1. IMVELAPHI
1.1 Uxwebhu i-“Framework for Collaboration: Co-ordination and Management of School Sport in Public Ordinary Schools” lwasayinwa ngabo kunye ngowe-17 Matshi 2005. Abanegunya lokusayina kunye olu xwebhu, yayinguMphathiswa weMfundo, u-GNM Pandor, uMphathiswa wezeMidlalo noLonwabo, u-MA Stofile.
1.2 Okufakwe kolu xwebhu lukhankanyiweyo i-"Framework for Collaboration" ngumyalelo onyanzelekileyo wokuba iiprogram zemidlalo yezikolo ziqhagamshelaniswe ngobuchule namaphulo ongenelelo ngoncedo esizwe nakazwelonke afana ne-HIV & AIDS Awareness Campaigns, National and Provincial Crime Prevention Strategies nephulo lokubuyiswa kwezimilo (moral regeneration) njl. njl.
1.3 Ekuqhubekeni kuka-2006/2007, iNkulumbuso yePhondo leNtshona Koloni yabhengeza ukuba imidlalo yezikolo yiprayorithi yephondo.
1.4 Ngo-2006, uMphathiswa weMfundo wePhondo, uCameron Dugmore, wacebisa ukuba makunyulwe ikomiti yezemidlalo yezikolo ekwiSebe iWCED. Le komiti ke ngoko yaqhagamshelaniswa neCandelwana lezeMidlalo yeZikolo leSebe lezeNkcubeko nezeMidlalo (Department of Cultural Affairs and Sport (DCAS), ukwenzela ukuba kuqinisekiswe ukwenziwa kweenkonzo ngokubambisana kwimidlalo yezikolo kwiPhondo leNtshona Koloni.
1.5 Nge-12 Meyi 2007, i-Ofisi yoMphathiswa weMfundo eNtshona Koloni neSebe layo (iWCED) kunye ne-Ofisi yoMphathiswa wezeNkcubeko nezeMidlalo neSebe layo (DCAS), zikunye, ngethuba lokuphehlelelwa ngokusesikweni kombutho oyi-Western Cape School Sport (WCSS), zasayina esi sigqibo i-Western Cape School Sport Memorandum of Agreement (MoA). I-WCSS eyiKomiti eQuquzelayo yePhondo (Provincial Co-ordinating Committee (PROCOC) yezeMidlalo yeZikolo eNtshona Koloni inezi zitraksha zilandelayo: iBhunga eliPheleleyo (Full Council), iKomiti yeSigqeba soLawulo (Executive Committee (Exco)), ne-Komiti yoLawulo (Management Committee (Manco)).

1.5.1 IBhunga eliPheleleyo (Full Council):
      IPHONDO:  I-WCED (2)
IPHONDO:  I-DCAS (2)
IPHONDO:  Ii-SGB (2) = (1 kumbutho ngamnye)
IPHONDO:  Iimanyano zabasebenzi (3) = (1 kwimanyano nganye)
IPHONDO:  Ii-RCLs (7) = (1 kwi-EMDC nganye)
IPHONDO:  Iforam yemidlalo yeWC (iimanyano ezihlangeneyo) = (1/EMDC)
IPHONDO:  Amagunya engingqi (local authorities) eWC (7)= (1 kwi-EMDC nganye)
IPHONDO:  Iikhowudi zemidlalo yezikolo (+- 20) = (1 ngekhowudi nganye)
IPHONDO:  Izikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa = (1 kwicandelo ngalinye)
IPHONDO:  Amavolontiya (7) = (1 kwi-EMDC nganye)
IZITHILI:      I-DCAS (7) = (1 kwi-EMDC nganye)
IZITHILI:      I-WCED (7) = (1 kwi-EMDC nganye)

1.5.2 IKomiti yeSigqeba soLawulo (Exco):
      IPHONDO:  I-WCED
IPHONDO:  I-DCAS (2)
IPHONDO:  Ii-SGB (2= (1 kumbutho ngamnye)
IPHONDO:  Iimanyano zabasebenzi (3) = (1 kwimanyano nganye)
IPHONDO:  Ibhunga elimele abafundi (1)
IPHONDO:  Iforam yemidlalo yeWC (Umanyano) (1)
IPHONDO:  Amagunya engingqi (local authorities) aseWC (1)
IPHONDO:  Iikhowudi zemidlalo yezikolo (4)
IPHONDO:  Izikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa (4)
IPHONDO:  Amavolontiya (1 ummeli wephondo)
Ii-EMDC:     I-DCAS (1 ummeli wephondo)
Ii-EMDC:     I-WCED (1 ummeli wephondo)

