INGCACISO EMFUTSHANE: | DQA/0007/2007 |
IYA: | ABASEBENZI BAKWANDLUNKULU, ABASEBENZI ABAKWII-EMDC, NAKWIINQUNUNU NOOTITSHALA |
| INKOMFA ENGOMGANGATHO KWIMFUNDO: AMALUNGISELELO |
1. |
Oku kubhekiselele kule Ngcaciso iMfutshane yeCandelo loQinisekiso lweMigangatho Quality Assurance Minute 0007/2007.
|
2. |
ICandelo loQinisekiso lweMigangatho linqwenela ukubulela bonke abo babhalisele inkomfa ngomdla wabo abawubonisileyo. Ngokwenjenje kungqinwa ubhaliso lwabo bonke abantu abafom zabo zobhaliso zafika ngaphambi okanye ngomhla we-3 Agasti 2007.
|
3. |
Bonke abathunywa bayacelwa ukuba bathathele ingqalelo la malungiselelo alandelayo:
|
3.1 |
Iindleko zokulala ziya kuba lityala lomthunywa ngamnye.
|
3.2 |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuhlawula iindleko zohambo zabo bathunywa basebenzisa izithuthi zabo zabucala ekufuneka behambe ngaphezu kwe-100 km uhambo olusinga calanye (o.k.t. uhambo lokuya nokubuya ubuncinane oluyi-200 km) ukusuka emakhayeni abo ukuya kwindawo yenkomfa.
|
3.3 |
Amagama abo bonke abathunywa ababhalisileyo aya kufakwa kwakhona kweli ziko lewebhu lecandelo loQinisekiso lweMigangatho http://wced.wcape.gov.za/dqa. Ukuba unayo nayiphi na intandabuzo, unga-imeyilela umququzeleli weziganeko (events co-ordinator), uNks Faith Carthwright, kule dilesi ye-imeyili footprints1@netactive.co.za.
|
4. |
Le nkomfa iqala ngoLwesihlanu, we-24 Agasti 2007 ize iphele ngoMgqibelo, we-25 Agasti 2007. Ubhaliso luvula ngo-7:30 nge-24 Agasti 2007.
|
ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:13
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|