1. ISistim yoLawulo lweNgcaciso yezeMfundo kuzwelonke (Education Management Information System (EMIS)), isetyenziselwa ukuqokelela, ukulungiswa nokusasazwa kwedatha yezemfundo noqeqesho ukwenzela ukuba kuvavanywe impumelelo yenkqubo yemfundo ekuphuculeni ukwenziwa kwemfundo ifikeleleke kumntu wonke, ukwenziwa kobulungisa nomgangatho wemfundo; ukubeka esweni ukwenziwa ngempumelelo kokuphunyezwa kwemigaqo-nkqubo; nokulandelela ukuba kuhlangatyezwa kangakanani na ukuvala ukungalingani okubangelwe yimbali yeli yexesha elidlulileyo. Kwiinzame zokufikelela kwezi njongo, kuqhutywa iisaveyi ezimbini ze-EMIS qho ngonyaka (iSaveyi eQuphayo (Snap Survey) neSaveyi yoNyaka (Annual Survey) kwizikolo eziqhelekileyo, kwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa, kumaziko e-ABET nakwiiKholeji ze-FET.
2. Ukuze kube nokuphuculwa umgangatho wedatha eqokelelwe kubalo lwabafundi lonyaka ezikolweni (annual school censuses) isebe lemfundo likazwelonke likuvumile ukuqhutywa kokutshekishwa komgangatho wedatha yamanani abafundi kuzwelonke (national data quality audit) kwithuba leminyaka emithathu, ukuqalela ngo-2007 kunye nokukhethwa kwalo naliphi na iziko lemfundo ukuba libe yinxalenye yesampula. ISebe liqeshe umboneleli-nkonzo, iKhulisa Consortium, ukuba aqhube ukutshekishwa komgangatho wedatha kwi-4% yezikolo zelizwe lonke eziyi-30 185 ezizizikolo zikarhulumente nezizimeleyo eziqhelekileyo, izikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa, amaziko e-ABET neeKholeji ze-FET.
3. Ngako oko ke uyacelwa ukuba uqinisekisa ukuba idatha enikwe kwiifom zeSaveyi eQuphayo neSaveyi yoNyaka iqokelelwa kwezi rekhodi zilandelayo:
  • Irejista yesikolo yokwamkela abafundi
  • Iirejista zokuhamba isikolo kwabafundi zeminyaka 2005 ukuya ku-2007
  • Iishedyuli zokupasa kwabafundi (promotion schedules) zonyaka ka-2006
  • Iirekhodi zabasebenzi nengcaciso engootitshala
  • Iirekhodi zezakhiwo nezibonelelo
  • Inani labafundi ababalwe ngamnye ngamnye (Malunga noku, uyacelwa ukuba udibanise abafundi babe ndawonye. Abafundi mabaye eziklasini bakuba bebaliwe. Kucelwa ukuba wena nootitshala bakho nincedise ekulawuleni abafundi ngexesha lale nkqubo.)
Ezi ngxelo zilapha ngentla mazifumaneke kwakwenziwa isicelo soko, kwaye mazisoloko zihlaziywa qho (kept updated).
4. Abasebenzi abahambela izikolo (fieldworkers) baya kuqhagamshelana nawe xa lusondele usuku lokubalwa kwabafundi. Bakufika esikolweni aba basebenzi, baya kuzazisa ngeleta esayinwe yintsumpa-jikelele yesebe lemfundo lephondo elichaphazelekayo.
5. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho malunga neli phulo.


ISAYINWE: NGU-S MAFANGA-KIBI
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:11:06