1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liyazi ngokubaluleka kokunika abasebenzi balo iingcebiso eziyimfuneko nokubanika inkxaso yokuba balandele indlela yokuphila ebagcina bekwentle yona impilo. Ngenxa yoku iSebe iWCED liqalise iProgram yeMpilo Qete yaBasebenzi (Employee Health and Wellness Programme) yokunika abaqeshwa uncedo xa kufuneka bejongene nemingeni yobomi neentlekele zobomi. Le program igxininisa imfuneko yokuqulela ingxaki ingekehli (proactive) ukwenzela ukuba uhlale ugcine impilo yakho intle kwaye ulandele indlela yokuba uhlale uphile qete.
2. ISebe iWCED lenze amalungiselelo okubonelela iinkonzo zoSuku lweMpilo Qete yaBasebenzi bakwaNdlunkulu ngoLwesibini we-20 Novemba 2007, ukususela ngo-11:00 kuye ku-16:00. Ezi nkonzo ziya kubonelelwa kule holo iDromedaris Hall eGood Hope Centre, Sir Lowry Road, Cape Town.
3. Kuya kubonelelwa ngezi nkonzo zamahala zilandelayo:
  • Ukwaziswa ngeenkonzo zofumana iingcebiso (awareness of counselling services)
  • Ukwaziswa ngesifo iThibhi (TB awareness)
  • Ukwaziswa nge-HIV/AIDS
  • Ukwaziswa ngosetyenziso gwenxa lweziyobisi (substance abuse awareness)
  • Ukutshekishwa ikholesterol (Cholesterol check)
  • Ukutshekishwa uxinzelelo lwegazi (Hypertension)
  • Ukunikwa ulwazi ngokuxilongelwa incindi yesibeleko (Pap smear)
  • Ukunikwa ulwazi ngokuxilongelwa umhlaza webele (Breast cancer examination)
  • Iingcebiso ngokondla umzimba
  • Itheraphi yokumasajwa ngokupheleleyo (holistic massage therapy)
  • Ukunyamekelwa kweenzipho nezandla (nail and hand care)
  • Iibhegi ezizele zizipho ezithandekayo (goodie bags)
4. Kucelwa niqaphele ukuba kuya kubakho inkonzo yokuthuthwa kwabantu ngeminibhasi enguquqa (minibus shuttle) ukusuka nokubuyela kwaNdlunkulu neya kusuka ngakumnyango ongena ngecala le-Lower Plein Street lesakhiwo iGrand Central Towers.
5. Umqeshwa ngamnye uya kungabikho kwindawo yomsebenzi phantse imizuzu eyi-25.
6. Bayacelwa abaphathi babaqeshwa ukuba bancede bavumele bonke abaqeshwa ukuba baye kuxhamla ezi nkonzo zamahala, lo gama beqinisekisa ukuba yonke imisebenzi ebalulekileyo yeSebe ayiphazanyiswa koku.
7. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abaqeshwe liSebe iWCED kwaNdlunkulu.


ISAYINWE: NGU-S. CYSTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:11:13

"USuku loKwazisa ngeMpilo nokuPhila Qete kwaBasebenzi"  (ubukhulu: 154 KB)