IMibuzo: MR Daniel
IFoni: 021 467 2437
IFeksi: 021 467 2694
ISalanthiso: 6/14/18/1
20070910-0048

Wes-Kaap Onderwysdepartement
Western Cape Education Department
ISebe IeMfundo IeNtshona Koloni

INGCACISO EMFUTSHANE:  

HRD/0012/2007


IYA:   

KWABA BANTU BALANDELAYO ABAKWISITHILI SE-SOUTH CAPE / KAROO: KUMLAWULI WE-EMDC, KUBAPHATHI BEESEKETHE ABAKHULU, KUMASEKELA-BALAWULI (EZOLAWULO) NAKWIINQUNUNU ZAMAZIKO EMFUNDO


 

USUKU LWEMPILO QETE YABASEBENZI - 4 OKTOBHA 2007


1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liyazi ngokubaluleka kokunika abasebenzi balo iingcebiso eziyimfuneko nokubanika inkxaso yokuba balandele indlela yokuphila ebagcina bekwentle yona impilo. Ngenxa yoku iSebe iWCED liqalise iProgram yeMpilo Qete yaBasebenzi (Employee Health and Wellness Programme) yokunika abaqeshwa uncedo xa kufuneka bejongene nemingeni yobomi neentlekele zobomi. Le program igxininisa imfuneko yokuqulela ingxaki ingekehli (proactive) ukwenzela ukuba uhlale ugcine impilo yakho intle kwaye ulandele indlela yokuba uhlale ukwentle impilo.
2. ISebe iWCED lenze amalungiselelo eprogram yoSuku lweMpilo Qete yaBasebenzi besithili se-South Cape & Karoo ngomhla we-4 Oktobha 2007. Ezi nkonzo ziya kubonelelwa kweli ziko Die Bult Jeugsentrum, Langenhoven Road, George ukususela ngo-12:00 kuye ku-16:00 ngolu suku. Ungaqhagamshelana ne-Die Bult Jeugsentrum ngale nombolo yefoni 044 801 7600 ukufumana indlela eya khona.
3. Kuya kubonelelwa ngezi nkonzo zamahala zilandelayo:
  • Iingcebiso ngokondla umzimba
  • Ukwaziswa ngesifo iThibhi (TB awareness)
  • Ukwaziswa nge-HIV/AIDS
  • Ukwaziswa ngosetyenziso gwenxa lweziyobisi (substance abuse awareness)
  • Ukutshekishwa ikholesterol (Cholesterol check)
  • Ukutshekishwa uxinzelelo lwegazi (Hypertension)
  • Ukuxilongwa incindi yesibeleko (Pap smear)
  • Ukuxilongelwa umhlaza webele (Breast cancer examination)
  • Ukwaziswa ngeenkonzo zofumana iingcebiso (awareness of counselling services)
  • Itheraphi yokumasajwa ngokupheleleyo (holistic massage therapy)
  • Ukunyamekelwa kweenzipho nezandla (nail and hand care)
  • Iibhegi ezizele zizipho ezithandekayo (goodie bags)
4. Kucelwa wazise bonke ootitshala nabasebenzi abaqeshwe liSebe iWCED kwisithili se-South Cape & Karoo okubhalwe kule ngcaciso imfutshane ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-E. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:09:11


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano
Safe Schools: 0800 45 46 47
CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22