga sokuqala (first post-graduate degree), abalandela izifundo zayo naziphi na inkalo ethile (specializing in any field), ngaphandle kwe-School Management.
3. Ootitshala ababhalisele unyaka wezifundo ka-2007 bayacelwa ukuba bafake izicelo zenkxaso-mali (financial assistance) eluhlobo lwebhasari kulo nyaka oshiyekileyo wokugqiba (kule minyaka eshiyekileyo yokugqiba) isidanga.
4. Ibhasari iya kunikwa phantsi kwale miqathango ilandelayo:

(a) Utitshala makabe ungumfundi obhalisileyo kwiZiko leMfundo ePhakamileyo eliseNtshona Koloni;
(b) Utitshala makabe kunyaka wokuqala okanye wesibini wezifundo;
(c) Utitshala makabe ngoqeshwe isigxina kwinkonzo yeSebe iWCED;
(d) Makungaze kuthi kanti utitshala ufumana ibhasari karhulumente okanye nayiphi na enye ibhasari;
(e) Utitshala makabe ngummi waseMzantsi Afrika; kwaye
(f) Ibhasari yokufunda iya kuhlawula kuphela iifizi zezifundo, ezibandakanya iifizi zobhaliso (registration fees).

5. Isicelo sebhasari ngasinye kufuneka sibe nala maxwebhu alandelayo:

(a) Ifom yoKwenza isicelo seBhasari yoKufunda ezaliswe ngokupheleleyo (IsiHlomelo A)
(b) Ifom yeMvumelwano ezaliswe ngokupheleleyo (Completed Agreement Form) (IsiHlomelo B)
(c) Ubungqina bokuba ubhalisile kunyaka wezifundo ka-2007
(d) Ubungqina obubhaliweyo beendleko zokufunda (iifizi zobhaliso, iifizi zezifundo) zonyaka wezifundo ka-2007. Le ngcaciso ifumaneka kwiZiko leMfundo ePhakamileyo obhalise kulo.

6. Izicelo mazingeniswe kule dilesi ilandelayo engadlulanga uLwesihlanu, we-12 Oktobha 2007:
Head:  Education
(For attention: Mr GC de Bruyn)
Directorate: Human Resource Development
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
CAPE TOWN
8000
7. Akukho zicelo zifike mva, zingazaliswanga ngokupheleleyo okanye ingacacanga into ebhalwe kuzo ziya kuqwalaselwa.
8. IKomiti yeeBhasari iya kuqwalasela ize izisingathe zonke izicelo ize izihlele ngokokufuna ukuqwalaselwa kwazo ngokukhawuleza, ize emva koko inike iingcebiso malunga nokunikwa kweebhasari. Iimali ezabelwe iibhasari aziyi kuba ngaphezu kweefizi ezipheleleyo zobhaliso neefizi zezifundo, kodwa oku akuthethi ukuba ziya kuhlawulwa zonke ezi fizi. Inani leebhasari ezinikiweyo liya kubalelwa kwinani lezicelo ezifikileyo nemali efumanekayo.
9. Umenzi-sicelo ngamnye ophumeleleyo uya kulindeleka ukuba angene kwimvumelwano esemthethweni (formal agreement) neSebe iWCED yokuba enze inkonzo yonyaka kunyaka ngamnye anikwe ngawo ibhasari nokuba athobele eminye imiqathango ekhankanywe kwimvumelwano.
10. Ukufumana ingcaciso engaphezulu, nceda uqhagamshelane noMnu Gavin de Bruyn kule nombolo yefoni 021 467 2575 okanye kule dilesi ye-imeyili: gdebruyn@pgwc.gov.za.
11. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-E. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:09:21


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano
Safe Schools: 0800 45 46 47
CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22

La maxwebhu alandelayo abhekisele kule kwingcaciso.
Sebenzisa i-Adobe Acrobat ReaderĀ® ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
Klikha kwisihloko esingezantsi:  uxwebu luya kuvula i-Acrobat ReaderĀ® apho unokugcina okanye uprinte ikopi.
Ukubuyela kule kwingcaciso, klikha kwi logo ye-WCED Online ephezulu kwesi sikrini.
IsiHlomelo A:  Application form  (ubukhulu: 42 KB)
IsiHlomelo B:  ISIBHAMBATHISO  (ubukhulu: 17 KB)