1.5.3 IKomiti yoLawulo (Manco):
      Abameli be-DCAS aba-2
Abameli be-WCED aba-2

1.6 ISigqibo i-MoA sibophelela la masebe mabini ukuba asebenze kunye ekulawuleni, ekuququzeleleni nasekuphumezeni imidlalo yezikolo kwaye sikwabangela ukuba kubekho inkqubo-sikhokelo size simisele umoya omawukhokele uxhase ukwenziwa kweenkonzo zezemidlalo yezikolo apha kwiPhondo leNtshona Koloni.

2. IMEKO NJENGANGOKU
2.1 Imidlalo yezikolo eNtshona Koloni ngoku isebenza yaye iphantsi kwebhanile yolawulo lwe-Western Cape School Sport.
2.2 Ngumsebenzi ekubanjiswene ngawo yiWCED neDCAS ukuqinisekisa ukuba kukho intsebenziswano yokwenene esebenza ngempumelelo, ukuququzelelwa kwemisebenzi, uphuhliso nokwenziwa kweenkonzo zezemidlalo eNtshona Koloni.
2.3 Ilelo nelo igama lekhowudi nganye kwiikhowudi zemidlalo eziphantsi kwephiko leWestern Cape School Sportliya kubhaliswa njenge-"Western Cape School Sport: Code", umzekelo Western Cape School Sport: Umdlalo wesoka okanye Western Cape School Sport: Umdlalo webhola yomnyazi.
2.4 Ishedyuli yeentlanganiso ezisemthethweni ngenyanga imi ngolu hlobo lulandelayo:

2.4.1 Iveki 1:  IKomiti yoLawulo (Manco)
2.4.2 Iveki 2:  Amagosa esithili
2.4.3 Iveki 3:  IKomiti yoLawulo (Manco)
2.4.4 Iveki 4:  I-Exco
2.4.5 Iveki 5:  Iikomitana (Sub-Committees)
2.4.6 Qho ngeenyanga ezintandathu:    IBhunga eliPheleleyo (Full Council)

2.5 Intlanganiso yaMagosa eSithili yenziwa ngaba bameli balandelayo kwii-EMDC nganye nabaya kuhlangana nabaphathi bephondo be-WCED/DACS bemidlalo yezikolo:

2.5.1 Umcebisi ngezekharityhulam ophethe imidlalo yezikolo;
2.5.2 Igosa leDCAS elikhuthaza imidlalo;
2.5.3 Igosa leDCAS elijongene nothatho-nxaxheba kwimidlalo luninzi lwezikolo;
2.5.4 Ummeli we-HIV & AIDS Life Skills; kunye;
2.5.5 Nomququzeleli weZikolo eziKhuselekileyo.

2.6 Iikomitana ziya kuhlangana zizezi komitana zilandelayo, kube yileyo naleyo komiti yodwa:

2.6.1 Eyomgaqo-nkqubo, uphando nophuhliso;
2.6.2 Eyeekhowudi;
2.6.3 Eyeetumente, eyeminyhadala neyokuqatshelwa kweetalente;
2.6.4 Eyemali, eyokuzithengisa, eyeebhajethi neyokuthenga izixhobo neenkonzo;
2.6.5 Eyee-akhayivi (idatha, iirekhodi, amalungiselelo nezibonelelo); kunye
2.6.6 NeyeNguqu

2.7 Njengoko sele zimiselwe ngoku ezi Komiti zikaZwelonke nezePhondo zokuQuquzelela iMidlalo yeZikolo, inyathelo elilandelayo lelokuseka i-District Co-ordinating Committee (DISCOC) yeMidlalo yeZikolo eza kwenziwa kwi-EMDC nganye. Le nkqubo iza kwenziwa ngolu hlobo lulandelayo:
2.7.1 Iiseshoni zengcaciso zeDISCOC nokusekwa kwezitraksha zeDISCOC, ziya kuqhubeka ngoMvulo we-16 Julayi 2007 ukuya kuLwesihlanu we-31 Agasti 2007. I-EMDC nganye iya kwenza iseshoni yayo yengcaciso ibeke imihla neendawo zokuyiqhubela.
2.7.2 Emva koko kuya kuphehlelelwa ngokusesikweni iDISCOC ukususela ngoMvulo we-3 Septemba 2007 ukuya kuLwesihlanu we-21 Septemba 2007. I-EMDC nganye iya kumisela umhla wayo wokuphehlelelwa ngokusesikweni kwale komiti.
2.7.3 Istraksha ngasinye se-DISCOC siya kwenziwa yile mibutho/ zezi zitraksha zilandelayo:

