IMibuzo: Z Hartley
IFoni: 021 467 9354
IFeksi: 021 467 2363
ISalanthiso: 2/6/3/3
20061013-0023

Wes-Kaap Onderwysdepartement
Western Cape Education Department
ISebe IeMfundo IeNtshona Koloni

INGCACISO EMFUTSHANE:  

EP/0007/2007


IYA:   

KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI NAKWIINTLOKO ZAWO ONKE AMAZIKO EMFUNDO


 

ISISHWANKATHELO SEENGONGOMA EZIPHAMBILI ZESICWANGCISO SOPHUHLISO LWEZOQOQOSHO LWAMASHISHINI AMANCINANE (MICRO-ECONOMIC DEVELOPMENT STRATEGY (MEDS)) NOKUQWALASELWA KWAKHONA KWEZOQOQOSHO NOBUME BALO KWELI PHONDO (PROVINCIAL ECONOMIC REVIEW AND OUTLOOK (PERO)) EZIZA KUSETYENZISWA NJENGESIXHOBO SOKUFUNDISA KUZO ZONKE IZIKOLO


1. Apho ijolise khona inkqubo yesiCwangciso soPhuhliso lweZakhono zoLuntu (Human Capital Development Strategy (HCDS)) malunga nolutsha kukuqinisekisa ukuba iSebe i-WCED liyawuphumeza umsebenzi eliyalelwe ukuba liwenze wokubonelela ulutsha ngengcaciso ukwenzela ukuba luxhamle amathuba ngamathuba engqesho nawokushishina abonelelwa nguRhulumente wePhondo leNtshona Koloni (Provincial Government of the Western Cape (PGWC)) ngokuthi asebenzise iintlobo ngeentlobo zezicwangciso ezahlukeneyo.
2. IsiCwangciso soPhuhliso lwezoQoqosho lwamaShishini amaNcinane (Micro-economic Development Strategy (MEDS)) sibonelela ngengcaciso efunyenwe ngophando olwenziweyo lokujonga intelekelelo yokuhluma kwixesha elizayo, (projections on future growth), ngcaciso leyo efunwa liSebe i-WCED ukuze lenze ifumaneke kubo bonke ootitshala, abafundi nabazali. UkuQwalaselwa kwakhona kwezoQoqosho noBume balo kweli Phondo (Provincial Economic Review and Outlook (PERO)) kujolise kwiindlela apho zonke iindidi zabantu kwiPhondo leNtshona Koloni zinokuxhamla ngazo okokuqala ngemfundo, ngenzuzo evela kuhlumo lwezoqoqosho nophuhliso olubanzi oluhlanganisa iinkalo ngeenkalo.
3. Ukwenzela ukunciphisa intswelo-msebenzi (unemployment), kufuneka iSebe i-WCED lazise abafundi ngamakhondo emisebenzi abanokuwalandela lize libanike ingcaciso efunyenwe ngophando olwenziweyo lokujonga intelekelelo yokuhluma kwixesha elizayo koqoqosho kunye nombono wezoqoqosho kaRhulumente wePhondo leNtshona Koloni (PGWC)).
4. Okufakwe apha nokuthunyelwa kuzo zonke izikolo zikarhulumente zePhondo leNtshona Koloni ziikopi zeengongoma eziphambili ze-MEDS ne-PERO.
5. Kucelwa wazise okukule ngcaciso emfutshane bonke abaqeshwa abakwiziko lakho okanye abakwi-ofisi yakho.


ISAYINWE: NGU-S.M. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:04:24


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano
Safe Schools: 0800 45 46 47
CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22

La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).