IMibuzo: Z Hartley
IFoni: 021 467 9354
IFeksi: 021 467 2363
ISalanthiso: 2/6/3/3
20070118-0038

Wes-Kaap Onderwysdepartement
Western Cape Education Department
ISebe IeMfundo IeNtshona Koloni

INGCACISO EMFUTSHANE:  

EP/0001/2007


IYA:   

KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-EMDC), KUBAPHATHI BEESEKETHE ABAKHULU, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM ABAZIINTLOKO, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM ABAKHULU, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM, KWIINQUNUNU ZEZIKOLO EZIZIIPRAYIMARI NEZEZIKOLO EZIPHAKAMILEYO NAKOOTITSHALA


 

IIKOPI ZESICWANGCISO SOPHUHLISO LWEZAKHONO ZOLUNTU SASENTSHONA KOLONI: KUJOLISWE KULUTSHA


1. Ekupheleni kuka-2006, zonke izikolo eziseNtshona Koloni zafumana iibrowusha ezazichaza iinjongo ezibalulekileyo zesiCwangciso soPhuhliso lwezaKhono zoLuntu (Human Capital Development Strategy) (HCDS) ukwenzela ukuba kunikwe ootitshala nabasebenzi abangengabo ootitshala.
2. I-HCDS sisicwangciso esibaluleke kakhulu se-WCED yaye siluxwebhu oluyinqobo (blueprint) ukuqinisekisa ukuba bonke abantu abaseNtshona Koloni bayakwazi ukufikelela kwimfundo esemgangathweni.
3. Ngoko ke luxanduva lwabo bonke abaqeshwa beSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) ukuba bakwazi okubhalwe kuso ukwenzela ukuba eyona nto ebalulekileyo kuso yokutshintsha imeko yokufunda nokufundisa eNtshona Koloni, ngokungqinelanayo nekhonsepthi ephambili ye-iKapa eliHlumayo (Ukuhluma nokwabelana ngeKapa), kuyafikelelwa kuyo.
4. Ngako oko ke ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba bonke ootitshala, abasebenzi abangengabo ootitshala, abazali, abafundi kunye nemibutho yasekuhlaleni esebenzisana nesikolo iyakwazi okuqulathwe kwi-HCDS.
5. Fumana kuqhotyoshelwe apha ikopi ye-HCDS. Usengayifumana ikopi ye-HCDS efumaneka kwikhompyutha kwiziko lewebhu le-WCED http://wced.wcape.gov.za (Klikha ku-Search A-Z, khangela usihla uye kwi-Human Capital Development Strategy).


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:07:05


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano
Safe Schools: 0800 45 46 47
CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22

La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).