INGCACISO EMFUTSHANE: | EP/0005/2007 |
IYA: | KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-EMDC), KUBAPHATHI BESEKETHE ABAKHULU, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM ABAZIINTLOKO, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM ABAKHULU, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM, KWIINQUNUNU ZEZIKOLO EZIPHAKAMILEYO NAKOOTITSHALA BAMABAKALA 10 - 12 |
| UKUMISELWA KWEETHAGETHI NESICWANGCISO SETHUBA ELIFUTSHANE: AMABAKALA 10-12 |
Ngokubhekiselele kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loCwangciso lweMfundo 0002/2007 ye-23 Februwari 2007, kucelwa uqaphele le nkqubo ilandelayo emalunga nokumiselwa kweethagethi kumaBakala 10 - 12:
Ziyacelwa iinqununu ukuba zigqibezele inkqubo yothetha-thethwano echazwe kule ngcaciso imfutshane ingentla kunye nabathathi-nxaxheba abachaphazelekayo. Iintlanganiso nootitshala kunye nabanye abathathi-nxaxheba abachazwe apha ngasezantsi, kumele zibe sele ziqhubekile.
Zakuba zimiselwe iithagethi, mazifakwe kwithemplethi eqhotyoshelweyo zize zisayinwe ngaba:
Iithemplethi ezigqityiweyo mazingeniswe kumphathi wesekethe ukuze azijongisisise aze enze ikhomenti ngazo ingagqithanga i-30 Matshi 2007. Ikopi yekhompyutha yeethagethi ezimiselweyo mayithunyelwe nge-imeyili kubaququzeleli bovavanyo be-EMDC.
ISAYINWE: NGU-S. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:03:22
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|