1. URhulumente wePhondo leNtshona Koloni (PGWC) kwakhona uziva enebhongo neqhayiya lokwenza la mabhaso axabiseke kangakanana okuqaphela amagosa aye anako ukuthubeleza ngaphaya kweendonga eziluqilima zeesayilo zezembali kurhulumente aza aseka kwaye akuphilela oku, umoya okhuthaza uBatho Pele. Kungenxa yaba bantu abazimisele ngolu hlobo nabakholelwa ngokupheleleyo kwinkqubo yokuba urhulumente wephondo unako ukufikelela kwiinjongo zakhe.
2. Abasebenzi benkonzo karhulumente bodidi oluphezulu kakhulu babaluleke gqitha ekuqinisekiseni ukuba abemi abathwaxwa yintlupheko nababuthathaka benokuxhatshazwa ngokulula beli phondo ibe ngabona kanye iinkonzo zikarhulumente emazijolise kubo kuqala. Kunyaka ophelileyo owaphumelela ibhaso Iethu i-2006 Gold Winner wafundisa inkondekazi engummi oneminyaka eyi-97 ubudala, uNks Anna Ernest waseTouws Rivier, ukufunda nokubhala.
3. ISebe i-WCED liyakukhuthaza wena neqela lakho ukuba ningenele amabhaso ka-2007. Nika ithuba uRhulumente wePhondo leNtshona Koloni lokuba athathele ingqalelo iinzame zakho kwelinye lala mahlelo mane alandelayo:
  • Inkonzo etshatsheleyo kwiiprojekthi kulo nyaka (iqela okanye iyunithi)
  • Iprojekthi yokwenziwa kweenkonzo zoluntu ebandakanya intsebenziswano phakathi kwecandelo lezoshishino norhulumente, okanye phakathi kwee-NGO/CBO norhulumente, okanye phakathi kwamasebe karhulumente
  • Amaziko enzela uluntu iinkonzo, umz. izikolo, izibhedlela, iikliniki, iinkundla okanye izikhululo zamapolisa
  • Ukukhuthazwa kokwenziwa kwenkonzo etshatsheleyo kwiinkqubo zangaphakathi kurhulumente, umz. ku-Treasury, kwi-DotP, kwi-ofisi yoMphathiswa okanye kwindlu yowiso-mithetho yephondo
4. ICandelo loPhuhliso lwaBasebenzi liya kuququzelela inkqubo yamabhaso eSebe i-WCED. Ifom yakho yobhaliso lokwazisa injongo yokuqwalaselelwa ibhaso mayifike kulo Director: Human Resource Development kwa-Room 8-70 okanye kule nombolo yefeksi 021 467 2694 ungadlulanga umhla wesi-3 Septemba 2007. Kuqhotyoshelwe apha kule leta ifom yobhaliso.


ISAYINWE: NGU-E. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:22

Registration vorm  (ubukhulu: 317 KB)