2.8 Amanqanaba olawulo lwezemidlalo ezikolweni apha kwiPhondo leNtshona Koloni aya kuba ngala alandelayo:

3. II-PROGRAM EZILUNGISIWEYO

Ezi program zilandelayo zikarhulumente kunye/okanye ezingezizo ezikarhulumente ziyaqhutywa njengangoku kwii-EMDC ezahlukeneyo:


3.1 IIPROGRAM ZIKARHULUMENTE
  3.1.1    Iprogram i-Junior Dipapadi (Foundation Phase)
  3.1.2    Iprogram i-Play Sport
  3.1.3    Iprogram i-Indigenous Games
  3.1.4    Iprogram i-School Sport Mass Participation
  3.1.5    Iprogram i-Code League Games

3.2 IIPROGRAM EZINGEZIZO EZIKARHULUMENTE
  3.2.1    Iprogram i-Skyball(Iiprogram ezilingwayo)
  3.2.2    I-JAG Road Runners (Iiprogram ezilingwayo)
  3.2.3    I-LoveLife Games

4. IZIPHUMO ZOHLENGA-HLENGISO (RE-DESIGN IMPLICATIONS)

Xa kuphunyezwa isicwangciso sohlenga-hlengiso seWCED, ezi zinto zilandelayo ziya kufakwa kwizinto ezintsha ezitshintshileyo:


4.1 Endaweni yee-EMDC ezisi-7, kuya kubakho ezisi-8 eziya kubizwa ngokuba ziZithili. Imidlalo yezikolo iya kumiswa ngohlobo lokuba, iqhutywe, ikhokelwe ize ilawulwe kwi-EMDC nganye/ kwiSithili ngasinye kwezo zisi-8.
4.2 Iizowuni zemidlalo yezikolo njengoko kutshiwo phantsi kuka-2.8 ziya kuba zezesekethe.
4.3 Indawo ezikuzo ii-EMDC/iZithili ziya kuma ngohlobo lokokuba, ngasinye kuzo siya kuwela kwimida yesinye sezithili ezithandathu zikamasipala zaseNtshona Koloni ekuzezi: Cape Metro, Cape Winelands, Central Karoo, Eden, Overberg, ne-West Coast.

5. ISIPHELO
5.1 Abameli beKomiti yoLawulo yeWCSS baya kwenza iinkcazo-ntetho kwiseshoni yokwabelana ngengcaciso yeDISCOC lo gama i-EMDC echaphazelekayo iya kuququzelela yonke inkqubo.
5.2 Makuqatshelwe ukuba imihla namaxesha abekiweyo eeseshoni zokwabelana ngengcaciso zeDISCOC, ukusekwa nokuphehlelelwa ngokusesikweni kwale nkqubo, mayilandelwe ngokuthe ngqo, kangangoko oku kunokwenzeka.
5.3 Ukuqinisekisa ukuba mayibe ngabantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka abanokwabelana ngengcaciso yakutshanje enxulumene nemidlalo yesikolo, ii-EMDC ziyacelwa ukuba zibambe iiseshoni zokwabelana ngengcaciso eziphakathi ko-1 no-4 kwiindawo ezikhethwe ngenxa yezizathu ezithile ezibalulekileyo (strategically placed venues), njengoko kuyimfuneko ukuze apho kunokwenzeka, oko kwenzeke ngethuba elicaciswe apha ngentla.
5.4 Lo gama kunyanzelelike ukuba zonke iinqununu zezikolo nabaququzeleli bemidlalo yezikolo babekho kwiseshoni yengcaciso enye ubuncinane, kucelwa ukuba kuthunyelwe isimemo kubo bonke ootitshala nakwabo bathatha inxaxheba kwimidlalo yezikolo (njengoko kubonisiwe ku-1.5.1 no-1.5.2 umzekelo iimanyano ezihlangeneyo zemidlalo (sport federations), amaBhunga oLawulo eZikolo (SGBs) nakwiimanyano zootitshala (teacher unions)).


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:07:27