INGCACISO EMFUTSHANE: | DQA/0005/2007 |
IYA: | KUBALAWULI BEE-EMDC, KUBAPHATHI BEESEKETHE ABAKHULU, KUBAPHATHI BEESEKETHE NAKWIINTLOKO ZAWO ONKE AMAZIKO EMFUNDO |
| I-IQMS 2007: IIMVAVANYO EZANDLALELAYO ZABO BAYENZA OKOKUQALA NGQA LE NKQUBO |
1. |
Le ngcaciso emfutshane ibhekiselele kwiimvavanyo ezandlalelayo zootitshala abasandula ukugqiba ukufunda, abaqeshwa okokuqala ngqa kwisebe lemfundo, nabo bakhe balishiya eli sebe baza baphinda babuya okanye abaqeshwe okwethutyana.
|
2. |
Kufanele ukuba ziyagqitywa ngoku iimvavanyo ezandlalelayo zabo bonke ootitshala abasezikolweni abaqale ngo-2007 ukwenza le iNkqubo yoLawulo lwemiGangatho eBanzi (Integrated Quality Management System (IQMS).
|
3. |
Amanqaku elowo nalowo titshala makarekhodwe Kuxwebhu Lwamanqaku Ovavanyo Oluquphayo Otitshala Ngamunye (Ifom QA5).
|
5. |
La maxwebhu makangeniswe kumququzeleli we-IQMS kwi-EMDC ziinqununu zamaziko achaphazelekayo phambi okanye ngoLwesihlanu, we-20 Apreli 2007. Iimfuno zezophuhliso zaba titshala zifanele ukuba ziqatshelwa yaye kufuneka zisingathwe ngethuba lemijikelo yophuhliso lwezakhono emva kokuba kwenziwe uvavanyo, ngokungqinelana neKhalenda ye-IQMS yooTitshala ka-2007. Ziyakhunjuzwa ii-SDT ukuba zenze amalungiselelo ophuhliso lwezakhono zabo bonke ootitshala abakumanqanaba ezithuba ezahlukeneyo, njengoko kuyimfuneko.
|
6. |
Enkosi ngentsebenziswano yakho.
|
ISAYINWE: NGU-S. GALANT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:03:28
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|