1. Ukungqinelana nenkqubo yophuhliso ye-IQMS, kunyanzelekile ukuba isikolo ngasinye sibe nesiCwangciso soPhuculo lweSikolo (School Improvement Plan (SIP)). Igama elithi "isiCwangciso soPhuculo lweSikolo" lithatha indawo yegama elithi "isiCwangciso soPhuhliso lweSikolo" (School Development Plan) (SDP). Izizathu zolu tshintsho zezi zilandelayo:
  • IMvumelwano yoThetha-thethwano 8 ka-2003 (Collective Agreement 8 of 2003) isebenzisa igama elithi isiCwangciso soPhuculo lweSikolo (School Improvement Plan). Ngako oko ke eli gama lisetyenziswa kwilizwe lonke.
  • Ngokungafaniyo ne-SDP, ekungakho umahluko kwisikolo nesikolo kwezona zinto zigxininiswayo nakwifomathi, isiCwangciso soPhuculo lweSikolo sisekelwe kuzo zoLithoba iiNkalo eziGxininiswayo zovavanyo lwesikolo siphela (whole school evaluation) (WSE)) nakwiimfuno zoqeqesho zootitshala nabasebenzi besikolo.
2. ISebe i-WCED liya kuzifaka ii-SIP zazo zonke izikolo kwi-EduInfo Search. Oku kuya kwenza ukuba abasebenzi abanika inkxaso bezithili nabakwaNdlunkulu bathi, kuselithuba phambi kokuba batyelele isikolo eso, bazazi ngokupheleleyo iinjongo zesikolo kunye neemfuno zaso zoqeqesho nezenkxaso. Oku kuya kuthi kwakhona kwenze kube lula kwiSebe i-WCED ukuququzelela ngokuhlangeneyo indlela yokujongana neemfuno zezikolo. Inkqubela eyenziwe zizikolo malunga nemisebenzi yazo neethagethi zazo iya kuchazwa kwakhona kwii-SIP ezikwi-EduInfo Search.
3. Siyayivuma into yokuba uninzi lwezikolo zinesiCwangciso soPhuhliso lweSikolo (School Development Plan) sika-2007. Njengoko zonke iinqununu zisandula kufumana uqeqesho lokuzivavanya kwesikolo ngokwaso (school self-evaluation) (SSE)) nakwifomathi ye-SIP entsha, ziyacelwa izikolo ukuba zidrafte i-SIP yazo ka-2008 ngefomathi entsha. Makuthathelwe ingqalelo kwakhona iinkalo ezigxininiswayo (focus areas) ezazingazange zilungiswe kwi-SDP. Makufakwe kunye neethagethi kwi-SIP, umz. iithagethi zoLwazi lokuFunda nokuBhala nezoLwazi lokuBala.
4. Ngethuba lokuzivavanya kwesikolo ngokwaso (SSE) kunyanzelekile ukuba izikolo ziphendule ngokuchanekileyo kwimibuzo yekhrayitheriya yeeNkalo eziGxininiswayo eziLithoba ukwenzela ukuba ii-SIP zibe nokuqaphela iimfuno zezikolo zize ngokwenjenjalo zinike iSebe i-WCED umbono ocacileyo weemfuno kanye emakuhlangatyezwane nazo. Kuqhotyoshelwe apha ithempleyithi ye-SIP eza kusetyenziswa zizo zonke izikolo.
5. Umhla obekiweyo wokungeniswa kwazo zonke ii-SIP zika-2007, ngowe-28 Novemba 2007. ICandelo loQinisekiso lweMigangatho liya kubeka esweni inkqubela lize liphendule nemibuzo ukususela kuJulayi ukuya ku-Oktobha 2007.


ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:06:06

IFOM YESICWANGCISO SOPHUCULO LWESIKOLO  (ubukhulu: 8 KB)
IIMFUNO ZOPHUHLISO LWEZAKHONO ZOOTITSHALA  (ubukhulu: 27 KB)